IINDUMISO 56:1-13
IINDUMISO 56:1-13 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ndíbabale, Thixo, ngokuba abantu bendizonda; Bandixinile, besilwa yonke imini; Abandilalelayo bandizonda yonke imini, Ngokuba baninzi abalwa nam beziphakamisile. Mhlana ndinxunguphalayo mna, Ndokoholosa ngawe. Ndiya kulidumisa ngoThixo ilizwi lakhe, Ndikholòse ngoThixo, ndingoyiki; Inokundenza ntoni na inyama? Yonke imini bayawaphambanisa amazwi am; Zingam zonke iingcinga zabo zobubi. Baqukene, babonisele, Bona bagcine izithende zam, Ngokokuba belinde umphefumlo wam. Bengamatshinga nje, bosinda na? Zihlise ngomsindo izizwe, Thixo. Ukuphalaphala kwam ùkubhalile wena; Yitha iinyembezi zam entsubeni yakho; Àzisencwadini yakho na? Ziya kubuya umva ke iintshaba zam, mhlana ndibizayo; Ndiyakwazi oku, ukuba uThixo unam. Ndilidumisa ngoThixo ilizwi, Ndilidumisa ngoYehova ilizwi. Ndikholosé ngoThixo, ndingoyiki; Únokundenza ntoni na umntu? Ziphezu kwam, Thixo, izibhambathiso zakho; Ndiya kuyizalisa kuwe imibingelelo yombulelo. Ngokuba uwuhlangule ekufeni umphefumlo wam, Iinyawo zam ekukhubekeni, Ukuba ndihambe phambi koThixo Ekukhanyeni kobomi.
IINDUMISO 56:1-13 IBHAYIBHILE (XHO96)
Awu, Thixo, velana nam, kuba iintshaba ziyandihlasela; maxa onke ziyanditshutshisa. Ewe, ndixinekile yintshutshiso yotshaba; yinyambalala abahlaseli abaqholosayo. Ndakuxineka ndikholosa ngawe. UThixo olizwi ndilidumisayo ndikholosa ngaye ndingenadyudyu. Soze andenze nto umntu. Iintshaba zam ziyaphixanisa; zasoloko ziyila amacebo okundilimaza. Ziphum' izithuba, ziyandilalela; zithene mbende nam. Kaloku ziyandizungula. Babuyekeze ngenxa yezenzo zabo, Thixo; ngamana wabakhahlela phantsi ungenalusizi. Uyakubona ukubhadula kwam, neenyembezi zam uyazibona. Kaloku uyazibhala ezi zinto. Mhla ndabhenela kuwe iintshaba ziya kuphethuka. Ndotsho ndiqonde ukuba uThixo ungakum. UThixo olizwi ndilidumisayo, *uNdikhoyo olizwi ndilidumisayo, ndokholosa ngaye ndingenadyudyu. Soze andenze nto umntu. Ewe, Thixo, ndozifezekisa izithembiso zam, ndenze umbingelelo wokukubulela; kuba undihlangule ekufeni, undisindise ekoyisweni, ukuze ndibe phambi koThixo, ndidle ubomi njalo-njalo.
IINDUMISO 56:1-13 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Iculo likaYonatarokokim, uMikitam kaDavide, ekumthimbeni kwakhe amaFilisti eGati. Osilwa imini yonke uyanditshutshisa. Iintshaba zam bezindidla yonke imini, Ngokuba baninzi abalwa nam, Wena usenyangweni. Nokuba ndinkwantya kangakanani na, ndiya kukuthemba; Ndiya kulidumisa ilizwi likaThixo, Ndikholose ngoThixo; Andiyi koyika ukuba inyama inokundenza ntoni na. Imihla yonke bayawachitha amazwi am; zonke iingcinga zabo zindichasile. Baqhubile, bayasithela, Babonisela ukunyathela kwam, Ngokokuba belinde umphefumlo wam. Baya kusinda na ngobugqwetha? Bahlise ngomsindo, Thixo abantu; Ukubhadula kwam unokuxela, Iinyembezi zam uziphalazela esityeni sakho; Ayikho encwadini yakho na? Ekubizeni kwam kuwe, zobuya zibuye iintshaba zam; endikwaziyo; ngokuba uThixo unam. Ndilidumisa ngoThixo ilizwi lakhe, Ndilidumisa ngoYehova ilizwi. Ndikholose ngoThixo, ndingoyiki; Thixo, isithembiso sakho siphezu kwam; ndiya kukubonga. Ngokuba uwuhlangule ekufeni umphefumlo wam; Akuyi kuzikhulula na iinyawo zam ekukhubekeni, Ukuba ndihambe phambi koThixo ekukhanyeni kobomi?
IINDUMISO 56:1-13 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
YIBA nofefe kum, TIXO! ndinxanyelwe ngumntu; esilwa imihla yonke nje, uyandincinezela. Abandihlolayo bandinxamele imihla yonke: ngokuba bebaninzi abalwayo nam ngoqanqalazo. Mhlana ndoyikayo, ndiya kutembela kuwe. KUTIXO ndiya kudumisa ilizwi lake; nditembele KUTIXO, andiyi kwoyika; inyama ingenza nto nina kum? Imihla yonke bayawajika amazwi am: onke amaqinga abo angawobubi ngakum. Bayabutelana, bayazifihla, bayahlola imikondo yam, ekubeni balinda ubomi bam. Baya kusinda ngenkohlakalo na? kahlela abantu ngengqumbo, TIXO! Imbadulo zam uzibalile wena: faka inyembezi zam entsubeni yako; aziko encwadini yako na? Mhlana ndibizayo, oko intshaba zam ziya kubuya ngomva: oku ndiya kwazi; ngokuba UTIXO engecala lam. KUTIXO ndiya kudumisa ilizwi lake; KUYEHOVA ndiya kudumisa ilizwi lake. Nditembele KUTIXO, andiyi kwoyika; umntu angenza nto nina kum? Izibambiso zako zipezu kwam, TIXO! ndiya kuhlaula kuwe ngemibulelo. Ngokuba uhlangule umpefumlo wam ekufeni: akuyi kuhlangula inyawo zam ekuweni na, ndize ndihambe ebusweni BOTIXO ekukanyeni kwabahleliyo?