YIBA nofefe kum, TIXO! ndinxanyelwe ngumntu; esilwa imihla yonke nje, uyandincinezela. Abandihlolayo bandinxamele imihla yonke: ngokuba bebaninzi abalwayo nam ngoqanqalazo. Mhlana ndoyikayo, ndiya kutembela kuwe. KUTIXO ndiya kudumisa ilizwi lake; nditembele KUTIXO, andiyi kwoyika; inyama ingenza nto nina kum? Imihla yonke bayawajika amazwi am: onke amaqinga abo angawobubi ngakum. Bayabutelana, bayazifihla, bayahlola imikondo yam, ekubeni balinda ubomi bam. Baya kusinda ngenkohlakalo na? kahlela abantu ngengqumbo, TIXO! Imbadulo zam uzibalile wena: faka inyembezi zam entsubeni yako; aziko encwadini yako na? Mhlana ndibizayo, oko intshaba zam ziya kubuya ngomva: oku ndiya kwazi; ngokuba UTIXO engecala lam. KUTIXO ndiya kudumisa ilizwi lake; KUYEHOVA ndiya kudumisa ilizwi lake. Nditembele KUTIXO, andiyi kwoyika; umntu angenza nto nina kum? Izibambiso zako zipezu kwam, TIXO! ndiya kuhlaula kuwe ngemibulelo. Ngokuba uhlangule umpefumlo wam ekufeni: akuyi kuhlangula inyawo zam ekuweni na, ndize ndihambe ebusweni BOTIXO ekukanyeni kwabahleliyo?
Funda Amaculo 56
Share
Compare All Versions: Amaculo 56:1-13
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos