IMIZEKELISO 31:10-31
IMIZEKELISO 31:10-31 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Umfazi onesidima ngubani na ongamfumanayo? Lingaphezulu nakwikorale• ixabiso lakhe. Ikholose ngaye intliziyo yendoda yakhe, Ayisayi kuswela nto. Uyiphatha kakuhle, kungabi kakubi, Yonke imihla yobomi bakhe. Ufuna uboya begusha neflakisi,• Asebenze ethumekelele ngezandla zakhe. Unjengeenqanawa zabarhwebi, Ukuya kuthabatha kude ukudla kwakhe. Uvuka kwasebusuku, Ayinike into edliwayo indlu yakhe, Awunike umsebenzi wawo umthinjana wakhe. Unkqangiyela intsimi ayizuze; Ngeziqhamo zezandla zakhe utyala isidiliya. Ubhinqa amandla emanqeni akhe, Ayomeleze imikhono yakhe. Uyakuva ukuba kulungile ukurhweba kwakhe; Isibane sakhe asicimi ebusuku. Uzibeka izandla zakhe entongeni yokuluka, Neminwe yakhe ibamba isikhanda sento yokuluka. Isandla sakhe usitwabululela olusizana, Azolulele izandla zakhe kumahlwempu. Indlu yakhe akayoyikeli, mhlana ngekhephu, Kuba yonke indlu yakhe yambethe ezisithileyo. Uzenzela imiqamelo; Yilinen ecikizekileyo kwanemfusa isambatho sakhe. Iyaziwa indoda yakhe emasangweni, Ekubutheni kwayo namadoda amakhulu elizwe. Wenza iingubo zelinen entle, Athengise ngazo, athengise ngemibhinqo kumaKanan. Ngamandla nobungangamela isambatho sakhe; Usuka ahleke ngemini ezayo. Umlomo wakhe uwuvula ngobulumko; Umyalelo onenceba uselulwimini lwakhe. Uyayondela ihambo yendlu yakhe, Angasidli isonka sobuvila. Bayasuka oonyana bakhe, bathi unoyolo; Iyasuka indoda yakhe imdumise; Ithi, Zininzi iintombi ezenza ngokunesidima; Ke wena uzidlule zonke ziphela. Bubuxoki ubuhle, ngamampunge ubunzwakazi; Ngumfazi owoyika uYehova yedwa oya kudunyiswa. Mnikeni kwiziqhamo zezandla zakhe, Zimdumise emasangweni izenzo zakhe.
IMIZEKELISO 31:10-31 IBHAYIBHILE (XHO96)
Awu, akanqabe ngako umfazi onesidima! Lingaphezulu lee nakumatye anqabileyo ixabiso lakhe! Onjalo uthenjiwe mpela yindoda yakhe, futhi ke ayihlelelekanga nganto. Uyiphatha kakuhle, kungabi kakubi, yonke imihla yobomi bakhe. Uthatha umqhaphu newulu, asebenze ngenkuthalo ngezandla zakhe. Uhamba njengeenqanawa zabarhwebi, efuna ukutya kosapho nakwelikude. Uvuka kusathi qhekre ukusa, alungiselele usapho ukutya, anike izicakazana zakhe imiyalelo. Uyayigqala intsimi, aze ayithenge, athathe kwimali ayisebenzeleyo, atyale isidiliya. Usoloko ebhinqa omfutshane; iingalo zakhe zimelana nawo wonke umsebenzi. Uyayiqwalasela inzuzo yokushishina kwakhe; isibane sakhe asicimi ebusuku. Izandla zakhe aziyeki ukuphotha, neminwe yakhe ayisuki kumashini wokuluka. Isandla sakhe sisoloko sivulekile kumahlwempu; ewe, izinwe zakhe zifikelela nakwabasweleyo. Akanaxhala noba selikhithika, kuba kaloku usapho lwakhe lunezingayiwayo iimpahla zobusika. Uzenzela iingubo zokwandlala ezihonjisiweyo kunene; unxiba ezelaphu elihle elimsobo. Nendoda yakhe iyaziwa enkundleni ngasemasangweni, apho ihlala khona namadoda amakhulu elizwe. Uthunga impahla entle yokunxiba, athengise ngayo; wenza imixwayo ayithengise kubarhwebi. Uthiwe jize ngamandla nesidima, ibe ke akanaxhala ngengomso. Xa evula umlomo uthetha ngobulumko; xa enika iziluleko oko ukwenza ngenceba. Ulalusile ikhaya lakhe; akasidli isonka sobuvila. Abantwana bakhe bayamhlonela, bathi unoyolo; nendoda yakhe ungayiva imncoma, isithi: “Baninzi abafazi abenza imisebenzi emihle; kodwa wena ubagqwesa bonke!” Umfazi onomtsalane angakukhohlisa, ke bona ubuhle buyatshitsha; kuphela ngumfazi ohlonela *uNdikhoyo oya kubongwa. Ncoma umwonge ngenxa yoko kwenziwa zizandla zakhe; ewe, makutyibelwe kudombozwe ngemisebenzi yakhe naphaya emasangweni.
IMIZEKELISO 31:10-31 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngubani na ongamfumanayo umfazi olungileyo? Kuba ixabiso lakhe lingaphezulu leeperile. Ikholose ngaye intliziyo yendoda yakhe, ukuze angaphangi; Uyiphatha kakuhle, kungabi kakubi, yonke imihla yobomi bakhe; Ufuna uboya begusha nelinen ecikizekileyo, Asebenze ngokuqhutywa yintliziyo ngezandla zakhe. Unjengeenqanawa zabarhwebi; uya kuthabatha kude ukudla kwakhe. Uvuka ekuseni, ayinike ukudla indlu yakhe nabakhonzazana bakhe. Uyalikhangela ilizwe, alithenge; ngeziqhamo zezandla zakhe utyala isidiliya. Ubhinqa amandla esinqeni sakhe, Womeleza izandla zakhe. Uyawubona umsebenzi wakhe ulungile; Isibane sakhe asicimi ebusuku. Ubeka izandla zakhe phezu kwentonga yokusonta, nezandla zakhe zibambe ihagu. Isandla sakhe usolulela kwihlwempu; Ewe, izandla zakhe uzolulela kumahlwempu. Ikhephu akaboyiki, ngenxa yabasendlwini yakhe, kuba elowo endlwini yakhe uvathe iingubo ezibomvu; Uzenzela ezakhe iingubo ngengubo; iimpahla zakhe ziyisilika nezimfusa. Iyaziwa indoda yakhe emasangweni, ngokuba ihleli namadoda amakhulu elizwe. Wenza ilinen ecikizekileyo, athengise ngayo; amabhanti uwanike umthengisi. Ngamandla nozuko ziingubo zakhe; kwaye uya kunandipha ikamva. Umlomo wakhe uwuvula ngobulumko; Umyalelo wenceba uselulwimini lwakhe. Unikela ingqalelo ekushukumeni kwabasendlwini yakhe, yaye akasidli isonka sevila. Bayasuka oonyana bakhe, bathi unoyolo; nendoda yakhe, imdumise; Zininzi iintombi ezenza kakuhle, kodwa wena uzidlule zonke. Ubukumkani buyakhohlisa, ubuhle bungamampunge; kodwa ngumfazi owoyika uYehova oya kudunyiswa. Mnikeni kwiziqhamo zezandla zakhe; zimdumise emasangweni omzi izenzo zakhe.
IMIZEKELISO 31:10-31 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
UMFAZI otembekileyo ngubanina ongamfumanayo? ngokuba ixabiso lake ligqitisele irubi kakulu. Intliziyo yendoda yake iyatembela kuye, ukuze ingasweli inzuzo. Uya kuyenza okulungileyo, angayenzi okubi, yonke imihla yobomi bake. Uyafuna uboya nefelase, anyamekele ukusebenza ngezandla zake. Unjengazo inqanawa zabatengi; uyazeka ukutya kwake kwa kude. Kanjalo uyavuka kusesebusuku, aze anike abendlu yake ukudla, nezicakakazi zake okuzimiselweyo. Uyacingela intsimi, ayizuze ke; ngesixakato sezandla zake uyatyala umyezo. Uyabinqa isinqe sake ngamandla, azomeleze ingalo zake. Uyaqiqa ukuba intengo yake ilungile; isibane sake asicimeki ebusuku. Izandla zake uyazolulela kuso isipindele; neminwe yake iyabamba idistafe. Isandla sake uyasitwabululela olihlwempu, nezandla zake uyazolulela osweleyo. Akoyikeli abendlu yake ngenxa yengqweqwe; ngokuba bonke abendlu yake bambesiwe ngengubo ezibomvu. Uyazenzela izigubungelo zokwandlala; yiqiya eshiceneyo neyebomvumnyama ukuvata kwake. Indoda yake iyaziwa emasangweni, nxa ihleli nabadala belizwe. Uyenza ihempe zeqiya, atengise ngazo; nemibinqo uyayinikela umtengi. Amandla nodumo sisivato sake; kanjalo uyahlekela ixesha elizayo. Uyavula umlomo wake ngobulumko; nomteto wobubele upezu kwolwimi lwake. Uyabonela emikweni yabendlu yake; nesonka sobuvila akasidli. Abantwana bake bayasuka, bambize ngonetamsanqa; iyasuka indoda yake, imdumise: Zininzi intombi ezenzileyo ngokukolisa, kodwa wena ugqitisile pezu kwazo zonke! Isoya sibuxoki, nobunzwakazi buyinto engendawo; kodwa umfazi omoyikayo UYEHOVA, yena uya kudunyiswa. Mnikeni ngokwesixakato sezandla zake; eyake imisebenzi mayimdumise emasangweni.