Imizekeliso 31:10-31

Imizekeliso 31:10-31 XHO1902A

UMFAZI otembekileyo ngubanina ongamfumanayo? ngokuba ixabiso lake ligqitisele irubi kakulu. Intliziyo yendoda yake iyatembela kuye, ukuze ingasweli inzuzo. Uya kuyenza okulungileyo, angayenzi okubi, yonke imihla yobomi bake. Uyafuna uboya nefelase, anyamekele ukusebenza ngezandla zake. Unjengazo inqanawa zabatengi; uyazeka ukutya kwake kwa kude. Kanjalo uyavuka kusesebusuku, aze anike abendlu yake ukudla, nezicakakazi zake okuzimiselweyo. Uyacingela intsimi, ayizuze ke; ngesixakato sezandla zake uyatyala umyezo. Uyabinqa isinqe sake ngamandla, azomeleze ingalo zake. Uyaqiqa ukuba intengo yake ilungile; isibane sake asicimeki ebusuku. Izandla zake uyazolulela kuso isipindele; neminwe yake iyabamba idistafe. Isandla sake uyasitwabululela olihlwempu, nezandla zake uyazolulela osweleyo. Akoyikeli abendlu yake ngenxa yengqweqwe; ngokuba bonke abendlu yake bambesiwe ngengubo ezibomvu. Uyazenzela izigubungelo zokwandlala; yiqiya eshiceneyo neyebomvumnyama ukuvata kwake. Indoda yake iyaziwa emasangweni, nxa ihleli nabadala belizwe. Uyenza ihempe zeqiya, atengise ngazo; nemibinqo uyayinikela umtengi. Amandla nodumo sisivato sake; kanjalo uyahlekela ixesha elizayo. Uyavula umlomo wake ngobulumko; nomteto wobubele upezu kwolwimi lwake. Uyabonela emikweni yabendlu yake; nesonka sobuvila akasidli. Abantwana bake bayasuka, bambize ngonetamsanqa; iyasuka indoda yake, imdumise: Zininzi intombi ezenzileyo ngokukolisa, kodwa wena ugqitisile pezu kwazo zonke! Isoya sibuxoki, nobunzwakazi buyinto engendawo; kodwa umfazi omoyikayo UYEHOVA, yena uya kudunyiswa. Mnikeni ngokwesixakato sezandla zake; eyake imisebenzi mayimdumise emasangweni.