IMIZEKELISO 30:24-33
IMIZEKELISO 30:24-33 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Izinto ziné ezincinane emhlabeni, Kanti zilumke kakhulu: Iimbovane ngabantu abangenamandla Kanti zilungisa ukudla kwazo ehlotyeni; Iimbila ngabantu abangòmeleleyo, Kanti zimisa izindlu zazo emaweni; Iinkumbi azinakumkani, Kanti ziphuma zingamaqela ngamaqela zonke; Icilitshe ùnako ukulibamba ngezandla, Kanti lisemabhotweni ookumkani. Izinto zintathu ezihamba ngokunyalasa, Hayi, ziné ezilungisayo ukuhamba: Yingonyama, igorha phakathi kwezinto ezizitho ziné, Elingabuyi umva phambi kweento zonke; Yinja elingesi; nokuba yinkunzi yebhokhwe; Ngukumkani enomkhosi wakhe. Ukuba ùthe wenza ngobudenge ngokuziphakamisa, Nokuba uthe wankqangiyela, Beka isandla emlonyeni. Kuba ukucofa ubisi kuvelisa amasi, Ukucofa impumlo kuvelisa igazi, Ukucofa umsindo kuvelisa imbambano.
IMIZEKELISO 30:24-33 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kukho izinto ezine ezincinane emhlabeni, kodwa zilumke gqitha. Iimbovane ziluhlanga oluethe-ethe, kodwa ziqokelela ukutya ehlotyeni. Iimbila zisisizwe esingenamandla, kanti zimisa izindlu zazo emaweni. Iinkumbi azinankosi, kodwa zihamba amaqela ngamaqela. Icikilishe yinto ongayibamba nangesandla sakho, kodwa liyafumaneka nakumabhotwe ookumkani. Zintathu izinto ezibukelekayo xa zihamba; gxebe, zine ezichul' ukunyathela: yingonyama, igorha phakathi kwezilwanyana, yona ingahlehliyo nakweyiphi na into; ngumqhagi ondolosayo; yinkunzi yebhokhwe; ngukumkani ephahlwe ngumkhosi wakhe. Ukuba wenze izinto zobudenge waziphakamisa, okanye ukuba uthe waceba ububi, khawuthi xha! Wakulucofa ucwambu kuvela ibhotolo, wakuyixhimfa impumlo isuka yophe, wakuxhokonxa umsindo kugqabhuka imbambano.
IMIZEKELISO 30:24-33 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kukho izinto ezine ezingenamandla ehlabathini, kambe ke zilumkile; Iimbovane luhlanga oluthambileyo, Isuka ilungise ukudla kwayo ehlotyeni; Iimbila zimbalwa, kodwa izindlu zabo zakhela emaweni; Iinkumbi azinakumkani, ziphela zingamaqela ngamaqela; Icilitshe libamba izandla zalo, Kanti lisemabhotweni ookumkani. Kukho izinto ezintathu ezihamba kakuhle, ewe, zine zihamba kakuhle: Ingonyama le inamandla phakathi kwezilwanyana, ayijiki mntwini; Ingwenya emnyama; kunye nomntwana; nokumkani ekungekho bani unokuma phambi kwakhe. Ukuba uthe wenza ngobudenge ngokuziphakamisa, nokuba uthe wakhumbula ububi, beka isandla emlonyeni. Kuba ukucofa ubisi kuvelisa amasi, Ukucofa impumlo kuvelisa igazi
IMIZEKELISO 30:24-33 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kuko izinto zine ezincinane pezu kwomhlaba, kanti zilumkile zona kakulu: Imbovane zingabantu abangenamandla, kanti ziyalungisa ukutya kwazo ehlotyeni. Imbila zingabantu ababutataka, kanti ziyamisa izindlu zazo eweni. Inkumbi azinakumkani, kanti ziyapuma zonke ngamabandlabandla. Isigcawo siyabambelela ngezandla zaso, sibako nasezingxandeni zokumkani. Kuko izinto zintatu ezilungisa ukunyatela; ewe, zine ezilungisa ukuhamba: Yingonyama, enobuṙoti pakati kwamaṙamncwa, ingabuyi nakwelinye; yinja yomoya; nenkunzi yebokwe; nokumkani okungeko ukumelana naye. Ukuba wenzile ngobudenge ekuzipakamiseni, nokuba uqingile okukohlakeleyo, isandla sibe semlonyeni! Ngokuba ukuncinezelwa kwamasi kuvelisa inqaka, nokuncinezelwa kwempumlo kuvelisa igazi; kwa njalo ukuncinezelwa kwomsindo kuyavelisa impikiswano.