Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IZAFOBE 30:24-33

IZAFOBE 30:24-33 XHO96

Kukho izinto ezine ezincinane emhlabeni, kodwa zilumke gqitha. Iimbovane ziluhlanga oluethe-ethe, kodwa ziqokelela ukutya ehlotyeni. Iimbila zisisizwe esingenamandla, kanti zimisa izindlu zazo emaweni. Iinkumbi azinankosi, kodwa zihamba amaqela ngamaqela. Icikilishe yinto ongayibamba nangesandla sakho, kodwa liyafumaneka nakumabhotwe ookumkani. Zintathu izinto ezibukelekayo xa zihamba; gxebe, zine ezichul' ukunyathela: yingonyama, igorha phakathi kwezilwanyana, yona ingahlehliyo nakweyiphi na into; ngumqhagi ondolosayo; yinkunzi yebhokhwe; ngukumkani ephahlwe ngumkhosi wakhe. Ukuba wenze izinto zobudenge waziphakamisa, okanye ukuba uthe waceba ububi, khawuthi xha! Wakulucofa ucwambu kuvela ibhotolo, wakuyixhimfa impumlo isuka yophe, wakuxhokonxa umsindo kugqabhuka imbambano.