KWABASEFILIPI 1:3-5
KWABASEFILIPI 1:3-5 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ndihlala ndibulela kuye uThixo wam, ekunikhumbuleni kwam konke (ekukhungeni kwam konke ndikhunga ngenxa yenu nonke, ndivuyile), ngenxa yobudlelane benu obubhekisele kuzo iindaba ezilungileyo, kususela kwimini yokuqala kude kube ngoku
KWABASEFILIPI 1:3-5 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ndisoloko ndimbulela qho uThixo wam xa ndinicinga. Naxa ndinikhumbulayo emthandazweni, ndinithandazela nonke ngovuyo, ngenxa yendlela enasebenzisana ngayo nam kwamhla-mnene kumsebenzi wam wokuhambisa iindaba ezimnandi, kude kube ngoku.
KWABASEFILIPI 1:3-5 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ndiyambulela uThixo wam xa ndinikhumbula. Ekukhungeni kwam konke ndikhunga ngenxa yenu nonke, ndivuyiswa; Ngenxa yobudlelane benu obubhekisele kuzo iindaba ezilungileyo, kususela kwimini yokuqala kude kube ngoku
KWABASEFILIPI 1:3-5 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ndiyabulela KUTIXO wam pezu kwako konke ukunikumbula kwam, ndisenza ukukunga kwam ngovuyo, ngamaxesha onke, kuzo zonke izikungo zam ngenxa yenu nonke, pezu kwobudlelana benu ngakuyo ivangeli kuselokwomhla wokuqala kwada kwakaloku nje