INUMERI 16:30-32
INUMERI 16:30-32 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke ukuba uYehova uthe wenza isimanga, umhlaba wakhamisa umlomo wawo, wabaginya, nento yonke abanayo, behla besaphilile baya kwelabafileyo, noqonda ngoko ukuba la madoda amgibile uYehova. Kwathi, ukugqiba kwakhe ukuwathetha onke la mazwi, wacandeka umhlaba obuphantsi kwabo; umhlaba wawuvula umlomo wawo, wabaginya, nezindlu zabo, nabantu bonke bakaKora, nempahla yabo yonke.
INUMERI 16:30-32 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kambe ke ukuba uNdikhoyo wenze into engazange ihle nanini na, kwavuleka umhlaba, waginya la madoda nako konke okwawo, ngohlobo lokuba ehle aye kwelabafileyo ehleli, ze niqonde kakuhle ke ukuba aba bantu bamdelile uNdikhoyo.” Wathi ke egqiba nje ukuthetha, suka waqhekeka umhlaba! Bimbilili wabaginya ooDatan noAbhiram ndawonye nemizi yabo, ngokunjalo nabalandeli bakaKora nako konke ababenako.
INUMERI 16:30-32 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke ukuba uYehova uthe wenza into entsha, umhlaba wavula umlomo wawo, wabaginya, nento yonke abanayo, behla baye emhadini behleli; uya kwandula uqonde ukuba kutheni la madoda ehlekisa ngawo uYehova. Akugqiba ukuwathetha onke la mazwi, waqhekeka umhlaba obuphantsi kwabo. Ngoko umhlaba wawuvula umlomo wawo waza wabaginya bona nezindlu zabo nabo bonke abantu bakaKora nempahla yabo yonke.
INUMERI 16:30-32 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kanti ukuba UYEHOVA uyadala ummangaliso, uze umhlaba wakamise umlomo wawo, ubaginye bona, nako konke abanako, bade bahlele esihogweni behleli, niya kwandula nikwazi ukuba lamadoda adelile UYEHOVA. Kwaza kwati, akuba egqibile ukuteta onke lamazwi, umhlaba opantsi kwawo wacandeka; waza umhlaba wavula umlomo wawo, wawaginya wona, nendlu zawo, nabo bonke abantu abalunge kuye u‐Kora, nayo yonke impahla.