UNEHEMIYA 12:27
UNEHEMIYA 12:27 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku ekusungulweni kodonga lweYerusalem kwafunwa abaLevi ezindaweni zabo zonke, ukuba baziswe eYerusalem, ukuba ukusungulwa kwalo kwenziwe ngovuyo, nangemibulelo, nangeengoma, nangamacangci, nangemirhubhe, nangeehadi.
UNEHEMIYA 12:27 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngethuba lonikezelo lodonga lwaseJerusalem abaLevi baya kufunwa apho babehlala khona, baza baziswa eJerusalem, ukuze balubhiyozele ngemihlali unikezelo olo ngeengoma zokubulela, becula bekhalisa amacangci, iihapu, nemirhubhe.
UNEHEMIYA 12:27 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ekusungulweni kodonga lwaseYerusalem, kwafunwa abaLevi kuzo zonke iindawo zabo ukuze babazise eYerusalem, ukuze kusungulwe ngovuyo, ngombulelo ngengoma ngamacangci ngeehadi ngeehadi.
UNEHEMIYA 12:27 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KEKALOKU ekutwasisweni kwodonga lwe‐Yerusaleme, kwafunwa aba‐Levi, kuzo zonke indawo zabo, ukuba baziswe e‐Yerusaleme, kuze kwenziwe ukutwasiswa ngokugcoba, nangokubulela, nangokuvuma, ngesimbali, nangamaculo, nangehadi.