UNEHEMIYA 12

12
Ababingeleli nabaLevi
1Ngabo aba ababingeleli nabaLevi, abenyuka noZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, noYeshuwa: ibinguSeraya, noYeremiya, noEzra, 2noAmariya, noMaluki, noHatushe, 3noShekaniya, noRehum, noMeremoti, 4noIdo, noGinetohi, noAbhiya, 5noMiyamin, noMahadiya, noBhilega, 6noShemaya, noYoyaribhi, noYedaya, 7noSalu, noAmoki, noHilekiya, noYedaya. Abo ibiziintloko zababingeleli nabazalwana babo, emihleni kaYeshuwa.
8AbaLevi: ibinguYeshuwa, noBhinwi, noKademiyeli, noSherebhiya, noYuda, noMataniya obephethe imibulelo, yena nabazalwana bakhe; 9noBhakebhukiya, noUni; abazalwana babo babemalunga nabo besezigxineni.
10Ke uYeshuwa wazala uYoyakim; uYoyakim wazala uEliyashibhi; uEliyashibhi wazala uYoyada; 11uYoyada wazala uYonatan; uYonatan wazala uYaduwa.
12Ke emihleni kaYoyakim bekukho ababingeleli abaziintloko zezindlu zooyise: okaSeraya inguMeraya; okaYeremiya inguHananiya; 13okaEzra inguMeshulam; oka-Amariya inguYohanan; 14okaMeliku inguYonatan; okaShebhaniya inguYosefu; 15okaHarim inguAdena; okaMerayoti inguHelekayi; 16okaIdo inguZekariya; okaGineton inguMeshulam; 17oka-Abhiya inguZikri; okaMinyamin, okaMowadiya inguPiletayi; 18okaBhilega inguShamuwa; okaShemaya inguYonatan; 19okaYoyaribhi inguMatenayi; okaYedaya ingu-Uzi; 20okaSalayi inguKalayi; oka-Amoki inguEbhere; 21okaHilekiya inguHashabhiya; okaYedaya inguNataniyeli.
22Malunga nabaLevi, ngemihla kaEliyashibhi, noYoyada, noYohanan, noYaduwa, kwabhalwa iintloko zezindlu zooyise; nezababingeleli, ebukumkanini bukaDariyo umPersi. 23Oonyana bakaLevi, iintloko zezindlu zooyise, babebhalwa encwadini yemicimbi yemihla, kwada kweza nasemihleni kaYohanan unyana kaEliyashibhi. 24Ke iintloko zabaLevi: ibinguHashabhiya, noSherebhiya, noYeshuwa unyana kaKademiyeli, nabazalwana babo malungana nabo, ukuba badumise, babulele, ngokomthetho kaDavide umfo wakwaThixo, iqela lilunge neqela; inguMataniya, noBhakebhukiya, no-Obhadiya. 25OoMeshulam, noTalemon, noAkubhi babengabamasango, begcina isigxina koovimba bamasango. 26Abo babekho emihleni kaYoyakim unyana kaYeshuwa, unyana kaYotsadaki, nasemihleni kaNehemiya ibamba, noEzra umbingeleli, umbhali.
Ukusungulwa kodonga lweYerusalem
27Ke kaloku ekusungulweni kodonga lweYerusalem kwafunwa abaLevi ezindaweni zabo zonke, ukuba baziswe eYerusalem, ukuba ukusungulwa kwalo kwenziwe ngovuyo, nangemibulelo, nangeengoma, nangamacangci, nangemirhubhe, nangeehadi. 28Bahlanganisana oonyana beemvumi, bevela kuloo mmandla ujikeleze iYerusalem, nasemizini yamaNetofa; 29naseBhete yaseGiligali, nasemihlabeni yaseGebha, neAzemavete; ngokuba iimvumi zazizakhele imizi ejikeleze iYerusalem. 30Bazihlambulula ababingeleli nabaLevi, bahlambulula abantu, namasango, nodonga olo.
31Ndabanyusa abathetheli bakwaYuda phezu kodonga, ndamisa amaqela amakhulu amabini okubulela, enza imityino, elinye lasinga ekunene phezu kodonga esangweni lenkunkuma. 32Emva kwalo kwahamba uHoshaya nesiqingatha sabathetheli bakwaYuda, 33noAzariya, noEzra, noMeshulam, 34noYuda, noBhenjamin, noShemaya, noYeremiya. 35Koonyana bababingeleli benamaxilongo yayinguZekariya unyana kaYonatan, unyana kaShemaya, unyana kaMataniya, unyana kaMikaya, unyana kaZakure, unyana ka-Asafu; 36nabazalwana bakhe: ooShemaya, noAzareli, noMilalayi, noGilalayi, noMahayi, noNataniyeli, noYuda, noHanani, beneempahla zokuvuma zikaDavide umfo wakwaThixo; ke uEzra umbhali ebephambi kwabo. 37Basinga esangweni lomthombo, bathi ngqo, benyuka ngezinyuko zomzi kaDavide, ekunyukeni kodonga bayongamela indlu kaDavide, besa esangweni lamanzi ngasempumalanga.
38Iqela lesibini lokubulela elahamba malunga nelo, ndingasemva kwalo, ndinesinye isiqingatha sabantu, lahamba phezu kodonga, layongamela inqaba ende yamaziko, lesa eludongeni olubanzi; 39lasongamela isango lakwaEfrayim, nesango lodonga oludala, nesango leentlanzi, nenqaba ende kaHananeli, nenqaba ende kaHameha, lada leza esangweni lempahla emfutshane, bamisa esangweni lentolongo.
40Ema ke omabini amaqela okubulela endlwini kaThixo, mna ndinesiqingatha sabaphathi; 41nababingeleli, ooEliyakim, noMahaseya, noMinyamin, noMikaya, noEliyohenayi, noZekariya, noHananiya, benamaxilongo; 42noMahaseya, noShemaya, noEleyazare, noUzi, noYohanan, noMalekiya, noElam, noEzere. Iimvumi zavuma kakhulu, uYezeraya engumphathi wazo.
43Babingelela ngaloo mini imibingelelo emikhulu, bavuya; ngokuba uThixo ubebavuyisile ngovuyo olukhulu. Kananjalo abafazi nabantwana bavuya; kwavakala ukuvuya kweYerusalem namgama.
44Ngaloo mini kwamiswa amadoda okuphatha amagumbi okuba ngoovimba bemirhumo, neentlahlela, nezishumi, ukuba zifunjwe kuwo, ngokwemihlaba yemizi, izabelo ezimiselwe ababingeleli nabaLevi ngomyalelo; ngokuba amaYuda abevuya ngababingeleli nangabaLevi abemiyo. 45Basigcina isigxina sikaThixo wabo, nesigxina sentlambululo; zenjenjalo iimvumi nabamasango, ngokomthetho kaDavide, noSolomon unyana wakhe; 46ngokuba ngemihla kaDavide, kwakudala, uAsafu ubeyintloko yeemvumi, neyokudumisa uThixo, neyokubulela kuye. 47Onke amaSirayeli, ngemihla kaZerubhabheli nangemihla kaNehemiya, abe ezinika iimvumi nabamasango izabelo, into yemini ngangemini yayo, engcwalisela abaLevi, abaLevi bengcwalisela oonyana baka-Aron.

Currently Selected:

UNEHEMIYA 12: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena