Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMARKO 9:30-50

UMARKO 9:30-50 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Bephumile apho, babehamba becanda kwelaseGalili; wayengathandi ukuba kwazi bani; kuba wayebafundisa abafundi bakhe, esithi kubo, UNyana woMntu unikelwa ezandleni zabantu; baya kumbulala; uya kuthi ebulewe, abuye avuke ngomhla wesithathu. Baye bengakuqondi oko kuthetha; baye besoyika nokumbuza. Weza kufika eKapernahum. Akuba esekhaya, wayebabuza esithi, Nibe nicamanga ntoni na phakathi kwenu endleleni? Bahlala ke bathi tu; kuba endleleni babephikisene ngokuthi, Ngubani na omkhulu kunabanye? Akuba ehleli phantsi, wababiza abalishumi elinababini, wathi kubo, Ukuba ubani uthanda ukuba ngowokuqala, woba ngowokugqibela kwabo bonke, nomlungiseleli wabo bonke. Úthabathe umntwana, wammisa phakathi kwabo; emwolile, wathi kubo, Othe wamkela noko amnye wabantwana abanje, egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, akamkeli mna, wamkela lowo wandithumayo. Ke kaloku uYohane wamphendula, esithi, Mfundisi, sabona umntu ekhupha iidemon egameni lakho, ongasilandeliyo thina; samalela ke, ngokuba engasilandeli thina. Wathi ke uYesu, Musani ukumalela; kuba akukho namnye uya kwenza umsebenzi wamandla egameni lam, aze ahle abe nako ukuthetha kakubi ngam. Kuba ongachaseneyo nathi, ungecala lethu. Kuba othe waniseza nendebe le yamanzi egameni lam, ngokuba ningabakaKristu,• inene ndithi kuni, akasayi kuphulukana nomvuzo wakhe. Nothe wakhubekisa noko amnye wabancinane abakholwayo kum, ngekumlungele kanye ukuba ubegangxwe ilitye lokusila entanyeni yakhe, waphoswa elwandle. Nokuba ke isandla sakho sithe sakukhubekisa, sinqamle sona; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisilima, kunokuba uthi, unezandla zozibini, umke uye esihogweni, emlilweni ongacimekiyo, apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo. Nokuba unyawo lwakho luthe lwakukhubekisa, lunqamle lona; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisiqhwala, kunokuba uthi, uneenyawo zombini, uphoswe esihogweni, emlilweni ongacimekiyo, apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo. Nokuba iliso lakho lithe lakukhubekisa, likhuphe lona; kukulungele kanye ukungena ebukumkanini bukaThixo unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo, apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo. Kuba bonke baya kugalelwa ityuwa ngomlilo, athi onke amadini agalelwe ityuwa ngetyuwa. Ityuwa ilungile yona; ke ukuba ithe ityuwa ayaba nabutyuwa, noyivakalisa ngantoni na? Yibani netyuwa phakathi kwenu, nihlale ninoxolo omnye komnye.

UMARKO 9:30-50 IBHAYIBHILE (XHO96)

Bemkile apho, bahamba becanda kwelaseGalili. UYesu wayengafuni ukuba aziwe apho akhona, kuba wayebaxelela abafundi bakhe, esithi kubo: “UNyana woLuntu wonikelwa ezandleni zabantu abaya kumbulala. Wothi ke ebulewe njalo, abuye avuke ngomhla wesithathu.” Bona babengayiqondi into ayithethayo, besoyika nokumbuza ngayo. Bafika ke eKapernahum, waza uYesu akuba sendlwini, wababuza abafundi bakhe esithi: “Benibuzana ngantoni endleleni?” Bahlala bathi tu, kuba endleleni babephikisana ngokuthi ngubani na omkhulu kunabanye. UYesu wahlala phantsi, wababiza abafundi abalishumi elinambini, wathi kubo: “Ukuba ubani ufuna ukuba ngoyena mkhulu, makazenze oyena mncinci kubo bonke, abe sisicaka sabo bonke.” Wathatha umntwana, wammisa phakathi kwabo, wamsingatha, wathi kubo: “Othe egameni lam wamkela noko amnye wabantwana abanje, wamkela mna; nothe wamkela mna, akamkeli mna nje, wamkela lowo wandithumayo.” UYohane wathi kuYesu: “Mfundisi, sibone umntu okhupha iindimoni egameni lakho, saza samnqanda ke, kuba engenguye oweqela labafundi bakho.” Wathi uYesu: “Hayi, ngeningamnqandanga, kuba akukho namnye unokuthi enze ummangaliso egameni lam, aze andigxeke. Ongachasaniyo nathi ungakuthi. Inene, othe wanipha nekomityi le yamanzi ngenxa yam, ngokuba ningabakaKrestu, wowamkela ngokuqinisekileyo umvuzo wakhe.” “Othe wakhubekisa nokuba mnye wabancinane abakholwayo, ngekumlungele kanye ukuba ebegangxwe ilitye lokusila entanyeni, waphoswa elwandle. Ukuba ke isandla sakho sithe sakukhubekisa sinqumle. Kulunge kanye ukuba ungene ebomini usisilima, kunokuba uthi, unezandla zozibini, umke uye esihogweni, emlilweni ongacimiyo, [ apho ‘kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacimiyo.’] Nokuba unyawo lwakho luthe lwakukhubekisa, lunqumle. Kulunge kanye ukuba ungene ebomini usisiqhwala, kunokuba uthi uneenyawo zombini, uphoswe esihogweni, [emlilweni ongacimiyo, apho ‘kumpethu, ingafiyo, kumlilo ungacimiyo.’] Nokuba ke iliso lakho lithe lakukhubekisa, likhuphe. Kulunge kanye ukuxhamla ukulawulwa nguThixo unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo omabini, uphoswe esihogweni, apho ‘kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacimiyo.’ “Umntu ngamnye uya kugalelwa umlilo ngokungathi yityiwa. Ityiwa ilungile, kodwa ukuba ithe ayaba nasongo noyithini na ukuyibuyisela isongo sayo? Yibani nesongo setyiwa phakathi kwenu, nihlale ninoxolo omnye nomnye.”

UMARKO 9:30-50 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Bephumile apho, babehamba becanda kwelaseGalili; wayengathandi ukuba kwazi bani oko; kuba wayebafundisa abafundi bakhe, esithi kubo, uNyana woMntu unikelwa ezandleni zabantu; baya kumbulala; aze emveni kokuba ebulewe, abuye avuke ngomhla wesithathu. Baye bengakuqondi oko kuthetha; baye besoyika nokumbuza. Weza kufika eKapernahum. Akuba esekhaya, wayebabuza esithi, Nibe nicamanga ntoni na phakathi kwenu endleleni? Bahlala bathi cwaka ke; kuba endleleni babebambene ngokuthi, ngubani na omkhulu phakathi kwabo. Akuba ehleli phantsi, wababiza abalishumi elinababini, wathi kubo, Ukuba ubani uthanda ukuba ngowokuqala, woba ngowokugqibela kwabo bonke, nomlungiseleli wabo bonke. Uthabathe umntwana, wammisa phakathi kwabo, wamwola, wathi kubo. Othe wamkela noko amnye wabantwana abanje, egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, akamkeli mna, wamkela lowo wandithumayo. uYohane wamphendula wathi: “Mfundisi, sabona umntu ekhupha iindimoni egameni lakho, kodwa samalela ke, kuba engasilandeli thina. Wathi ke uYesu, Musani ukumalela; kuba akukho namnye uya kwenza umsebenzi wamandla egameni lam, aze abe nako ukuthetha kakubi ngam. Kaloku ongachasiyo ungecala lethu. Kuba othe waniseza nendebe le yamanzi egameni lam, ngokuba ningabakaKristu, inene ndithi kuni, akasayi kuphulukana nomvuzo wakhe. Nothe wakhubekisa noko amnye waba bancinane bakholwayo kum, ngekumlungele kanye ukuba ubegangxwe ilitye lokusila entanyeni yakhe, waphoswa elwandle. Nokuba isandla sakho siyakukhubekisa, sinqumle; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisilima, kunokuba uthi, unezandla zozibini, uye esihogweni, emlilweni ongacimiyo, apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacimiyo. Nokuba unyawo lwakho luya kukhubekisa, lunqumle; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisiqhwala, kunokuba uthi, uneenyawo zombini, uphoswe esihogweni, emlilweni ongacimiyo, apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacimiyo. Ukuba iliso lakho liya kukhubekisa, linyothule; kukulungele kanye ukungena ebukumkanini bukaThixo unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo, apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacimiyo. Kuba bonke baya kugalelwa ityuwa ngomlilo, athi onke amadini agalelwe ityuwa ngetyuwa. Ityuwa ilungile yona, kodwa ukuba ithe ityuwa ayaba nabutyuwa, noyivakalisa ngantoni na? Yibani netyuwa phakathi kwenu, nihlale ninoxolo omnye komnye.

UMARKO 9:30-50 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Baza bapuma kona, bacanda e‐Galili; waye engavumi ke ukuba kube ngowaziyo. Ngokuba ebefundisa abadisipile bake, wati kubo: Unyana wesintu uyanikelwa ezandleni zabantu, abaya kumbulala; waeya kuti akuba ebulewe, abuye avuke ngomhla wesitatu. Kodwa bebengaqondi esositeto; bebesoyika ukumbuza kanjalo. Baza bafika e‐Kapenayume: wati akuba sendlwini, wababuza, esiti: Nibe nipikisana pakati kwenu nganto nina endleleni? Baye besiti tu ke; ngokuba bebepike omnye nomnye endleleni, ngubanina omkulu kwabanye. Waza wahlala pantsi, wabiza abalishumi linababini, wati kubo: Ukuba kuko ofuna ukuba ngowokuqala, uya kuba ngowokugqibela kubo bonke, nomkonzi wabo bonke. Waza watabata umntwana, wammisa pakati kwabo; wandula wamsingata ngengalo, wati kubo: Osukuba esamkela omnye wabantwana abanjalo egameni lam, uyamkela mna; nosukuba esamkela mna, akamkeli mna, koko esamkela lowo wanditumayo. Waza wapendula kuye u‐Johane, esiti: Mfundisi! sabona umntu eziku̔pa idemoni ngegama lako, ongasilandeliyo; saza samalela, ukuba engasilandeli. Kodwa u‐Yesu wati: Ningamaleli; ngokuba kungeko mntu oya kwenza isenzo samandla egameni lam, aze ahle ange angateta kakubi ngam. Ngokuba ongalani nati engecala letu. Ngokuba osukuba eniseza indebe yamanzi egameni lam, ngenxa yokuba ningabaka‐Kristu, ngokwenene nditi kuni, akayi kulahlekana nomvuzo wake nakanye. Nosukuba exakanisa omnye wabo bancinane bakolwayo kum, kulungele yena ngakumbi, ukuba ilitye lokusila belibotshwa ngasentanyeni yake, waza waposelwa elwandle. Kanjalo xeshekweni isandla sako sikuxakanisa, sinqumle; kulungele wena ukuba ungene ebomini usisilima, ngapezu kwokuba uti, unezandla zibini, umkele esihogweni, emlilweni ongacimekiyo, apo impetu yabo ingafiyo, nomlilo ungacinywayo. Naxeshekweni unyawo lwako lukuxakanisa, lunqumle; kulungele wena ukuba ungene ebomini usisiqwala, ngapezu kwokuba uti, unenyawo mbini, uposwe esihogweni, emlilweni ongacimekiyo, apo impetu yabo ingafiyo, nomlilo ungacinywayo. Naxeshekweni iliso lako likuxakanisa, liku̔pe; kulungele wena ukuba ungene ebukumkanini BUKATIXO uneliso linye, ngapezu kwokuba uti, unamehlo mabini, uposwe esihogweni somlilo, apo impetu yabo ingafiyo, nomlilo ungacinywayo. Ngokuba bonke beya kumvumvuzelwa ngomlilo, nawo onke amadini aya kumvumvuzelwa ngetyuwa. Ityuwa yinto elungileyo; kodwa xeshekweni ityuwa yenziwe ingenabutyuwa, niya kuyivakalisa nganto nina? Yibani netyuwa pakati kwenu, nixolane omnye nomnye.