Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ivangeli ka‐Maraki 9:30-50

Ivangeli ka‐Maraki 9:30-50 XHO1902A

Baza bapuma kona, bacanda e‐Galili; waye engavumi ke ukuba kube ngowaziyo. Ngokuba ebefundisa abadisipile bake, wati kubo: Unyana wesintu uyanikelwa ezandleni zabantu, abaya kumbulala; waeya kuti akuba ebulewe, abuye avuke ngomhla wesitatu. Kodwa bebengaqondi esositeto; bebesoyika ukumbuza kanjalo. Baza bafika e‐Kapenayume: wati akuba sendlwini, wababuza, esiti: Nibe nipikisana pakati kwenu nganto nina endleleni? Baye besiti tu ke; ngokuba bebepike omnye nomnye endleleni, ngubanina omkulu kwabanye. Waza wahlala pantsi, wabiza abalishumi linababini, wati kubo: Ukuba kuko ofuna ukuba ngowokuqala, uya kuba ngowokugqibela kubo bonke, nomkonzi wabo bonke. Waza watabata umntwana, wammisa pakati kwabo; wandula wamsingata ngengalo, wati kubo: Osukuba esamkela omnye wabantwana abanjalo egameni lam, uyamkela mna; nosukuba esamkela mna, akamkeli mna, koko esamkela lowo wanditumayo. Waza wapendula kuye u‐Johane, esiti: Mfundisi! sabona umntu eziku̔pa idemoni ngegama lako, ongasilandeliyo; saza samalela, ukuba engasilandeli. Kodwa u‐Yesu wati: Ningamaleli; ngokuba kungeko mntu oya kwenza isenzo samandla egameni lam, aze ahle ange angateta kakubi ngam. Ngokuba ongalani nati engecala letu. Ngokuba osukuba eniseza indebe yamanzi egameni lam, ngenxa yokuba ningabaka‐Kristu, ngokwenene nditi kuni, akayi kulahlekana nomvuzo wake nakanye. Nosukuba exakanisa omnye wabo bancinane bakolwayo kum, kulungele yena ngakumbi, ukuba ilitye lokusila belibotshwa ngasentanyeni yake, waza waposelwa elwandle. Kanjalo xeshekweni isandla sako sikuxakanisa, sinqumle; kulungele wena ukuba ungene ebomini usisilima, ngapezu kwokuba uti, unezandla zibini, umkele esihogweni, emlilweni ongacimekiyo, apo impetu yabo ingafiyo, nomlilo ungacinywayo. Naxeshekweni unyawo lwako lukuxakanisa, lunqumle; kulungele wena ukuba ungene ebomini usisiqwala, ngapezu kwokuba uti, unenyawo mbini, uposwe esihogweni, emlilweni ongacimekiyo, apo impetu yabo ingafiyo, nomlilo ungacinywayo. Naxeshekweni iliso lako likuxakanisa, liku̔pe; kulungele wena ukuba ungene ebukumkanini BUKATIXO uneliso linye, ngapezu kwokuba uti, unamehlo mabini, uposwe esihogweni somlilo, apo impetu yabo ingafiyo, nomlilo ungacinywayo. Ngokuba bonke beya kumvumvuzelwa ngomlilo, nawo onke amadini aya kumvumvuzelwa ngetyuwa. Ityuwa yinto elungileyo; kodwa xeshekweni ityuwa yenziwe ingenabutyuwa, niya kuyivakalisa nganto nina? Yibani netyuwa pakati kwenu, nixolane omnye nomnye.