UMARKO 8:37-38
UMARKO 8:37-38 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Okanye worhola ntoni na umntu, ibe sisananelo somphefumlo wakhe? Kuba othe waneentloni ngam nangamazwi am, kwesi sizukulwana sikrexezayo, sonayo, naye uNyana woMntu woba neentloni ngaye, xa athe weza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa ezingcwele.
UMARKO 8:37-38 IBHAYIBHILE (XHO96)
Okanye umntu wobeka ntoni elingana nexabiso lobomi bakhe? Othe ke waneentloni ndim nangamazwi am kwesi sizukulwana sonayo, sikrexezayo ngokunganyaniseki kuThixo, naye uNyana woLuntu woba neentloni nguye, xa athe weza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa ezingcwele.”
UMARKO 8:37-38 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Okanye worhola ntoni na umntu, ibe sisananelo somphefumlo wakhe? Othe waneentloni ngam nangamazwi am, kwesi sizukulwana sikrexezayo, sonayo, uNyana woMntu woba neentloni ngaye lowo, xa athe weza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa ezingcwele.
UMARKO 8:37-38 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
kanjalo uya kunika nto nina umntu ibe lixabiso elilingana nawo umpefumlo wake? Ngokuba lowo usukuba enentloni ngam nangamazwi am kwesisizukulwana esibuṙexeza nesonayo, woti nonyana wesintu abe nentloni ngaye, akuza ebungcwaliseni BOYISE kunye nengelosi ezingcwele.