UMARKO 5:1-20
UMARKO 5:1-20 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Bafika phesheya kolwandle kummandla wabaseGadara. Akuba ephumile emkhombeni, wahlangatyezwa kwaoko ngumntu onomoya ongcolileyo, ephuma emangcwabeni, obehlala emangcwabeni apho. Kwaye kungekho bani unako ukumbopha nangemixokelelwane; ngenxa yokuba wayebotshwe futhi ngamakhamandela nangemixokelelwane, asuke ayijace yena imixokelelwane, awakroboze namakhamandela; kwaye kungekho bani unamandla okumdambisa. Ube ehlala ubusuku nemini esezintabeni nasemangcwabeni, ekhala, ezijeca ngamatye. Uthe ke akumbona uYesu ekude, wagidima, waya waqubuda kuye, wakhala ngezwi elikhulu, wathi, Yini na enam nawe, Yesu, Nyana kaThixo Osenyangweni? Ndiya kufungisa uThixo ukuba ungandithuthumbisi. Kuba ebethe kuye, Phuma emntwini apho, moyandini ungcolileyo. Wayembuza esithi, Ùngubani na wena igama? Waphendula esithi, NguMkhosi igama lam; kuba sibaninzi. Waye ke embongoza kakhulu ukuba angabandululi bemke kwelo zwe. Bekukho ke apho ngasezintabeni ugxuba olukhulu lweehagu lusidla. Zambongoza zonke iidemon, zisithi, Sithumele ezihagwini, ukuze singene kuzo. Wazivumela kwaoko uYesu. Baphuma ke oomoya abangcolileyo, baya kungena ezihagwini; lwaza ugxuba lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela elwandle; zaye ke iihagu ezo ngathi zimawaka mabini; zarhaxwa elwandle apho. Bathe ke abo babezalusa iihagu basaba, babika ekhaya nasemaphandleni. Baphuma ke baya kuyibona loo nto ihlileyo, ukuba iyintoni na. Bafíke kuYesu, bambone obephethwe ziidemon, lowo ke wayenomkhosi, ehleli, ambathisiwe, enengqondo ephilileyo; baza boyika. Abo babeyibonile le nto babacokisela, ukuba kuthekeni na kobephethwe ziidemon; kwanokweehagu. Baqala ukumbongoza ukuba emke emideni yabo. Akubon' ukuba ungene emkhombeni, wathi lowo ubephethwe ziidemon wambongoza ukuba abe naye. Kodwa uYesu akamvumelanga. Usuke wathi kuye, Hamba, uye endlwini yakho kwabakowenu, ubabikele oko zingako ukuba zinkulu izinto ekwenzele zona iNkosi, yaba nenceba engaka kuwe. Wemka, waqala ukuzivakalisa eDekapoli oko zingako ukuba zinkulu izinto uYesu abemenzele zona; bamangaliswa bonke.
UMARKO 5:1-20 IBHAYIBHILE (XHO96)
Bafika phesheya koLwandle lwaseGalili, kummandla welaseGerasa. Akuba uYesu ephumile esikhitshaneni, wahlangatyezwa ngumntu onendimoni, esuka emangcwabeni, apho wayehlala khona. Ke kwakungekho bani unako ukumbopha nangamatyathanga. Wayemana ebotshwa ngamakhamandela nangamatyathanga, kodwa awaqhawule amatyathanga, awakroboze namakhamandela. Kwakungekho bani unako ukumthoboza. Wayesithi ubusuku nemini ahlale ezintabeni nasemangcwabeni, ekhala, ezixuzula ngamatye. Uthe ke, akubona uYesu esekude, wabaleka, waya kuguqa phambi kwakhe, wakhala kakhulu, wathi: “Ufuna ntoni na kum, Yesu, Nyana kaThixo uPhezukonke? Funga uThixo ukuba akuyi kundithuthumbisa.” Wayesitsho kuba uYesu wayethe kuye: “Phuma kuloo mntu, ndimonindini.” UYesu ke wambuza esithi: “Ungubani wena igama lakho?” Waphendula esithi: “NdinguMkhosi, kuba sibaninzi.” Watsho ebongoza uYesu ukuba iindimoni ezo angazigxothi zimke kwelo zwe. Kwakukho umhlambi omkhulu weehagu usidla apho ngasentabeni; zaza iindimoni ezo zambongoza uYesu, zisithi: “Sithumele ezihagwini, singene kuzo.” Wazivumela ke; zaza zaphuma iindimoni, zaya kungena ezihagwini. Ke umhlambi lowo, owawumalunga namawaka amabini eehagu, waphaphatheka, wehla ethambekeni, waya kweyela elwandle, warhaxwa. Bathe ke abo babezalusa ezi hagu babaleka, bakuxela edolophini nasemaphandleni okwenzekileyo. Baphuma ke abantu baya kubona oko kwenzekileyo. Bafika kuYesu, bambona lowo ubephethwe ngumkhosi weendimoni ehleli phantsi, enxibile, esezingqondweni; baza boyika. Abo babeyibonile loo nto babaxelela okwenzekileyo kobephethwe ziindimoni, nokwenzekileyo ezihagwini. Baza ke bambongoza uYesu ukuba emke kuloo mmandla wabo. Xa wayengene esikhitshaneni uYesu, lowo ubephethwe ziindimoni wambongoza ukuba ahambe naye. Kodwa akamvumelanga; koko wathi kuye: “Goduka, ubaxelele abakowenu oko ikwenzeleyo iNkosi: inceba engaka!” Wemka ke, wakuxela kummandla weeDolophu eziliShumi oko uYesu wayemenzele kona. Bamangaliswa bonke abantu.
UMARKO 5:1-20 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Baza bawelela ngaphesheya kolwandle, kummandla wamaGadara. Akuba ephumile emkhombeni, wahlangatyezwa kwaoko ngumntu onomoya ongcolileyo, ephuma emangcwabeni, owayenekhaya lakhe emangcwabeni; kwaye kungekho bani unako ukumbopha nangemixokelelwane; Ngokuba wayebotshwa futhi ngamakhamandela nemixokelelwane, asuke amatyathanga asuke asuke akhe, awakroboze namakhamandela; Ube ehlala ubusuku nemini esezintabeni nasemangcwabeni ekhala, ezicenta ngamatye. Uthe ke akumbona uYesu esekude, wabaleka, waqubuda kuye. Wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi, Yintoni na enam nawe, Yesu, Nyana kaThixo Osenyangweni? Ndikufungisa uThixo, ukuba ungandithuthumbisi. Kuba ebethe kuye, Phuma emntwini apho, moyandini ungcolileyo. Yambuza ke esithi, Ungubani na igama lakho? Waphendula ke yena esithi, NdinguMkhosi igama lam; kuba sibaninzi. Waye ke embongoza kakhulu ukuba angabandululi bemke kwelo zwe. Bekukho ke apho ngasezintabeni ugxuba olukhulu lweehagu lusidla. Zambongoza zonke iindimoni, zisithi, Sithumele ezihagwini, ukuze singene kuzo. Wazivumela kwaoko uYesu. Baphuma ke oomoya abangcolileyo, baya kungena ezihagwini; lwaza ugxuba olo lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela elwandle; Bathe ke abo babezalusa iihagu basaba, babika ekhaya nasemaphandleni. Baphuma ke abantu, baya kuyibona loo nto ihlileyo. Bafike kuYesu, bambone obephethwe ziidemon, lowo ke wayenomkhosi, ehleli, ambathisiwe, enengqondo ephilileyo; baza boyika. Baza abo babeyibonile le nto babacokisela, ukuba kuthekeni na kobephethwe ziidemon; kwanokweehagu. Baqala ukumbongoza ukuba emke emideni yabo. Akuba engene emkhombeni, lowo ubephethwe ziidemon wambongoza ukuba abe naye. Kodwa uYesu akamvumelanga. Usuke wathi kuye, Hamba, uye endlwini yakho kwabakowenu, ubabikele oko zingako ukuba zinkulu izinto ekwenzele zona iNkosi, yaba nenceba kuwe. Wemka, waqala ukuzivakalisa eDekapoli oko zingako ukuba zinkulu izinto uYesu abemenzele zona; bamangaliswa bonke.
UMARKO 5:1-20 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Baza bafika ecaleni elingapesheya kwolwandle, ezweni lama‐Gadara. Wati akupuma enqanaweni, kwandula ukumkaulela evela emancw̔abeni umntu enomoya onco̔lileyo, obenentlalo yake emancw̔abeni; kwaye kungeko mntu obenako ukumkonxa nangemixokelelwane; ngokuba ebekonxiwe futi ngamakamandela nangemixokelelwane, yasuka yaqaulwa nguye imixokelelwane, aqekezwa namakamandela, kwaza akwabiko mntu obenamandla okumoyisa. Waye ngamaxesha onke, ebusuku nasemini, esezintabeni nasemancw̔abeni, edanduluka, ezityoba ngamatye. Wati kekaloku akubona u‐Yesu ekude, wagidima waya wambedesha, wadanduluka ngelizwi elikulu, wati: Ndiyinto nina kuwe, Yesu, Nyana KATIXO opezu konke? ndikufungisa UTIXO, zungandimbeli! Ngokuba ebesiti kuye: Puma emntwini, wena moya onco̔lileyo! Wabembuza kanjalo, esiti: Ngubanina igama lako? Wapendula ke esiti: Ngu‐Bandlalikulu igama lam; ngokuba sibaninzi. Waza wambongoza kakulu, aze angabandululi kwelozwe. Kwabekuko apo ngasezintabeni umhlambi omkulu wehangu usidla. Zaza zambongoza zonke idemoni, zisiti: Situme siye ezihangwini, ukuze singene kuzo. Waselezivumela ke u‐Yesu. Baza bapuma omoya abanco̔lileyo bangena ezihangwini; kekaloku umhlambi wehangu wagalelekela ngeliwa apo elwandle, (ngati ke bezingamawaka mabini,) zamiwa elwandle. Baza abo ababesalusa ihangu babaleka, bashumayela indawo esixekweni nasemapandleni. Bati ke abantu bapuma ukuya kubona ukuba yinto nina eyenzekileyo. Baye besiza ku‐Yesu, babona lowo obengenelwa zidemoni, ehleli pantsi, evatile, enokuqonda kwake, lowo obenalo ibandla elikulu; basuka boyika. Baza abo babebonile bababalisela ukuba kwatiwa nina kobengenelwa zidemoni, nokwehangu. Baza baqala ukumbongoza ukuba emke emideni yabo. Wati kekaloku akungena enqanaweni, lowo ubengenelwe zidemoni wambongoza ukuba makabe naye. Kodwa u‐Yesu akamvumela, koko wati kuye: Hamba uye endlwini yako, kwabakowenu, ubashumayeze izinto ezingakanana INKOSI ikwenzele zona; nokuba ibinetaṙu kuwe. Waza wemka waqala ukushumayela e‐Dekapolisi izinto ezingakanana abemenzele zona u‐Yesu: bati nqa ke bonke.