Ivangeli ka‐Maraki 5:1-20

Ivangeli ka‐Maraki 5:1-20 XHO1902A

Baza bafika ecaleni elingapesheya kwolwandle, ezweni lama‐Gadara. Wati akupuma enqanaweni, kwandula ukumkaulela evela emancw̔abeni umntu enomoya onco̔lileyo, obenentlalo yake emancw̔abeni; kwaye kungeko mntu obenako ukumkonxa nangemixokelelwane; ngokuba ebekonxiwe futi ngamakamandela nangemixokelelwane, yasuka yaqaulwa nguye imixokelelwane, aqekezwa namakamandela, kwaza akwabiko mntu obenamandla okumoyisa. Waye ngamaxesha onke, ebusuku nasemini, esezintabeni nasemancw̔abeni, edanduluka, ezityoba ngamatye. Wati kekaloku akubona u‐Yesu ekude, wagidima waya wambedesha, wadanduluka ngelizwi elikulu, wati: Ndiyinto nina kuwe, Yesu, Nyana KATIXO opezu konke? ndikufungisa UTIXO, zungandimbeli! Ngokuba ebesiti kuye: Puma emntwini, wena moya onco̔lileyo! Wabembuza kanjalo, esiti: Ngubanina igama lako? Wapendula ke esiti: Ngu‐Bandlalikulu igama lam; ngokuba sibaninzi. Waza wambongoza kakulu, aze angabandululi kwelozwe. Kwabekuko apo ngasezintabeni umhlambi omkulu wehangu usidla. Zaza zambongoza zonke idemoni, zisiti: Situme siye ezihangwini, ukuze singene kuzo. Waselezivumela ke u‐Yesu. Baza bapuma omoya abanco̔lileyo bangena ezihangwini; kekaloku umhlambi wehangu wagalelekela ngeliwa apo elwandle, (ngati ke bezingamawaka mabini,) zamiwa elwandle. Baza abo ababesalusa ihangu babaleka, bashumayela indawo esixekweni nasemapandleni. Bati ke abantu bapuma ukuya kubona ukuba yinto nina eyenzekileyo. Baye besiza ku‐Yesu, babona lowo obengenelwa zidemoni, ehleli pantsi, evatile, enokuqonda kwake, lowo obenalo ibandla elikulu; basuka boyika. Baza abo babebonile bababalisela ukuba kwatiwa nina kobengenelwa zidemoni, nokwehangu. Baza baqala ukumbongoza ukuba emke emideni yabo. Wati kekaloku akungena enqanaweni, lowo ubengenelwe zidemoni wambongoza ukuba makabe naye. Kodwa u‐Yesu akamvumela, koko wati kuye: Hamba uye endlwini yako, kwabakowenu, ubashumayeze izinto ezingakanana INKOSI ikwenzele zona; nokuba ibinetaṙu kuwe. Waza wemka waqala ukushumayela e‐Dekapolisi izinto ezingakanana abemenzele zona u‐Yesu: bati nqa ke bonke.