UMARKO 4:1-20

UMARKO 4:1-20 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Wabuya waqala ukufundisa ngaselwandle. Kwahlananisana kuye isihlwele esikhulu, ngokokude aye kungena emkhombeni, ahlale elwandle yena; sabe sonke isihlwele sisemhlabeni, sibheké elwandle apho. Wayebafundisa iindawo ezininzi ngemizekeliso. Ubesithi kubo ekubafundiseni kwakhe, Phulaphulani; yabonani, umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela; kwathi ekuhlwayeleni kwakhe, inxalenye yembewu yawa ngasendleleni, zeza iintaka zezulu zayidla zayigqiba. Enye yawa endaweni elulwalwa, apho ibingenamhlaba mninzi; yantshula ke kwaoko, ngenxa yokuba ibingenabunzulu bamhlaba; ithe ke, lakuphuma ilanga, yatsha, yathi ngenxa yokuba ingenangcambu, yoma kwaphela. Yimbi yawa emithaneni enameva; yakhula imithana enameva yayiminxa; ayanika siqhamo. Yimbi yawa kuwo wona umhlaba omhle, yanika isiqhamo esakhulayo sachuma; yathwala amashumi amathathu enye, namashumi amathandathu enye, nekhulu enye. Wathi kubo, Lowo uneendlebe zokuva makeve. Ke kaloku, xa abeyedwa, abo babemphahlile, ndawonye nabalishumi elinababini, bambuza umzekeliso lowo. Wathi kubo, Nikuphiwe nina ukuyazi imfihlelo yobukumkani bukaThixo; ke kwabo bangaphandle zonke izinto ezi zibakho ngemizekeliso; ukuze bebona nje, babone bangaqiqi; besiva nje, beve bangaqondi; hleze babuye, zebaxolelwe izono zabo. Athi kubo, Aniwazi na lo mzekeliso? Nòthini na ke ukuyazi imizekeliso yonke? Umhlwayeli lo uhlwayela ilizwi. Abo ke bangasendleni, apho ilizwi lihlwayelwa khona, ngaba kuthi, xa bathe beva, afike kwaoko uSathana, alithabathe ilizwi elihlwayelweyo ezintliziyweni zabo. Ngokunjalo abo bahlwayelwayo ezindaweni ezilulwalwa ngabathi, xa bathe baliva ilizwi, balamkele kwaoko bevuya; babe bengenangcambu ngaphakathi kwabo, beme umzuzwana kodwa; bathi kamva, kwakuhla imbandezelo, nokuba yintshutshiso, ngenxa yelizwi, bakhutyekiswe kwaoko. Abo bahlwayelwayo emithaneni enameva ngaba, bathi balive ilizwi; aze amaxhala eli phakade, nokulukuhla kobutyebi, neenkanuko zezinye izinto, zingène ziliminxe ilizwi, lisuke lingabi nasiqhamo. Abo bahlwayelweyo kuwo umhlaba omhle ngaba, basakuthi balive ilizwi, balamkele, baxakathe isiqhamo, omnye amashumi amathathu, omnye amashumi amathandathu, nomnye ikhulu.

UMARKO 4:1-20 IBHAYIBHILE (XHO96)

Kwakhona uYesu wafundisa ngaselwandle. Saza isihlwele esasihlanganisene ngakuye saba sikhulu kangangokude yena aye kukhwela esikhitshaneni, ahlale kuso elwandle. Isihlwele sona sasiselunxwemeni apho. Ke wayebafundisa iindawo ezininzi ngemizekeliso, esithi: “Kwakukho umhlwayeli owaphuma waya kuhlwayela. Ekuhlwayeleni kwakhe inxenye yembewu yawa endleleni, zafika iintaka zayichola zayigqiba. Enye imbewu yawa endaweni elulwalwa, apho kwakungekho mhlaba waneleyo; yantshula ke kwangoko, ngenxa yokungabi nabunzulu bamhlaba. Kuthe ke, lakuba shushu ilanga, yatsha, yathi ngenxa yokuba ingenazingcambu zendeleyo, yoma kwaphela. Enye yawa endaweni enokhula, olwathi lwakukhula, lwayiminxa, ayaba nasiqhamo. Enye yawa kumhlaba olungileyo, yakhula, yachuma, yavelisa isiqhamo: enye amashumi amathathu, enye amashumi amathandathu, nenye ikhulu.” Wathi ke kubo uYesu: “Oneendlebe zokuva makeve.” Ke kaloku kwathi xa uYesu wayenâbo babengakuye, bekunye nabafundi abalishumi elinambini, bambuza ngale mizekeliso. Wathi kubo: “Nikuphiwe nina okokuba niyazi indlela yokulawula kukaThixo, kodwa abo bangakuphiwanga baziva ngemizekeliso nje zonke ezi zinto; ukuze, njengoko zitshoyo *iziBhalo, “ ‘Bebona nje, babone bangaqiqi; besiva nje, beve bangaqondi; hleze baguquke, baxolelwe.’ ” Wathi ke kubo uYesu: “Aniwulandeli na lo mzekeliso? Niya kuyazi kanjani kakade imizekeliso? Umhlwayeli lo uhlwayela ilizwi. Abo ke basendleleni, apho ilizwi likaThixo lihlwayelwa khona, ngâbo bathi, bakuba bevile, bafikelwe kwangoko nguSathana, emke nalo ilizwi elihlwayelweyo kubo. Ke abo banjengendawo elulwalwa ekuhlwayelwe kuyo ngabathi, bakuba belivile ilizwi, balamkele kwangoko bevuya; kodwa babe bengenazingcambu zendeleyo, beme umzuzwana kuphela; bathi emva koko, kwakufika imbandezelo okanye intshutshiso ngenxa yelizwi, boyisakale kwangoko. Abo banjengendawo enokhula ekuhlwayelwe kuyo ngabathi balive ilizwi, aze ke amaxhala eli phakade, nokulukuhla kobutyebi, nokunqwenela ezinye izinto, kungene kuliminxe ilizwi, lize lingabi nasiqhamo. Abo banjengomhlaba olungileyo ekuhlwayelwe kuwo ngabathi, bakuliva ilizwi, balamkele, baxakathe isiqhamo: omnye amashumi amathathu, omnye amashumi amathandathu, nomnye ikhulu.”

UMARKO 4:1-20 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Wabuya waqala ukufundisa ngaselwandle. Kwahlanganisana kuye indimbane enkulu, wada yena wangena emkhombeni, wahlala elwandle; saye sonke isihlwele siphezu kolwandle emhlabeni. Wayebafundisa iindawo ezininzi ngemizekeliso. Wayesithi kubo ekufundiseni kwakhe, Phulaphulani; Yabona, umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela; kwathi ekuhlwayeleni kwakhe, inxalenye yembewu yawa ngasendleleni, zeza iintaka zezulu zayidla zayigqiba. Enye yawa endaweni elulwalwa, apho ibingenamhlaba mninzi; yantshula ke kwaoko, ngenxa yokuba ingenabunzulu bamhlaba; Kuthe ke, lakuba shushu ilanga, yatsha; yathi ngenxa yokuba ingenangcambu, yoma kwaphela. Yimbi yawa phakathi kwemithana enameva, yaza imithana enameva yakhula, yayiminxa, ayaba nasiqhamo. Embi yawa kuwo wona umhlaba olungileyo, yavelisa isiqhamo, yahluma, yaqhama; yavelisa enye amashumi amathathu, enye amashumi amathandathu, nekhulu enye. Wathi kubo, Lowo uneendlebe zokuva makeve. Ke kaloku, xa abeyedwa, abo babemphahlile, ndawonye nabalishumi elinababini, bambuza umzekeliso lowo. Uthe ke kubo, Nikuphiwe nina ukuyazi imfihlelo yobukumkani bukaThixo; ukuze bebona babone, bangaqiqi; besiva ke beve, bangaqondi; hleze babuye baguquke, baxolelwe izono zabo. Wathi kubo, Aniwazi na lo mzekeliso? Nothini na ke ukuyazi imizekeliso yonke? Uhlwayela imbewu yelizwi. Aba ke basendleleni, apho ilizwi lihlwayelwa khona, ngaba basendleleni, xa bathe beva, afike kwaoko uSathana, alithabathe ilizwi elihlwayelweyo ezintliziyweni zabo. Ngokukwanjalo ngaba abo bahlwayelwa ezindaweni ezilulwalwa; abathi, bakuliva ilizwi, balamkele kwaoko bevuya; babe bengenangcambu ngaphakathi kwabo, beme umzuzwana kodwa; bathi kamva, kwakuhla imbandezelo, nokuba yintshutshiso, ngenxa yelizwi, bakhutyekiswe kwaoko. Aba bahlwayelweyo emithaneni enameva ngaba; abo balivayo ilizwi, Aze amaxhala eli phakade, nokulukuhla kobutyebi, neenkanuko zezinye izinto, zingene ziliminxe ilizwi, lisuke lingabi nasiqhamo. Abo bahlwayelwe kuwo umhlaba omhle ngaba; bathi bona balivayo ilizwi, balamkele, baxakathe isiqhamo, omnye amashumi amathathu, omnye amashumi amathandathu, nomnye ikhulu.

UMARKO 4:1-20 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

KEKALOKU wabuya waqala ukufundisa ngaselwandle: saza sabutela kuye isihlwele esikulu, wada wangena enqanaweni, wahlala pantsi elulwandleni; saye sonke isihlwele sibe sisemhlabeni ngaselwandle. Waza wabafundisa into ezininzi ngemizekeliso, wati kubo ekufundiseni kwake: Pulapulani! Bona ke, umhlwayeli wapuma ukuya kuhlwayela; kwaza kwati ekuhlwayeleni kwake, inxenye yembewu yawa ngasendleleni, zati intaka zezulu zeza zayidla. Yawa nenye endaweni ebulwalwa, apo ibingenawo umhlaba omninzi; yaza yaselipuma kamsinya, ngokuba ingenabo ubunzulu bomhlaba: yati nxa ilanga belipumile, yatshiswa; nangokuba ingenangcambo, yabuna. Yawa nenye endaweni yemitolo; yaza imitolo yahluma, yayitshwencisa, ayanika siqa̔mo ke. Yawa nenye emhlabeni olungileyo; yaza yanika isiqa̔mo esasihluma samila nokumila, yavelisa inxenye ngokungamashumi matatu, nenxenye ngokungamashumi matandatu, nenxenye ngokulikulu. Wayesiti kubo: Onendlebe zokuva, makeve. Kekaloku xeshekweni ebeyedwa, bambuza abo babempahla ndawonye nabalishumi linababini umzekeliso lowo. Wayesiti kubo: Kunikiwe nina ukwazi imfihlakalo yobukumkani BUKATIXO: kodwa abo bangapandle, benzelwa zonke ezizinto ngemizekeliso; ukuze bati bebona nje babone, bangaqiqi; bati kanjalo besiva nje beve, bangaqondi; hleze baguquke, baze baxolelwe izono zabo. Waza wati kubo: Aniwazi na umzekeliso lo? seniya kuti nina ke ukuyiqonda yonke imizekeliso? Umhlwayeli uyahlwayela ilizwi. Aba ke bangabo bangasendleleni, apo ilizwi lihlwayelwa kona; kanti xeshekweni bavileyo, kwandul’ ukuza u‐Satane asuse ilizwi elihlwayelweyo ezintliziyweni zabo. Naba kwa njalo bangabo bahlwayelwayo endaweni ebulwalwa; abati xeshekweni balivileyo ilizwi, basuke balamkele ngovuyo; kanti abanangcambo pakati kwabo, koko besenza umzuzu kodwa; kwandule kuti, kwakuhla imbandezelo umhlaumbi intshutshiso ngenxa yelizwi, basuke baxakaniswe. Naba bangabo bahlwayelwayo endaweni yemitolo; aba bangabo abati ilizwi balive; kanti izitukutezi zelilizwe likoyo, nenkohliso yobutyebi, nenkanuko ngezinye izinto, zingena nje, ziyaṙwisha ilizwi, lize liputiswe. Naba bangabo bahlwayelweyo emhlabeni olungileyo; abati ilizwi balive, balamkele, baxakate izixakato, inxenye ngokungamashumi matatu, nenxenye ngokungamashumi matandatu, nenxenye ngokulikulu.