Ivangeli ka‐Maraki 4:1-20

Ivangeli ka‐Maraki 4:1-20 XHO1902A

KEKALOKU wabuya waqala ukufundisa ngaselwandle: saza sabutela kuye isihlwele esikulu, wada wangena enqanaweni, wahlala pantsi elulwandleni; saye sonke isihlwele sibe sisemhlabeni ngaselwandle. Waza wabafundisa into ezininzi ngemizekeliso, wati kubo ekufundiseni kwake: Pulapulani! Bona ke, umhlwayeli wapuma ukuya kuhlwayela; kwaza kwati ekuhlwayeleni kwake, inxenye yembewu yawa ngasendleleni, zati intaka zezulu zeza zayidla. Yawa nenye endaweni ebulwalwa, apo ibingenawo umhlaba omninzi; yaza yaselipuma kamsinya, ngokuba ingenabo ubunzulu bomhlaba: yati nxa ilanga belipumile, yatshiswa; nangokuba ingenangcambo, yabuna. Yawa nenye endaweni yemitolo; yaza imitolo yahluma, yayitshwencisa, ayanika siqa̔mo ke. Yawa nenye emhlabeni olungileyo; yaza yanika isiqa̔mo esasihluma samila nokumila, yavelisa inxenye ngokungamashumi matatu, nenxenye ngokungamashumi matandatu, nenxenye ngokulikulu. Wayesiti kubo: Onendlebe zokuva, makeve. Kekaloku xeshekweni ebeyedwa, bambuza abo babempahla ndawonye nabalishumi linababini umzekeliso lowo. Wayesiti kubo: Kunikiwe nina ukwazi imfihlakalo yobukumkani BUKATIXO: kodwa abo bangapandle, benzelwa zonke ezizinto ngemizekeliso; ukuze bati bebona nje babone, bangaqiqi; bati kanjalo besiva nje beve, bangaqondi; hleze baguquke, baze baxolelwe izono zabo. Waza wati kubo: Aniwazi na umzekeliso lo? seniya kuti nina ke ukuyiqonda yonke imizekeliso? Umhlwayeli uyahlwayela ilizwi. Aba ke bangabo bangasendleleni, apo ilizwi lihlwayelwa kona; kanti xeshekweni bavileyo, kwandul’ ukuza u‐Satane asuse ilizwi elihlwayelweyo ezintliziyweni zabo. Naba kwa njalo bangabo bahlwayelwayo endaweni ebulwalwa; abati xeshekweni balivileyo ilizwi, basuke balamkele ngovuyo; kanti abanangcambo pakati kwabo, koko besenza umzuzu kodwa; kwandule kuti, kwakuhla imbandezelo umhlaumbi intshutshiso ngenxa yelizwi, basuke baxakaniswe. Naba bangabo bahlwayelwayo endaweni yemitolo; aba bangabo abati ilizwi balive; kanti izitukutezi zelilizwe likoyo, nenkohliso yobutyebi, nenkanuko ngezinye izinto, zingena nje, ziyaṙwisha ilizwi, lize liputiswe. Naba bangabo bahlwayelweyo emhlabeni olungileyo; abati ilizwi balive, balamkele, baxakate izixakato, inxenye ngokungamashumi matatu, nenxenye ngokungamashumi matandatu, nenxenye ngokulikulu.