UMARKO 12:1-27
UMARKO 12:1-27 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Waqala ukuthi kubo ngemizekeliso, Umntu watyala isidiliya, wasibiyela ngothango, wemba isixovulelo seediliya, wakha inyango, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye. Wathi ngelona xesha, wathuma umkhonzi kubalimi abo, ukuba amkele kubalimi esiqhameni sesidiliya eso. Basuka bona bambamba, bamtyabula, bamndulula elambatha. Wabuya wathuma kubo omnye umkhonzi; lowo bamgibisela ngamatye, bamngxwelerha entloko, bamndulula bemhlazisile. Wabuya wathuma omnye; lowo bambulala. Wathuma nabanye babaninzi, inxenye beyityabula, inxenye beyibulala. Uthe ngoko, esenaye unyana emnye, intanda yakhe, wamthuma naye kubo ukugqibela, esithi, Baya kumhlonela yena unyana wam. Ke bona abo balimi bathi phakathi kwabo, Yindlalifa lo; yizani simbulale, ilifa libe lelethu. Bamthabatha ke, bambulala, bamphosa ngaphandle kwesidiliya. Uya kwenza ntoni na ke ngoko umninisidiliya? Wofika abatshabalalise abo balimi, asinikele kubambi isidiliya eso. Anisilesanga na esi sibhalo sithi, Ilitye abalicekisáyo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo; Kwavela eNkosini oku, Kungummangaliso emehlweni ethu? (INdum. 118:2223) Baya befuna ukumbamba, basuka boyika izihlwele, kuba baqonda ukuba uwuthethe ngabo lo mzekeliso. Bamshiya bemka. Bathi bathumela kuye abathile bakubaFarisi bakumaHerode, ukuze bambambise ngokuthetha. Befikile ke bona, bathi kuye, Mfundisi, siyazi ukuba uyinene, kanjalo akukhathali nangubani; kuba akukhethi buso bamntu, indlela kaThixo uyifundisa ngenene. Kuvumelekile na ukumnika irhafu uKesare,• akuvumelekile, kusini na? Siníkele, singanikeli, kusini na? Ke kaloku yena, ekwazi ukuhanahanisa kwabo, wathi kubo, Nindilingelani na? Ndiziseleni idenariyo,• ndiyibone. Bayizisa ke. Athi kubo, Ngokabani na lo mfanekiso nombhalo? Bathi ke kuye, NgokaKesare. Waphendula uYesu wathi kubo, Nikelani izinto zikaKesare kuKesare, nezinto zikaThixo kuThixo. Bamangaliswa nguye. Kweza kuye nabaSadusi, bona abo bathi akukho luvuko; babuza kuye besithi, Mfundisi, uMoses wasibhalela, wathi, Ukuba umzalwana kathile uthe wafa, washiya umfazi, akashiya bantwana, makathi umzalwana wakhe amzeke umfazi wakhe, amvelisele imbewu umzalwana wakhe. Ke kaloku bekukho abazalwana abasixhenxe. Wathi owokuqala wazeka umfazi; waza akufa akashiya mbewu. Uthe owesibini wamzeka, wafa, akashiya mbewu. Wenjenjalo nowesithathu. Bamzeka ke bosixhenxe; àbashiya mbewu. Ekugqibeleni kwabo bonke, wafa naye umfazi. Ngoko eluvukweni, uya kuba ngumfazi wawuphi na kubo? kuba babenaye bosixhenxe engumfazi. Waphendula uYesu wathi kubo, Anilahleki na, ngenxa yale ndawo yokuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo? Kuba, xa bathe babuya bavuka kwabafileyo, àbazeki, àbendiswa; banjengazo izithunywa ezisemazulwini. Ngokusingisele kwabafileyo ke, ukuba bayavuka, anilesanga na encwadini kaMoses, endaweni ethetha ngetyholo, okokuba uThixo wathetha kuye esithi, Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi? AkaThixo wabafileyo, unguThixo wabaphilileyo. Nina ke ngoko niyalahleka kakhulu.

UMARKO 12:1-27 IBHAYIBHILE (XHO96)
Waza ke uYesu wathetha nabo ngemizekeliso, esithi: “Umntu othile watyala isidiliya, wasibiyela, wemba isixovulelo seediliya, wakha imboniselo, wasiqeshisa kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe. Ngexesha lokuvuthwa kweziqhamo ke, wathuma isicaka kwabo balimi, ukuze bamnike eziqhameni zesidiliya eso. Basuka bona basihlasela, basibetha, basindulula singaphathanga nto. Wabuya ke wathuma esinye isicaka kubo. Sona basigqebha iinduma, basihlazisa. Wabuya wathuma esinye, baza basibulala eso sicaka. Wathuma nezinye ke zazininzi, baza inxenye bayibetha, inxenye bayibulala. Wathi ngoko, kusele mntu mnye angámthumayo, unyana oyintanda, wamthuma kubo ekugqibeleni, esithi: ‘Baya kumhlonela yena unyana wam.’ Ke bona abo balimi bathi omnye komnye: ‘Yindlalifa le. Masiyibulale, ilifa libe lelethu.’ Bambamba ke unyana lowo, bambulala, bamphosa ngaphandle kwesidiliya. “Uya kwenza ntoni na ke ngoko umnini-sidiliya? Wofika abatshabalalise abo balimi, asinikele bantu bambi eso sidiliya. Niyifundile kaloku *eziBhalweni indawo ethi: “ ‘Ilitye abalidelayo abakhi lilo elaba lelona libalulekileyo lesiseko. Oku kwênzeka kuvela eNkosini; kungummangaliso emehlweni ethu.’ ” Ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho namadoda amakhulu babefuna ukumbamba ke uYesu, kuba kwakuqondakele ukuba uzekelisa ngabo. Kodwa babesoyika isihlwele, baza bamyeka bemka. Kwathunyelwa ke kuYesu abathile *babaFarasi nabathile beqela *lamaHerode, ukuze bambambise ngamazwi. Befikile ke bona, bathi kuye: “Mfundisi, siyazi ukuba uthembekile, ungenamkhethe, kuba akucengi bani, kodwa uyifundisa ngenyaniso indlela kaThixo. Khawutsho ke, ngaba kuvumelekile na ukurhafa *kuKhesare, okanye akuvumelekanga; masiyirhole irhafu, singayirholi, kusini na?” Ke yena, ekwazi ukuhanahanisa kwabo, wathi kubo: “Nindilingelani na? Ndiziseleni imali ndiyibone.” Bayizisa ke, waza wathi kubo: “Ngokabani na lo mfanekiso neli gama?” Bathi kuye: “NgokaKhesare.” Waphendula ke uYesu, wathi kubo: “Ke, nikani uKhesare okufanele uKhesare, ninike uThixo okufanele uThixo.” Bamangaliseka yimpendulo yakhe. Kweza *nabaSadusi kuYesu (bona bathi akukho luvuko lwabafileyo), bambuza besithi: “Mfundisi, uMosis wasibhalela umthetho esithi: ‘Ukuba ubani uthe wafa, eshiya umfazi engekabi nabantwana, makathi umntakwabo amngene umfazi lowo, baze bamzalele abantwana umfi lowo.’ Ke kaloku kwakukho oonyana bomntu abasixhenxe, yaza inkulu yazeka umfazi, yasweleka ingenabantwana. Wathi ke owesibini wamngena, kodwa naye wasweleka engenabantwana. Benjenjalo ke bosixhenxe, kodwa abashiya mntwana. Emva kwabo bonke wasweleka naye umfazi. Ke ngoko eluvukweni lwabafileyo uya kuba ngumfazi wawuphi kubo? Kuba kaloku bosixhenxe babemthathile.” Wabaphendula uYesu wathi: “Nilahlekiswa kukuba ningaziqondi *iziBhalo, ningawazi namandla kaThixo. Kaloku xa abafileyo bathe babuya bavuka, àbazeki, àbendiswa; banjengezithunywa ezisezulwini. Ngokusingisele kukuvuswa kwabafileyo, anifundanga na encwadini kaMosis, kwisiqendu esithetha ngetyholo elivuthayo, okokuba uThixo wathetha naye esithi: ‘Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi’ ? AkaThixo wabafileyo; unguThixo wabaphilayo. Ke nina nilahleke kakhulu.”
UMARKO 12:1-27 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Waza waqala ukuthetha nabo ngemizekeliso. Ubani watyala isidiliya, wasibiyela ngothango, wemba isixovulelo seediliya, wakha inyango, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye. Wathi ngelo xesha, wathuma umkhonzi kubalimi abo, ukuba amkele kubalimi esiqhameni sesidiliya eso. Basuka bona bambamba, bamtyabula, bamndulula elambatha. Wabuya wathuma kubo omnye umkhonzi; lowo bamgibisela ngamatye, bamngxwelerha entloko, bamndulula ehlazekile. Wabuya wathuma omnye; naye bambulala, nabanye abaninzi; inxenye beyityabula, inxenye beyibulala. Uthe ngoko, esenaye unyana emnye, intanda yakhe, wamthuma naye kubo ukugqibela, esithi, Baya kumhlonela yena unyana wam. Kodwa abo balimi bathetha bodwa besithi, Yindlalifa le; yizani simbulale, libe lelethu ilifa. Bamthabatha ke, bambulala, bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya. Uya kwenza ntoni na ke ngoko umninisidiliya? Uya kufika abatshabalalise abo balimi, asinikele kubambi isidiliya eso. Anisilesanga na esi sibhalo; Ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo; Le nto yenziwe yiNkosi, yaye iyamangalisa emehlweni ethu? Baza bafuna ukumbamba, basuka boyika izihlwele, kuba baqonda ukuba uwuthethe ngabo lo mzekeliso. Bamshiya bemka. Bathumela kuye abathile bakubaFarisi bakumaHerode, ukuze bambambise ngokuthetha kwakhe. Befikile ke bona, bathi kuye, Mfundisi, siyazi ukuba uyinene, kanjalo akukhathali nangubani; kuba akukhethi buso bamntu, indlela kaThixo ufundisa ngayo ngenyaniso, kuKesare, akunjalo? Sirhole, okanye masingaphi? Ke yena, ekwazi ukuhanahanisa kwabo, wathi kubo, Nindilingelani na? Ndiziseleni idenariyo, ndiyibone. Bayizisa. Athi kubo, Ngokabani na lo mfanekiso nombhalo? Bathi ke bona kuye, NgokaKesare. Waphendula uYesu wathi kubo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare, nezinto zikaThixo kuThixo. Baye bemangaliswa nguye. Kwafika kuye nabaSadusi, bona abo bathi akukho luvuko; bambuza, besithi. Mfundisi, uMosis wasibhalela wathi: “Ukuba ozalana nothile uthe wafa waza washiya umfazi wakhe waza akashiya bantwana, makathi umzalwana wakhe amzeke umfazi wakhe, amvelisele imbewu ozalana naye. Ke bekukho abantu abasixhenxe bezalana; waza owokuqala wazeka umfazi, wafa akashiya mbewu. Uthe ke owesibini wamzeka, wafa, akashiya mbewu; nowesithathu wenjenjalo. Bamzeka ke bosixhenxe; abashiya mbewu. Ekugqibeleni kwabo bonke, wafa naye umfazi. Ngoko eluvukweni, uya kuba ngumfazi wawuphi na kubo? kuba bosixhenxe babenaye engumfazi. Waphendula uYesu wathi kubo, Anilahleki na, ngenxa yokuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo? Kuba, xa bathe babuya bavuka kwabafileyo, abazeki, abendiswa; banjengezithunywa ezisemazulwini. Ngokusingisele kwabafileyo, ukuba baya kuvuka, anilesanga na encwadini kaMoses, ethetha ngetyholo, okokuba wathi uThixo kuye, Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi? AkaThixo wabafileyo, unguThixo wabaphilileyo. Nina ke ngoko niyalahleka kakhulu.
UMARKO 12:1-27 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza waqala ukuteta kubo ngemizekeliso, esiti: Umntu otile watyala isitiya, wasibiyela ngotango, wembela ifatye yeveyine, waka inqaba, wasiqeshisela kubalimi, waza wahambela kwelinye ilizwe. Wati ngexesha elifanelekileyo watuma kubalimi isicaka, ukuze samkele kubalimi kwiziqa̔mo zesitiya. Kodwa basitabata basityabula, basindulula singenanto. Waza wabuya watuma kubo esinye isicaka; neso basigibisela ngamatye basenzela inxeba entloko, basindulula sipetwe ngento ehlazekileyo. Wabuya watuma nesinye; neso basibulala: kwa nezinye ezininzi, inxenye bezityabula, inxenye bezibulala. Ngako esenonyana emnye, umtandwa wake, wamtuma naye kubo ngokugqibela, esiti: Baya kumhlonela unyana wam. Kodwa abalimi abo batsho pakati kwabo ukuti: Lo uyindlalifa; yizani, masimbulale, lize ilifa libe leletu. Baza bamtabata bambulala, bamku̔pela ngapandle kwesitiya. Uya kwenza nto nina ngoko umninisitiya? uya kuza atshabalalise abobalimi, anike isitiya kwabanye. Anileseshanga na esisiba̔lo sokuti: Ilitye babelilahlile abaki, elona laba yintloko yegumbi; bekukukwenza KUKAYEHOVA oku, kungummangaliso ke emehlweni etu? Baye befuna ukumbamba, kanti basoyika isihlwele; ngokuba bebenakene ukuba lomzekeliso wawuteta ngakubo; baza bamshiya bemka. BAZA batuma kuye abatile bakubafarisi nakubaherodi, ukuze bambambise ngokuteta. Beza ke bona bati kuye: Mfundisi! siyazi ukuba uyinene, ungakatali ngumntu; ngokuba ungabuki ubuso babantu, koko ufundisa indlela KATIXO ngokwenyaniso: kufanelekile ukunika umnikelo ku‐Kesare, akufanelekile, kusinina? sinike, singaniki, kusinina? Kodwa yena ebazi ubuhanahaniso babo, wati kubo: Yinina ukuba nindilinge? ndiziseleni idenari, ukuze ndiyibone. Bayizisa ke. Waza wati kubo: Ngokabanina lomfanekiso nesiba̔lwa? Bati ke kuye: Ngoka‐Kesare. Waza wapendula u‐Yesu wati kubo: Nikelani izinto zika‐Kesare kuye u‐Kesare, nezinto ZIKATIXO kuye UTIXO. Bati nqa ke pezu kwake. Kwaza kweza abasadusi kuye, abati akuko luvuko, bambuza, besiti: Mfundisi! u‐Mosesi wasiba̔lela ukuti: Xeshekweni kufayo umkuluwe womntu, aze ashiye umfazi emva kwake, angashiyi abantwana, makati umninawe wake azeke umfazi wake, amvusele umkuluwe wake inzalo. Bekuko abazalwana abasixe̔nxe: waza owokuqala wazeka umfazi, wati ebuba nje akashiya nzalo. Waza owesibini wamzeka, wafa, wati naye akashiya nzalo. Wenje njalo nowesitatu. Bamzeka ke abasixe̔nxe, bengashiyanga nzalo. Emveni kwabo bonke wafa nomfazi. Ngako eluvukweni, xeshekweni babuya bavuke, woba ngumfazi wawupina kubo? ngokuba abasixe̔nxe bebenaye engumfazi. Waza wapendula u‐Yesu wati kubo: Aniposisi ngako oku na, ningazi nje iziba̔lo, kwa namandla KATIXO? ngokuba, xeshekweni babuya bavuke, bengazeki, bengendiswa kanjako, koko benjengengelosi ezisezulwini. Kodwa ngabo abafileyo, ukuba bayavuka, anileseshanga na encwadini ka‐Mosesi, endaweni yetyolo, okokuba UTIXO wateta kuye, esiti: Mna ndi NGUTIXO ka‐Abrahame, NOTIXO ka‐Yisake, NOTIXO ka‐Yakobi? aka NGUTIXO wabafileyo, u NGUTIXO wabahleliyo: nina ngoko niyaposisa kakulu.