UMARKO 1:23-45
UMARKO 1:23-45 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kwaye kukho endlwini yabo yesikhungu umntu onomoya ongcolileyo; wakhala, esithi, Yoo! Yini na enathi nawe, Yesu waseNazarete? Ùzé kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi wena, lowo unguye; ungoyiNgcwele kaThixo. Wawukhalimela uYesu, esithi, Yithi tu, uphume kuye. Uthe umoya ongcolileyo wambetha wee xhwenene; wakhala ngezwi elikhulu, waphuma kuye. Baqhiphuka umbilini bonke, ngokokude babuzisane, besithi, Yintoni na le nto? Le mfundiso intsha yiyiphi na, le nto noomoya abangcolileyo aba abathethela ngegunya, bamlulamele? Lwaphuma ke kwaoko udumo lwakhe; lwaya kuwo wonke ummandla welaseGalili. Kwaoko, bakuphuma endlwini yesikhungu, bangena endlwini kaSimon noAndreya, benoYakobi noYohane. Ke kaloku umkhwekazi kaSimon wayelele, esifa yicesina; bamxelela ngaye kwaoko. Weza ke kuye, wamvusa embambe ngesandla; yamyeka kwaoko icesina, wabalungiselela. Ke kaloku, kwakuhlwa, xa litshonayo ilanga, bazisa kuye bonke ababesifa, nababephethwe ziidemon. Waye umzi wonke uhlanganisene ndawonye emnyango apho. Waphilisa babaninzi ababesifa zizifo ngezifo; wakhupha needemon ezininzi; waye engazivumeli iidemon ukuba zithethe, kuba bezimazi. Uthe kusasa, kusemnyama kakhulu, wavuka, waphuma waya endaweni eyintlango, wathandaza khona apho. Bamphuthuma ooSimon nabo babenaye. Bemfumene bathi kuye, Bonke bayakufuna. Athi kubo, Masihambe siye emizini ekufuphi, ukuze nakhona ndivakalise iindaba ezilungileyo, kuba ndiphumele oko. Wayevakalisa ke ezindlwini zabo zesikhungu kulo lonke elaseGalili, ezikhupha needemon. Kweza kuye oneqhenqa, embongoza, esiwa ngamadolo phambi kwakhe, esithi kuye, Ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula. UYesu, esikwe yimfesane ke, wasolula isandla, wamchukumisa, wathi kuye, Ndiyathanda; hlambuluka. Akutsho, lemka kwaoko kuye iqhenqa, wahlambuluka. Akuba emyalile kalukhuni, wamkhupha kwaoko. Athi kuye, Lumka ungaxeleli bani nento le; hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, usondeze ngenxa yokuhlanjululwa kwakho ezo zinto wamisa zona uMoses, zibe bubungqina kubo. Ke yena, akuphuma, waqala ukuyivakalisa kakhulu nokuyibhengeza loo ndawo, ngokokude angabi saba nako uYesu ukungena mzini ekuhléni; waba ngaphandle ezindaweni eziziintlango; babesithi beze kuye bevela ngeenxa zonke.
UMARKO 1:23-45 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwakukho umntu onendimoni endlwini yesikhungo apho, owayekhala esithi: “Ufuna ntoni kuthi, Yesu waseNazarete? Ngaba uze kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi ukuba ungubani na: ungoyiNgcwele kaThixo!” UYesu wayikhalimela loo ndimoni, esithi: “Yithi tu, uphume kulo mntu!” Ke indimoni leyo yamxhuzula loo mntu, yaphuma kuye ibhomboloza. Bamangaliswa bonke abantu, babuzana besithi: “Yaz'ba yintoni na le nto! Ngaba yimfundiso entsha? Ngathi lo mfo ufundisa ngegunya! Ewe, neendimoni ezi uyazikhalimela zimthobele!” Lwathi ke udumo lukaYesu lwavakala kulo lonke elaseGalili. Baphuma ke *endlwini yesikhungo, kwangoko baya kwindlu kaSimon noAndreya, benoYakobi noYohane. Ke umkhwekazi kaSimon wayelele, egula yifiva, baza bamxelela uYesu ukuba akaphilanga. Waya kuye uYesu, wamphakamisa embambe ngesandla; yaphela kwangoko loo fiva, waza wabalungiselela ukutya. Kwathi ke ngokuhlwa, selitshonile ilanga, abantu bazisa kuye bonke abagulayo nabaneendimoni. Bonke abantu baloo dolophu babehlanganisene ngasemnyango apho. UYesu ke waphilisa abaninzi abagula zizifo ngezifo, ekhupha neendimoni. Iindimoni ezi wayengazivumeli ukuba zithethe, kuba zazimazi. Kwathi kusesekuseni kakhulu, kusemnyama, wavuka uYesu, waya kuthandaza ngasese. USimon nâbo babenaye baya kumfuna. Bakuba bemfumene, bathi kuye: “Uyafunwa ngumntu wonke.” Kambe ke yena wathi kubo: “Masihambe siye kwezinye iidolophu zalapha, ukuze nakhona ndizivakalise iindaba ezimnandi. Kaloku ndizele kanye loo nto.” Walityhutyha lonke elaseGalili, eshumayela *ezindlwini zesikhungo, ekhupha iindimoni. Kwasuka mntu uthile uneqhenqa weza kuYesu, wambongoza eguqe phambi kwakhe, wathi: “Unako ukundihlambulula ukuba uyathanda.” UYesu wavelana naye, wasolula isandla, wamchukumisa, wathi kuye: “Ndiyathanda; hlambuluka.” Kwangoko laphela iqhenqa, wahlambuluka. Akuba emyale kabukhali, wamndulula kwangoko, esithi kuye: “Lumka ungaxeleli bani nento le. Hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, wenze umnikelo ngezo zinto wazimiselayo uMosis, ube bubungqina ngokuhlanjululwa kwakho.” Kodwa yena akuphuma, wasuka wayibhengeza kakhulu le nto. Ngenxa yoko uYesu akabanga saba nako ukungena edolophini ebonwa ngabantu, koko wahlala emaphandleni. Abantu ke babesiza kuye, bevela macala onke.
UMARKO 1:23-45 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kwaye kukho endlwini yabo yesikhungu umntu onomoya ongcolileyo; wadanduluka wathi, besithi, Siyeke; Yintoni na enathi nawe, Yesu waseNazarete? uze kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi wena, lowo unguye, ungoyiNgcwele kaThixo. Wawukhalimela uYesu, esithi, Yithi tu, uphume kuye. Uthe umoya ongcolileyo wambetha wee xhwenene; wakhala ngezwi elikhulu, waphuma kuye. Bakhwankqiswa ke bonke, ngokokude babuzisane, besithi, Yintoni na le nto? Yeyiphi imfundiso entsha? kuba oomoya abangcolileyo aba ubathethela ngegunya, bamthobele. Lwaphuma ke kwaoko udumo lwakhe; lwaya kuwo wonke ummandla welaseGalili. Bakuba bephumile endlwini yesikhungo, bangena endlwini kaSimon noAndreya, benoYakobi noYohane. Ke umkhwekazi kaSimon wayelele phantsi ebanjwe yicesina, baza bamxelela kwaoko. Wasondela kuye, wayibamba ngesandla, wayiphakamisa; yamyeka kwaoko icesina, wabalungiselela. Ke kaloku, kwakuhlwa, xa litshonayo ilanga, bazisa kuye bonke ababesifa, nababephethwe ziidemon. Waye umzi wonke uhlanganisene ndawonye emnyango apho. Waphilisa babaninzi ababesifa zizifo ngezifo; wakhupha needemon ezininzi; waye engazivumeli iidemon ukuba zithethe, kuba bezimazi. Uthe ke kusasa, kusemnyama, wavuka, waphuma, wemka waya endaweni eyintlango, wathandaza khona apho. Bamlandela ooSimon nabo babenaye. Bathe bakumfumana bathi kuye, Bonke bayakufuna. Wathi kubo, Masihambe siye emizini ekufuphi, ukuze nakhona ndivakalise iindaba ezilungileyo, kuba ndiphumele oko. Wayevakalisa ke ezindlwini zabo zesikhungu kulo lonke elaseGalili, ezikhupha needemon. Kweza kuye oneqhenqa, embongoza, esiwa ngamadolo phambi kwakhe, esithi kuye, Ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula. uYesu, esikwe yimfesane ke, wasolula isandla, wamchukumisa, wathi kuye, Ndiyathanda; Hlambuluka. Akutsho, lemka kwaoko kuye iqhenqa, wahlambuluka. Wamkhalimela, wamndulula kwaoko; Athi kuye, Lumka ungaxeleli bani nanye into; hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, usondeze oko wamisayo uMoses, ngenxa yokuhlanjululwa kwakho, kube bubungqina kubo. Ke yena, akuphuma, waqala ukuyivakalisa kakhulu nokuyibhengeza loo ndawo, ngokokude angabi saba nako uYesu ukungena mzini ekuhleni; waba ngaphandle ezindaweni eziziintlango; babesithi beze kuye bevela ngeenxa zonke.
UMARKO 1:23-45 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kwaye kuko endlwini yentlanganiso yabo umntu enomoya onco̔lileyo; waza wadanduluka, esiti: Yeka! siyinto nina kuwe, Yesu wase‐Nazarete? uze kusitshabalalisa na? ndiyakwazi wena ungubanina, ungoyingcwele KATIXO. Waza u‐Yesu wamtetisa, esiti: Yiti cwaka, upume kuye. Waza umoya onco̔lileyo wamṙuzula, wadanduluka ngelizwi elikulu, wapuma kuye. Bati nqa ke bonke, bada babuzisana omnye nomnye, besiti: Yinto nina le? lolwanina ufundiso olutsha olu, ukuba nomoya abanco̔lileyo ebayalela ngegunya, bamve ke? Lwaselusuka lwapuma udumo lwake lwaya kulo lonke ilizwe langase‐Galili. Baza bati kwa oko, bakuba bepumile endlwini yentlanganiso, bangena endlwini ka‐Simone no‐Andreya, kunye no‐Yakobi no‐Johane. Kekaloku umkwekazi ka‐Simone ebelele, esifa licesine; baza basebemxelela ngaye. Wayesiza wabamba isandla sake, wamsukisa; lamyeka icesine kwa oko, wabakonza ke. Kwati kwakuhlwa, lakutshona ilanga, bazisa kuye bonke abafayo nabangenelwa zidemoni. Saye isixeko sonke sibe sibutelene ngasemnyango. Waza wabapilisa abaninzi ababesifa zizifo ngezifo; nedemoni ezininzi waziku̔pa, engazivumeli ke ukuba zitete idemoni, ngokuba zibe zimazi yena. Waza wati kwakuza kusa, wavuka kusesebusuku kanye, wapuma, wemka waya endaweni elubala, watandaza kona apo. Baza bamputuma u‐Simone nabo babenaye. Bemfumene ke, bati kuye: Bonke bayakufuna. Wayesiti kubo: Masihambe siye ezinqilini ezikufupi, ndize ndishumayele nakona; ngokuba ndivelele oku. Waza washumayela ezindlwini zentlanganiso zabo kuyo yonke i‐Galili, waku̔pa nedemoni. Kwati kekaloku kweza kuye ileperi, limbongoza liguqa pantsi kuye, lisiti nokuti kuye: Ukuba uyatanda, ungandihlambulula. Waza u‐Yesu wabetwa lusizi, wasolula isandla, walicu̔kumisa, wati kulo: Ndiyatanda; hlambuluka. Sati nxa abesitsho semka kulo kwa oko isilepero salo, lahlambuluka ke. Waza eliyalile kakulu nje waselelindulula, wati kulo: Lumka ungaxeleli mntu into; kodwa hamba, zibonakalise kumperisite, unikele ngenxa yokuhlanjululwa kwako izinto wabeyalela zona u‐Mosesi, zibe sisinqi̔no kubo. Lati kodwa lakupuma, laqala ukushumayela kakulu, nokuvakalisa londawo, wada u‐Yesu wayengasenako ukuba angangena esixekweni ekuhleni; koko wayengasendle ezindaweni ezilubala, bati abantu beza kuye bevela emacaleni onke.