UMATEYU 7:3-4
UMATEYU 7:3-4 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Yini na ke ukuba usibone isibi esisesweni lomzalwana wakho, kanti akuwuqiqi wona umqadi okwelakho iliso? Okanye ungáthini na ukuthi kumzalwana wakho, Yeka ndisikhuphe isibi eso esweni lakho, kanti nângo umqadi kwelakho iliso?
UMATEYU 7:3-4 IBHAYIBHILE (XHO96)
Yini na ukuba usibone isibi esiselisweni lowenu, kanti wona umqadi okwelakho iliso akuwuboni? Ungáthini ukuthi kuwenu: ‘Khawume ndikhuphe isibi esiselisweni lakho,’ kanti nango umqadi kwelakho iliso?
UMATEYU 7:3-4 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Yini na ke ukuba usibone isibi esisesweni lomzalwana wakho, kanti wona umqadi okwelakho iliso akuwuqiqi? Okanye ungáthini na ukuthi kumzalwana wakho, Yeka ndisikhuphe isibi esweni lakho; kanti nanku umqadi kwelakho iliso?
UMATEYU 7:3-4 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kuyinina ukuba ukangela icetyana elisesweni lomzalwana wako, kodwa umqadi osesweni lako akuwunakani? Woti nina nokuti kumzalwana wako: Vuma ndiliku̔pe icetyana esweni lako; kanti nangu umqadi kwelako iliso?