UMATEYU 24:37-39
UMATEYU 24:37-39 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku, njengokuba ibinjalo imihla kaNowa, koba njalo nokufika koNyana woMntu. Kuba njengokuba babesithi, ngemihla ebingaphambi konogumbe, badle, basele, bazeke, bendise, kwada kwayimini awangena ngayo emkhombeni uNowa, bengaqondanga, wada wafika unogumbe, wabakhukulisa bonke: koba njalo nokufika koNyana woMntu.
UMATEYU 24:37-39 IBHAYIBHILE (XHO96)
Njengoko kwakunjalo ngemihla kaNowa, koba kwanjalo ukufika kwakhe uNyana woLuntu. Njengokuba babesithi ngemihla yangaphambi konogumbe badle, basele, bazeke, bendise, kwada kwayimini yokungena kukaNowa enqanaweni, bengaqondi, wada wafika unogumbe wabakhukulisa bonke, koba kwanjalo ukufika kwakhe uNyana woLuntu.
UMATEYU 24:37-39 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku, njengokuba ibinjalo imihla kaNowa, koba njalo nokufika koNyana woMntu. Kuba njengokuba babesithi, ngemihla yangaphambi konogumbe, babesidla, besela, bazeke, besendiswe, kwada kwayimini awangena ngayo emkhombeni uNowa, kwaye abazange baqonde wada wafika unogumbe, wabakhukulisa bonke; koba njalo nokufika koNyana woMntu.
UMATEYU 24:37-39 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kodwa njengokuba ibinjalo imihla ka‐Nowa, kwoba njalo nokufika kwonyana wesintu. Ngokuba, kwa njengokuba bebesiti emihleni ungekabiko umsingakazi, badla basela nokusela, bazeka bendisa nokwendisa, kwada kwaba ngumhla u‐Nowa wangena ngawo enqanaweni, bengaqondanga ke kwada kweza umsingakazi wabakukulisa kwa bonke, kuya kuba njalo nokufika kwonyana wesintu.