UMATEYU 23:23
UMATEYU 23:23 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba ninikela izishumi zetyeleba nedile• nekumin,• kanti nizishiyile ezona ndawo zinzima zomthetho, umgwebo nenceba nokholo; ezi benimelwe kukuba nizenze, nithi neziya ningazishiyi.
UMATEYU 23:23 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Ninikela kuThixo ngesishumi sayo imifuno enjengetyeleba nedile nekumin, kanti niyazityeshela ezona zinto zizizo zomthetho: ubulungisa, inceba, nentembeko. Ezi zinto benimelwe kukuzenza, nithi neziya ningazityesheli.
UMATEYU 23:23 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! Kuba ninikela izishumi zetyeleba nedile nekumin, kanti nizishiyile ezona ndawo zinzima zomthetho, umgwebo nenceba nokholo; ezi benimelwe kukuba nizenze, nithi neziya ningazishiyi.
UMATEYU 23:23 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba ninika izishumi zetyeleba, nezedile, nezekumine, kanti niziyekile indawo ezinkulu zomteto, ubugwebo, nobubele, nokolo: bekufanele ezi ukuba zenzwe, neziya ukuba zingayekwa.