UMATEYU 22:34-46
UMATEYU 22:34-46 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku bathe abaFarisi, bakuva ukuba ubéthe labakhohla abaSadusi, bahlanganiselana ndawonye. Omnye kubo ongumqondisi-mthetho wambuza emlinga, wathi, Mfundisi, owona myalelo mkhulu emthethweni nguwuphi na? Wathi ke uYesu kuye, Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela. Nguwo lowo owokuqala nomkhulu umthetho. Owesibini ke ufana nawo: Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako. Kule mithetho yomibini kuxhomekeke umyalelo uphela nabaprofeti. Bakubon' ukuba bahlanganisene ke abaFarisi, uYesu wabuza kubo, esithi, Nithini na nina ngaye uKristu?• Ungunyana kabani na? Bathi kuye, kaDavide. Athi kubo, Yini na phofu ukuba uDavide ngoMoya ambize ngokuthi, Nkosi, esithi, Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam, Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho? (INdum. 110:1) Ukuba uDavide ngoko umbiza ngokuba Nkosi, úngunyana wakhe ngani na? Akubangakho namnye ubenako ukumphendula nezwi eli; kananjalo kususela kuloo mini, akubanga sabakho mntu waba nabuganga bakumbuza nto.
UMATEYU 22:34-46 IBHAYIBHILE (XHO96)
*AbaFarasi, bakuva ukuba uYesu ubavale umlomo *abaSadusi, bahlanganisana, waza omnye kubo, onolwazi ngomthetho, wambuza emlinga, wathi: “Mfundisi, owona myalelo mkhulu emthethweni nguwuphi?” Waza uYesu wathi: “ ‘Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela.’ Nguwo lowo owokuqala nomkhulu umthetho. Owesibini ke ufana nawo: ‘Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’ Wonke umthetho kaMosis nako konke okufundiswa ngabashumayeli bamandulo kuxhomekeke kule miyalelo mibini.” Xa babehlanganisene *abaFarasi, uYesu wababuza esithi: “Nithini na nina ngaye *uKrestu? Úyinto kabani?” Baza bathi: “NgokaDavide.” Waza wathi kubo: “Kutheni na ke phofu ukuba ngamandla oMoya uDavide abize uKrestu ngokuthi ‘Nkosi’, apho athi: “ ‘Yathi iNkosi eNkosini yam: Hlala ngakum kweli wonga, lo gama ndikoyisela iintshaba zakho’? “Ukuba uDavide uthi uKrestu yiNkosi, angathini na ukuba ngunyana wakhe?” Akubangakho namnye unako ukuphendula nelizwi eli; kwathi, ukususela kuloo mini, akwaba sabakho bani unesibindi sakumbuza nento le.
UMATEYU 22:34-46 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku bathe abaFarisi, bakuva ukuba ubethe labakhohla abaSadusi, bahlanganiselana ndawonye. Ke kaloku omnye wabo, ongumqondisi-mthetho, wambuza umbuzo, emlinga, esithi, Mfundisi, owona myalelo mkhulu emthethweni nguwuphi na? Wathi ke uYesu kuye, Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela. Lo ngowokuqala nomkhulu umthetho. Owesibini ke ufana nawo: Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako. Kule mithetho yomibini kuxhomekeke umyalelo uphela nabaprofeti. Bakubon’ ukuba bahlanganisene ke abaFarisi, uYesu wababuza, esithi, Nithini na nina ngoKristu? ngunyana kabani na? Bathi kuye, Nyana kaDavide. Athi kubo, Yini na phofu ukuba uDavide ngoMoya ambize ngokuthi, Nkosi, esithi, Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam, Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho? Ukuba uDavide ngoko umbiza ngokuba Nkosi, ungunyana wakhe ngani na? Akubangakho namnye ubenako ukumphendula nezwi eli; kananjalo kususela kuloo mini, akubanga sabakho mntu waba nabuganga bakumbuza nto.
UMATEYU 22:34-46 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku abafarisi, bakuva ukuba ubate cwaka abasadusi, bahlanganisana ndawonye. Waza wabuza omnye wakubo obengumqondisimteto, emlinga, esiti nokuti: Mfundisi! owona myalelo umkulu emtetweni nguwupina? Wayesiti u‐Yesu kuye: Ngowokuti: Uya kumtanda UYEHOVA, UTIXO wako, ngayo yonke intliziyo yako, nangawo wonke umpefumlo wako, nangayo yonke ingqondo yako. Nguwo lo owokuqala nomkulu umyalelo. Nowesibini ufana nawo, ungowokuti: Uya kutanda ummelwane wako njengokuzitanda kwako. Kulemiyalelo mibini kuyaxo̔meka wonke umteto nabaprofite. Kekaloku abafarisi behlanganisene nje, wababuza u‐Yesu, esiti: Niti nina ke ngaye u‐Kristu? ungunyana kabanina? Bati kuye: Ngoka‐Davide. Wati kubo: Uti nina pofu u‐Davide NGOMOYA ukumbiza NGENKOSI, esiti: Wati UYEHOVA KWINKOSI yam: Hlala ngasekunene kum, ndide ndenze intshaba zako zibe sisitulo senyawo zako? Ukuba ngoko u‐Davide uyambiza NGENKOSI, uti nina ukuba ngunyana wake? Kwaye kungeko namnye ongampendulayo ngazwi: kanjako kuselokwa lamini akwabi sabiko mntu onokukalipa kwokumbuza nto.