Kekaloku abafarisi, bakuva ukuba ubate cwaka abasadusi, bahlanganisana ndawonye. Waza wabuza omnye wakubo obengumqondisimteto, emlinga, esiti nokuti: Mfundisi! owona myalelo umkulu emtetweni nguwupina? Wayesiti u‐Yesu kuye: Ngowokuti: Uya kumtanda UYEHOVA, UTIXO wako, ngayo yonke intliziyo yako, nangawo wonke umpefumlo wako, nangayo yonke ingqondo yako. Nguwo lo owokuqala nomkulu umyalelo. Nowesibini ufana nawo, ungowokuti: Uya kutanda ummelwane wako njengokuzitanda kwako. Kulemiyalelo mibini kuyaxo̔meka wonke umteto nabaprofite. Kekaloku abafarisi behlanganisene nje, wababuza u‐Yesu, esiti: Niti nina ke ngaye u‐Kristu? ungunyana kabanina? Bati kuye: Ngoka‐Davide. Wati kubo: Uti nina pofu u‐Davide NGOMOYA ukumbiza NGENKOSI, esiti: Wati UYEHOVA KWINKOSI yam: Hlala ngasekunene kum, ndide ndenze intshaba zako zibe sisitulo senyawo zako? Ukuba ngoko u‐Davide uyambiza NGENKOSI, uti nina ukuba ngunyana wake? Kwaye kungeko namnye ongampendulayo ngazwi: kanjako kuselokwa lamini akwabi sabiko mntu onokukalipa kwokumbuza nto.
Funda Ivangeli ka‐Mateyu 22
Share
Compare All Versions: Ivangeli ka‐Mateyu 22:34-46
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos