UMATEYU 18:12-14
UMATEYU 18:12-14 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Nithini na? Ukuba umntu unekhulu lezimvu, ize kulahleke enye kuzo, akazishiyi na ezingamashumi asithoba anesithoba, aye ezintabeni, aye kufuna leyo ilahlekileyo? Ukuba uthe wayifumana, inene ndithi kuni, uyayivuyela leyo ngaphezu kokuvuyela ezo zimashumi asithoba anesithoba, zingalahlekanga. Kwangokunjalo asikukuthanda kukaYihlo osemazulwini, ukuba kulahleke namnye waba bancinane.
UMATEYU 18:12-14 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Nithini na nina? Ukuba umntu uthe wanekhulu lezimvu, ize kulahleke enye kuzo, akazishiyi na ezimashumi asithoba anesithoba ezintabeni, aye afune leyo ilahlekileyo? Ukuba uthe wayifumana, inene ndithi kuni, uyayivuyela leyo ngaphezu kokuvuyela ezo zimashumi asithoba anesithoba, zingalahlekanga. Kwangokunjalo asikukuthanda kukaYihlo osemazulwini, ukuba kulahleke namnye waba bancinane.
UMATEYU 18:12-14 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Nithini ke nina? Ukuba ubani unekhulu leegusha, kuze kulahleke ibe nye kuzo, akayi kuzishiya na edlelweni ezo zimashumi alithoba anethoba, aye kufuna leyo ilahlekileyo? Ukuba ke uthe wayifumana, ndithi kuni, inene, uyavuya kukuyifumana leyo ngaphezu kokuba evuya zezinye ezimashumi alithoba anesithoba ezingalahlekanga. Kwangokunjalo naye uYihlo osezulwini akafuni kulahleke nokuba abe mnye kwaba bancinane.”
UMATEYU 18:12-14 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Nithini na? Ukuba umntu unekhulu lezimvu, ize kulahleke enye kuzo, akazishiyi na ezingamashumi asithoba anesithoba, aye ezintabeni, aye kufuna leyo ilahlekileyo? Ukuba uthe wayifumana, inene ndithi kuni, uyayivuyela leyo ngaphezu kokuvuyela ezo zimashumi asithoba anesithoba, zingalahlekanga. Kwangokunjalo asikukuthanda kukaYihlo osemazulwini, ukuba kulahleke namnye waba bancinane.
UMATEYU 18:12-14 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Niti nina ke? Ukuba umntu uba nekulu legusha, ize ilahleke enye kuzo; akati na azishiye ezimashumi alitoba enesitoba, ahambe aye ezintabeni, ayifune leyo ilahlekayo? Nokuba kuti ayifumane, ngokwenene nditi kuni, uyavuyela yona leyo, ngapezu kwokuba uyavuyela ezo zimashumi alitoba enesitoba zingalahlekanga. Kwa njalo asi yintando yake UYIHLO wenu osezulwini, ukuba kubube omnye waba bancinane.