Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ivangeli ka‐Mateyu 18:12-14

Ivangeli ka‐Mateyu 18:12-14 XHO1902A

Niti nina ke? Ukuba umntu uba nekulu legusha, ize ilahleke enye kuzo; akati na azishiye ezimashumi alitoba enesitoba, ahambe aye ezintabeni, ayifune leyo ilahlekayo? Nokuba kuti ayifumane, ngokwenene nditi kuni, uyavuyela yona leyo, ngapezu kwokuba uyavuyela ezo zimashumi alitoba enesitoba zingalahlekanga. Kwa njalo asi yintando yake UYIHLO wenu osezulwini, ukuba kubube omnye waba bancinane.