UMATEYU 16:13-15
UMATEYU 16:13-15 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Akufika uYesu emacaleni aseKesareya yakwaFilipu, wababuza abafundi bakhe, esithi, Bathi abantu ndingubani na mna, Nyana woMntu? Bathi ke bona, Inxenye ithi, ùnguYohane umbhaptizi; abanye bathi, ùnguEliya; bambi bathi, ùnguYeremiya, mhlawumbi ungomnye wakubaprofeti. Athi kubo, Ke nina nithi ndingubani na?
UMATEYU 16:13-15 IBHAYIBHILE (XHO96)
UYesu efikile kummandla waseKhesariya-Filipi, wababuza abafundi bakhe, esithi: “Ngaba abantu bathi ùngubani na *uNyana woLuntu?” Bamphendula besithi: “Abathile bathi ùnguYohane umbhaptizi. Abanye bathi ùnguEliya; babe abanye besithi ùnguJeremiya, okanye ùngomnye *wabashumayeli bamandulo.” Wathi kubo: “Ke nina nithi ndingubani?”
UMATEYU 16:13-15 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Akufika uYesu emacaleni aseKesareya yakwaFilipu, wababuza abafundi bakhe, esithi, Bathi abantu ndingubani na mna, Nyana woMntu? Bayesithi ke bona, Inxenye ithi, UnguYohane umbhaptizi; bambi bathi, UnguYeremiya, mhlawumbi ungomnye wakubaprofeti. Athi kubo, Ke nina nithi ndingubani na?
UMATEYU 16:13-15 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku akufika u‐Yesu ezahlulweni zase‐Kesareya‐filipi, wabuza kubadisipile bake, esiti: Ngubanina abati abantu ndinguye, mna nyana wesintu? Baye besiti: Bati inxenye ngu‐Johane umbapitizeshi; bati abanye ngu‐Elija; bati abanye ngu‐Jeremiya, umhlaumbi ngowabaprofite. Wati kubo: Kodwa ngubanina eniti nina ndinguye?