Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMATEYU 15:1-31

UMATEYU 15:1-31 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Bafike oko kuYesu abaseYerusalem ababhali nabaFarisi, besithi, Kungani na ukuba abafundi bakho basigqithe isithethe samanyange? Kuba abazihlambi izandla zabo, xa badla isonka. Waphendula ke yena wathi kubo, Nani, kungani na ukuba niwugqithe umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu? Kuba uThixo wawisa umthetho, esithi, Mbeke uyihlo nonyoko; wathi kanjalo, Omthethela okubi uyise nokuba ingunina, makafe ukufa. Ke nina nithi, Othe kuyise nokuba kukunina, Iselingumnikelo kuThixo, into onge uba uncedwa ngayo ndim, úkholisile: akasayi kuba sambeka uyise nokuba ngunina. Niwuphangile ke igunya umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu. Bahanahanisindini, watyapha ukuprofeta ngani uIsaya, esithi, Aba bantu basondela kum ngomlomo wabo, Bandibeke ngemilebe yomlomo wabo; Kanti intliziyo yabo ikude lee kum; Bafumana ke bendihlonela, Befundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu. (UIsaya 29:13) Wayibizela kuye indimbane, wathi kubo, Phulaphulani, niqonde. Asikokungena emlonyeni okumenza inqambi umntu; ke okuphuma emlonyeni, kuko oko okumenza inqambi umntu. Beza abafundi bakhe bathi kuye, Uyazi na ukuba abaFarisi bathe bakuliva elo zwi bakhubeka? Waphendula ke wathi, Zonke izityalo ezingatyalwanga nguBawo wasemazulwini ziya kuncothulwa. Bayekeni; ngabakhokeli beemfama abakwaziimfama; ke kaloku, xa sukuba imfama ikhokela imfama, zombini ziya kweyela emhadini. Waphendula ke uPetros wathi kuye, Sixelele lo mzekeliso. Wathi ke yena uYesu, Anikabi nakuqonda na nani nangoku? Anikaqiqi na, ukuba konke okungena emlonyeni kusinga esiswini, ize kulahlelwe endaweni esese? Ke zona izinto eziphuma emlonyeni, ziphuma kuyo intliziyo; zizo ezo ezimenza inqambi umntu. Kuba kuyo intliziyo kuphuma izicamango ezingendawo, ookubulala, ookukrexeza, oomibulo, oobusela, ookungqina ubuxoki, ookunyelisa. Zizo ezo izinto ezimenza inqambi umntu; kodwa kona ukudla ngezandla ezingahlanjwanga akumenzi nqambi umntu. Ephumile khona apho, uYesu wasinga kwimida yaseTire neTsidon. Kwathi thu umKananekazi evela kuloo mida, ekhala esithi, Ndénzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide; intombi yam iphethwe yidemon kakubi. Akamphendula ke nelizwi eli. Beza abafundi bakhe, bamcela besithi, Mndulule, ngokuba usilandela ekhala. Waphendula ke yena wathi, Ndithunywe kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli zodwa. Weza ke waqubuda kuye, esithi, Nkosi, ndisize. Uphendule ke wathi, Asinto intle ukusithabatha isonka sabantwana, siphoswe ezinjaneni. Wathi ke yena, Ewe, Nkosi; kuba neenjana zidla kwiimvuthuluka eziwa etafileni yabaninizo. Waza ke waphendula uYesu wathi kuye, Mfazi, lukhulu ukholo lwakho; makwenzeke kuwe njengokuthanda kwakho. Yaphiliswa intombi yakhe kwangelo lixa. Esukile apho, uYesu weza ngaselwandle lwaseGalili, wenyuka intaba, wahlala phantsi khona. Kweza kuye izihlwele ezininzi, zinazo iziqhwala, iimfama, izidenge, izilima, nabanye abaninzi, zababeka phantsi ezinyaweni zikaYesu; wabaphilisa; zada zamangaliswa izihlwele ezo, zakubona izidenge zithetha, izilima ziphilile, iziqhwala zihamba, neemfama zibona; zamzukisa uThixo kaSirayeli.

UMATEYU 15:1-31 IBHAYIBHILE (XHO96)

Kwafika *abaFarasi nabachazi-mthetho kuYesu, bevela eJerusalem, bambuza besithi: “Kutheni abafundi bakho bengasilandeli nje isithethe samanyange, le nto batya isonka ngezandla ezingahlanjwanga?” Wabaphendula wathi: “Nina, kutheni ukuba nithi ngenxa yesithethe senu, ningawenzi umthetho kaThixo? Kaloku uThixo wathi: ‘Beka uyihlo nonyoko,’ watsho nokuthi: ‘Othuka uyise, nokuba ngunina, makabulawe.’ Kanti nina nithi ukuba ubani unento angamnceda ngayo uyise nokuba ngunina, kodwa asuke athi loo nto ingumnikelo kuThixo, akasavumelekanga ukumenzela nto ngaloo nto uyise nokuba ngunina. Ngokwenjenjalo nithi ngenxa yesithethe senu, nilenze into engento ilizwi likaThixo. Bahanahanisindini, uIsaya wayenyanisile ukushumayela ngani, esithi: “ ‘Aba bantu bandibeka ngomlomo, kanti yona intliziyo ikude lee kum,’ itsho iNkosi. ‘Bafumana bendihlonela, kuba bafundisa iimfundiso eziyimithetho nje yabantu.’ ” UYesu, eyibizele kuye indimbane, wathi: “Phulaphulani niqonde. Umntu akangcoliswa yiloo nto ingena kuye ngomlomo; zizinto azithetha ziphume kuye ngomlomo ezimngcolisayo.” Basondela kuYesu abafundi bakhe, bathi kuye: “Uyazi nje ukuba *abaFarasi bakhutyekisiwe yintetho yakho?” Waphendula wathi: “Zonke izityalo ezingatyalwanga nguBawo osezulwini ziya kuncothulwa. Bayekeni; baziinkokheli eziziimfama. Ke ukuba imfama ikhokela enye imfama, ziya kweyela zombini ezindongeni.” Waza uPetros wathi: “Khawusicacisele lo mzekeliso.” UYesu wathi kubo: “Kanti nani nikwanje na ukungaqondi? Aniqondi na ukuba konke okungena emlonyeni, kuya esiswini, kuze kulahlwe ngasese? Ke zona izinto ezithethwa ngomlomo, zisuka entliziyweni. Zezo zinto ke ezimenza angcole umntu. Kaloku ziphuma entliziyweni iingcamango ezimbi. Kusentliziyweni apho kuphuma khona ukubulala, ukukrexeza, ubuhenyu, ubusela, ukungqina ubuxoki, nokunyelisa. Zezi zinto ezimenza angcole umntu; kodwa ukutya ngezandla ezingahlanjwanga akumenzi angcole umntu.” Emkile apho uYesu, waya kummandla waseTire naseSidon. Kwathi thu umKananekazi, evela kuloo mimandla, ekhala esithi: “Nkosi, Nyana kaDavide, yiba nenceba kum. Intombi yam iphethwe kakubi yindimoni.” Kodwa uYesu akamphendulanga tu. Basondela abafundi bakhe, bambongoza besithi: “Mvumele, kuba nanku ekhwaza emva kwethu.” Waphendula wathi: “Ndithunyelwe kuphela kwiigusha ezilahlekileyo zakwaSirayeli.” Weza ke, waqubuda kuye, wathi: “Nkosi, ndincede.” Yena waphendula wathi: “Akufanelekanga ukuba ukutya kuthathwe kubantwana, kunikwe iinjana.” Waphendula yena wathi: “Kunjalo, Nkosi, kodwa noko iinjana ziyatya kwimvuthuluka ewayo etafileni yabaninizo.” Ke ngoko uYesu waphendula wathi kuye: “Mfazindini, lukhulu ukholo lwakho. Makwenzeke kuwe ngokomnqweno wakho.” Yaphiliswa ke intombi yakhe kwangelo xesha. Akumka apho, uYesu wafika ngakuLwandle lwaseGalili, wenyuka intaba, wahlala phantsi. Kweza kuye ke izihlwele zabantu, zizisa iziqhwala, neemfama, nezilima, nezimumu, nabanye abaninzi ababeyimilwelwe, zababeka phambi koYesu, waza yena wabaphilisa. Zamangaliswa ke izihlwele ezo, zakubona izimumu zithetha, izilima ziphilile, iziqhwala zihamba, neemfama zibona; zaza zamdumisa uThixo kaSirayeli.

UMATEYU 15:1-31 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ngelo xesha beza kuYesu abaseYerusalem ababhali nabaFarisi, besithi, Kungani na ukuba abafundi bakho basigqithe isithethe samanyange? ngokuba abazihlambi izandla zabo, xa badla isonka. Waphendula ke yena wathi kubo, Nani, kungani na ukuba niwugqithe umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu? Kuba uThixo wawisa umthetho, esithi, Mbeke uyihlo nonyoko; wathi kanjalo, Omthethela kakubi uyise nokuba ingunina, makafe ukufa. Ke nina nithi, Othe kuyise nokuba kukunina, Iselingumnikelo kuThixo, into onge uba uncedwa ngayo ndim, ukholisile; ingambeki uyise nonina; yoba msulwa. Niwuphangile ke igunya umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu. Bahanahanisindini, watyapha ukuprofeta ngani uIsaya, esithi, Aba bantu basondela kum ngomlomo wabo, bandibeke ngemilebe yomlomo wabo; kodwa intliziyo yabo ikude lee kum. Bafumana ke bendihlonela, Befundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu. Wayibizela kuye indimbane, wathi kubo, Phulaphulani niqonde. Asikokungena emlonyeni okumenza inqambi umntu; ke okuphuma emlonyeni, kuko oko okumenza inqambi umntu. Beza abafundi bakhe bathi kuye, Uyazi na ukuba abaFarisi bathe bakuliva elo lizwi bakhubeka? Waphendula ke wathi, Zonke izityalo ezingatyalwanga nguBawo wasemazulwini ziya kuncothulwa. Bayekeni; ngabakhokeli beemfama abakwaziimfama; Ke kaloku, xa sukuba imfama ikhokela imfama, zombini ziya kweyela emhadini. Waphendula ke uPetros wathi kuye, Sixelele lo mzekeliso. Wathi ke uYesu kubo, Anikabi nakuqonda na nani nangoku? Anikaqondi na ukuba yonke into engena emlonyeni ingena esiswini, ize iphoswe entlanjeni? Ke zona izinto eziphuma emlonyeni, ziphuma kuyo intliziyo; zimenza inqambi umntu. Kuba kuyo intliziyo kuphuma izicamango ezingendawo, ookubulala, ookukrexeza, oomibulo, oobusela, ookungqina ubuxoki, ookunyelisa. Zizo ezo izinto ezimenza inqambi umntu; kodwa kona ukudla ngezandla ezingahlanjwanga akumenzi nqambi umntu. Ephumile khona apho, uYesu wasinga kwimida yaseTire neTsidon. Kwathi thu umKananekazi evela kuloo mida, ekhala esithi, Ndenzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide; intombi yam iphethwe yidemon kakubi. Kodwa akamphendulanga nelizwi eli. Beza abafundi bakhe, bamcela besithi, Mndulule; ngokuba uyakhala emva kwethu. Waphendula ke yena wathi, Ndithunywe kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli zodwa. Weza ke waqubuda kuye, esithi, Nkosi, ndincede. Uphendule ke wathi, Asinto intle ukusithabatha isonka sabantwana, siphoswe ezinjaneni. Wathi ke yena, Ewe, Nkosi; kuba neenjana zidla kwiimvuthuluka eziwa etafileni yabaninizo. Waphendula ke uYesu wathi kuye, Mfazi, lukhulu ukholo lwakho; makwenzeke kuwe ngokuthanda kwakho. Yaphiliswa intombi yakhe kwangelo lixa. Emka apho uYesu, weza ngaselwandle lwaseGalili; wenyuka intaba, wahlala phantsi khona. Kweza kuye izihlwele ezininzi, zinazo iziqhwala, iimfama, izidenge, izilima, nabanye abaninzi, zababeka phantsi ezinyaweni zikaYesu; wabaphilisa. Zada zamangaliswa izihlwele ezo, zakubona izidenge zithetha, izilima ziphilile, iziqhwala zihamba, neemfama zibona; zamzukisa uThixo kaSirayeli.

UMATEYU 15:1-31 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

BANDULA beza ku‐Yesu ababa̔li nabafarisi base‐Yerusaleme, besiti: Kunganina ukuba abadisipile bako bagqite isinikelo sabadala? ngokuba bengahlambi izandla zabo, okuya basitya isonka. Koko wapendula wati kubo: Nani kunganina ukuba nigqite umyalelo KATIXO ngenxa yesinikelwa senu? Ngokuba UTIXO eyalele, esiti: Beka uyihlo nonyoko; esiti kanjalo: Otukayo uyise, umhlaumbi unina, makafe ngokufa. Kanti nina niti: Osukuba esitsho kuyise, umhlaumbi kunina, ukuti: Ngumnikelo, into esukuba iyiyo ubungaba ngayo uncedwa ndim; akayi kwandula abeke uyise, umhlaumbi unina. Kwa njalo ke niwutshitshisile umyalelo KATIXO ngenxa yesinikelwa senu. Zihanahanisindini! ulungisile ukuprofitesha ngani u‐Yisaya, esiti: Ababantu bayasondela kum ngomlomo wabo, bandidumise ngenteto zabo, kanti intliziyo yabo iyakwelela kude kum: kodwa bafumana bendibedesha, befundisa ngezifundiso eziziziyalelo zabantu. Waza wabiza isihlwele, wati kubo: Yivani niqonde ke: oko kungena emlonyeni akunco̔lisi umntu; oko kupuma emlonyeni, kuko oku okunco̔lisayo umntu. Bandula beza abadisipile bake bati kuye: Uyazi na ukuba abafarisi badubuleka, bakuva elozwi? Koko wapendula wati: Zonke izityalo, ezingatyalwanga NGUBAWO wasezulwini, ziya kudonyulwa. Bayekeni; ngabakokeli bemfama abakwa zimfama: kekaloku imfama ukuba iyakokela imfama, ziya kweyela emnxu̔nyeni zombini. Waza wapendula u‐Petrosi wati kuye: Sityilele lomzekeliso. Wayesiti u‐Yesu: Kwa ngoku nisengabo abangenakuqonda nani na? Anikaqondi na, ukuba konke okungenayo emlonyeni kuyadlulela esiswini, kulahlelwe endaweni yasese? Kanti izinto ezipumayo emlonyeni zivela entliziyweni, ziti ezo ke zinco̔lise umntu. Ngokuba kuvela entliziyweni izicamango ezikohlakeleyo, izibulalo, iziṙexezo, imibulo, izibo̔, ukunqi̔na okubuxoki, izigxeko: zizo ezi izinto ezinco̔lisa umntu; kodwa ukutya ngezandla ezingahlanjwanga, akunco̔lisi umntu oku. Waza u‐Yesu wapuma apo, wemkela kwizahlulo zase‐Tire ne‐Tsidone. Kekaloku bona ke, um‐Kananekazi wavela kuleyomida wadandulukela kuye, esiti: Yiba netaṙu kum, Nkosi, nyana ka‐Davide! intombi yam ingenelwe yidemoni kakubi. Kodwa akampendula nalinye ilizwi. Bada beza abadisipile bake bamtandaza, besiti: Mndulule; ngokuba ekala emva kwetu. Koko wapendula wati: Nditunyelwe ezigusheni ezilahlekileyo zendlu ka‐Sirayeli kupela. Waselesiza wambedesha, esiti: Nkosi, ndisize! Koko wapendula wati: Akufanelekile ukuba kutatyatwe isonka sabantwana, siposwe ezinjeni. Wayesiti: Ewe, Nkosi! ngokuba nezinja zisitya kwimvutuluka eziwayo etafileni yabanini bazo. Wandula wapendula u‐Yesu wati kuye: Hai, mfazi! lukulu ukolo lwako; makube njalo kuwe njengokutanda kwako. Yaza intombi yake yapiliswa kwa ngeloxeshana. Kekaloku wesuka apo u‐Yesu weza ngaselwandle lwase‐Galili, wenyukela entabeni, wahlala pantsi kona. Zati izihlwele ezininzi zeza kuye, zizisa nazo iziqwala, imfama, izidenge, izilima, nabanye abaninzi, zabawisa pantsi ngasezinyaweni zika‐Yesu; waza wabapilisa; zada zati nqa izihlwele, zakubona izidenge ziteta, izilima zipilile, iziqwala zihamba, nemfama zibona; zaza zamdumisa UTIXO wo‐Sirayeli.