Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ivangeli ka‐Mateyu 15:1-31

Ivangeli ka‐Mateyu 15:1-31 XHO1902A

BANDULA beza ku‐Yesu ababa̔li nabafarisi base‐Yerusaleme, besiti: Kunganina ukuba abadisipile bako bagqite isinikelo sabadala? ngokuba bengahlambi izandla zabo, okuya basitya isonka. Koko wapendula wati kubo: Nani kunganina ukuba nigqite umyalelo KATIXO ngenxa yesinikelwa senu? Ngokuba UTIXO eyalele, esiti: Beka uyihlo nonyoko; esiti kanjalo: Otukayo uyise, umhlaumbi unina, makafe ngokufa. Kanti nina niti: Osukuba esitsho kuyise, umhlaumbi kunina, ukuti: Ngumnikelo, into esukuba iyiyo ubungaba ngayo uncedwa ndim; akayi kwandula abeke uyise, umhlaumbi unina. Kwa njalo ke niwutshitshisile umyalelo KATIXO ngenxa yesinikelwa senu. Zihanahanisindini! ulungisile ukuprofitesha ngani u‐Yisaya, esiti: Ababantu bayasondela kum ngomlomo wabo, bandidumise ngenteto zabo, kanti intliziyo yabo iyakwelela kude kum: kodwa bafumana bendibedesha, befundisa ngezifundiso eziziziyalelo zabantu. Waza wabiza isihlwele, wati kubo: Yivani niqonde ke: oko kungena emlonyeni akunco̔lisi umntu; oko kupuma emlonyeni, kuko oku okunco̔lisayo umntu. Bandula beza abadisipile bake bati kuye: Uyazi na ukuba abafarisi badubuleka, bakuva elozwi? Koko wapendula wati: Zonke izityalo, ezingatyalwanga NGUBAWO wasezulwini, ziya kudonyulwa. Bayekeni; ngabakokeli bemfama abakwa zimfama: kekaloku imfama ukuba iyakokela imfama, ziya kweyela emnxu̔nyeni zombini. Waza wapendula u‐Petrosi wati kuye: Sityilele lomzekeliso. Wayesiti u‐Yesu: Kwa ngoku nisengabo abangenakuqonda nani na? Anikaqondi na, ukuba konke okungenayo emlonyeni kuyadlulela esiswini, kulahlelwe endaweni yasese? Kanti izinto ezipumayo emlonyeni zivela entliziyweni, ziti ezo ke zinco̔lise umntu. Ngokuba kuvela entliziyweni izicamango ezikohlakeleyo, izibulalo, iziṙexezo, imibulo, izibo̔, ukunqi̔na okubuxoki, izigxeko: zizo ezi izinto ezinco̔lisa umntu; kodwa ukutya ngezandla ezingahlanjwanga, akunco̔lisi umntu oku. Waza u‐Yesu wapuma apo, wemkela kwizahlulo zase‐Tire ne‐Tsidone. Kekaloku bona ke, um‐Kananekazi wavela kuleyomida wadandulukela kuye, esiti: Yiba netaṙu kum, Nkosi, nyana ka‐Davide! intombi yam ingenelwe yidemoni kakubi. Kodwa akampendula nalinye ilizwi. Bada beza abadisipile bake bamtandaza, besiti: Mndulule; ngokuba ekala emva kwetu. Koko wapendula wati: Nditunyelwe ezigusheni ezilahlekileyo zendlu ka‐Sirayeli kupela. Waselesiza wambedesha, esiti: Nkosi, ndisize! Koko wapendula wati: Akufanelekile ukuba kutatyatwe isonka sabantwana, siposwe ezinjeni. Wayesiti: Ewe, Nkosi! ngokuba nezinja zisitya kwimvutuluka eziwayo etafileni yabanini bazo. Wandula wapendula u‐Yesu wati kuye: Hai, mfazi! lukulu ukolo lwako; makube njalo kuwe njengokutanda kwako. Yaza intombi yake yapiliswa kwa ngeloxeshana. Kekaloku wesuka apo u‐Yesu weza ngaselwandle lwase‐Galili, wenyukela entabeni, wahlala pantsi kona. Zati izihlwele ezininzi zeza kuye, zizisa nazo iziqwala, imfama, izidenge, izilima, nabanye abaninzi, zabawisa pantsi ngasezinyaweni zika‐Yesu; waza wabapilisa; zada zati nqa izihlwele, zakubona izidenge ziteta, izilima zipilile, iziqwala zihamba, nemfama zibona; zaza zamdumisa UTIXO wo‐Sirayeli.