UMATEYU 13:3-8
UMATEYU 13:3-8 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wathetha kubo iindawo ezininzi ngemizekeliso, esithi, Yabonani, umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela. Ekuhlwayeleni kwakhe inxalenye yeenkozo yawa ngasendleleni, zeza iintaka zayidla zayigqiba. Ezinye ke zawa ezindaweni ezilulwalwa, apho bezingenamhlaba mninzi; zaphuma ke kwaoko, ngenxa yokuba bezingenabunzulu bamhlaba; zathi ke lakuphuma ilanga zatsha, zaza ngenxa yokuba zingenangcambu zoma kwaphela. Ezinye ke zawa emithaneni enameva, yaza imithana enameva yakhula yaziminxa. Ezinye ke zawa kuwo wona umhlaba omhle, zanika iziqhamo, olunye lwanika ikhulu, olunye amashumi amathandathu, nolunye amashumi amathathu.
UMATEYU 13:3-8 IBHAYIBHILE (XHO96)
UYesu ke wasifundisa isihlwele izinto ezininzi ngemizekeliso, esithi: “Kwakukho umhlwayeli owaphuma waya kuhlwayela. Ekuhlwayeleni kwakhe inxenye yembewu yawa endleleni, zeza iintaka zayichola zayigqiba. Enye imbewu yawa endaweni elulwalwa, apho ibingenamhlaba waneleyo; yantshula ke kwangoko, ngenxa yokungabi nabunzulu bamhlaba. Kuthe ke, lakuba shushu ilanga, yatsha, yathi ngenxa yokuba ingenazingcambu zendeleyo, yoma kwaphela. Enye yawa endaweni enokhula, olwathi lwakukhula lwayiminxa. Enye yawa kumhlaba olungileyo, yavelisa isiqhamo: enye yanika ikhulu, enye amashumi amathandathu, nenye amashumi amathathu.
UMATEYU 13:3-8 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wathetha kubo iindawo ezininzi ngemizekeliso, esithi, Yabonani, umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela. Ekuhlwayeleni kwakhe, inxalenye yembewu yawa ngasendleleni, zeza iintaka zayidla zayigqiba. Embi yawa ezindaweni ezilulwalwa, apho ibingenamhlaba mninzi; Zathi ke lakuphuma ilanga zagqatswa; zaza ngenxa yokuba zingenangcambu zoma kwaphela. Embi yawa emithaneni enameva; imithana enameva yakhula, yayiminxa. Enye yawa kuwo wona umhlaba olungileyo, yavelisa isiqhamo, enye ikhulu, enye amashumi amathandathu, nenye amashumi amathathu.
UMATEYU 13:3-8 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza wateta kubo indawo ezininzi ngemizekeliso, esiti: Bona ke, umhlwayeli wapuma ukuya kuhlwayela; nasekuhlwayeleni kwake, ezinye inkozo zawa ngasendleleni, zati intaka zeza zazidla. Zawa nezinye endaweni ebulwalwa, apo bezingenawo umhlaba omninzi; zaza zasezipuma kamsinya, ngokuba zingenabo ubunzulu bomhlaba: zati nxa ilanga belipumile, zatshiswa; nangokuba zingenangcambo, zabuna. Zawa nezinye endaweni yemitolo; yaza imitolo yahluma, yazitshwencisa. Zawa nezinye emhlabeni olungileyo, zanika isiqa̔mo ke, olunye ngekulu, nolunye ngamashumi matandatu, nolunye ngamashumi matatu.