Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMATEYU 10:1-23

UMATEYU 10:1-23 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Waza wababizela kuye abafundi bakhe abalishumi elinababini, wabanika igunya koomoya abangcolileyo, ukuze babakhuphe, nelokuphilisa izifo nezikhuhlane zonke. Amagama ke abapostile• abo balishumi elinababini ngawo la: owokuqala, uSimon ekuthiwa nguPetros, noAndreya umzalwana wakhe; uYakobi kaZebhedi, noYohane umzalwana wakhe; uFilipu noBhartolomeyu; uTomas noMateyu, umbuthi werhafu; uYakobi ka-Alifeyu, noLebheyu, ogama limbi linguTadeyu; uSimon umKanan noYuda Sikariyoti, lowo wamngcatshayo. Abo bashumi linababini wabathuma uYesu, akuba ebayalile, wathi, Ze ningasingi endleleni yeentlanga, ningangeni nasemzini wamaSamariya; yiyani ke kanye kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli. Ekuhambeni kwenu ke vakalisani, nisithi, Ubukumkani bamazulu busondele. Philisani imilwelwe, hlambululani abaneqhenqa, vusani abafileyo, khuphani iidemon; namkéle ngesisa, yiphani ngesisa. Ningaziqwebeli golide nasilivere nalubhedu emibhinqweni yenu; nangxowa yandlela, nangubo zangaphantsi ngambini, nambadada, namsimelelo; kuba umsébenzi ufanelwe kukudla kwakhe. Emzini ke enithe nangena kuwo, nokuba kusemzaneni, ize nibúzise ukuba ngubani na kuwo ofanelekileyo; nihlale ke khona apho nide nimke. Ekungeneni kwenu ke endlwini, ize niyibulise. Ukuba ke ifanelekile indlu leyo, malube phezu kwayo uxolo lwenu; ukuba ayifanelekile, uxolo lwenu malubuyele kwakuni. Nóthe àkawamkela, akaweva amazwi enu, nàkuphuma kuloo ndlu nakuloo mzi, vuthululani uthuli lweenyawo zenu. Inene ndithi kuni, Koba nokunyamezeleka okomhlaba waseSodom nowaseGomora ngomhla womgwebo, kunokwaloo mzi. Yabonani, mna ndinithuma njengezimvu phakathi kweengcuka; ngoko yibani nobulumko njengeenyoka, nibe njengamahobe ukungabi nabuqhinga. Balumkeleni ke abantu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni zamatyala, banityakatye ezindlwini zabo zesikhungu; náye ke niya kusiwa phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, ze kube bubungqina kubo, nakuzo iintlanga. Xa sukuba ke beninikela, ize ningaxhaleli ukuba nothetha ngakuphi na, nokuba nothetha ntoni na; kuba niya kunikwa ngelo lixa oko nothetha khona. Kuba asinini abathethayo, nguMoya kaYihlo othethayo ngaphakathi kwenu. Ke kaloku umzalwana uya kunikela umzalwana ekufeni, aze uyise anikele umntwana; bathi nabantwana basuke phezu kwabazali bababulalisise; niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam; ke onyamezelayo kwada kwaba kwasekupheleni, uya kusindiswa yena. Xa sukuba ke benitshutshisa kuloo mzi, sabelani kuwumbi; kuba inene ndithi kuni, Aniyi kukha niyigqibe imizwi yakwaSirayeli, engekafiki uNyana woMntu.

UMATEYU 10:1-23 IBHAYIBHILE (XHO96)

UYesu wababizela kuye abafundi bakhe abalishumi elinambini, wabanika igunya lokukhupha iindimoni nelokuphilisa abantu kwizifo ngezifo. Nânga ke amagama abafundi abalishumi elinambini: kuqala, uSimon, lo kuthiwa nguPetros, noAndreya umntakwabo; uYakobi, noYohane umntakwabo, oonyana bakaZebhedi; uFilipu noBhartolomeyu; uTomas noMatewu, umqokeleli-rhafu; uYakobi, unyana ka-Alifeyu, noTadeyu; uSimon iTsha-ntliziyo, noJudas Sikariyoti, owayeza kungcatsha uYesu. UYesu wabathuma aba bafundi balishumi elinambini, ebayalele ngokuthi: “Ze ningayithathi indlela eya kweleentlanga, ningangeni kwiidolophu zamaSamariya. Yiyani kanye kwiigusha ezilahlekileyo zakwaSirayeli. Ekuhambeni kwenu ze nishumayele nisithi: ‘Ulawulo lukaThixo lusemnyango!’ Philisani abagulayo, nivuse abafileyo, nihlambulule abaneqhenqa, nikhuphe iindimoni. Namkelé ngesisa, ke ngoko yiphani ngesisa. Ze ningazameli ukuba nibe nemali emibhinqweni yenu, nokuba yigolide, nokuba yisiliva, nokuba lubhedu. Ze ningaphathi ngxowa, nazambatho ngazibini, nazihlangu, namsimelelo. Kaloku umvuzo ulilungelo kumntu osebenzayo. “Nakusiphi na isixeko okanye idolophu enithe nangena kuyo, funani lowo unokuthi anamkele, nihlale khona de nimke kuloo ndawo. Nakungena emzini, ze nibabulise abakuwo. Ukuba abantu baloo mzi bayanamkela, basikeleleni, kodwa ukuba abanamkeli, uxolo lwenu malubuyele kuni. Ukuba bathe àbanamkela, okanye àbawaphulaphula amazwi enu, ze nithi nakuphuma kuloo mzi, okanye kweso sixeko, nivuthulule uthuli olusezinyaweni zenu nikhalala. Inene, eso sixeko siya kuva ubunzima ngaphezu kweSodom neGomora ngomhla womgwebo.” “Niyabona, ndinithuma njengeegusha phakathi kweengcuka. Ke ngoko yibani nobulumko njengeenyoka, nilulame njengamahobe. Balumkeleni abantu, kuba baya kuninikela ezinkundleni, nikatswe *ezindlwini zesikhungo. Nomiswa phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam. Kulapho niya kundingqinela khona kubo nakuzo iintlanga. Xa bathe banisa enkundleni yamatyala, ze ningaxhaleli ukuba nothetha ntoni na, nokuba nothetha njani na; kothi, lakufika elo xesha, niyinikwe into eniya kuyithetha, kuba asinini abaya kuthetha, nguMoya kaYihlo oya kuthetha kuni. “Oonyana bomntu omnye baya kusana ekufeni, uyise anikele umntwana, bathi nabantwana babavukele abazali, babanikele ukuba babulawe. Niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam. Ke lowo unyamezelayo kude kube sekupheleni wosindiswa. Xa banitshutshisayo kule dolophu, yiyani kwenye, kuba inene, aniyi kuzigqiba iidolophu zakwaSirayeli engekafiki *uNyana woLuntu.

UMATEYU 10:1-23 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Waza wababizela kuye abafundi bakhe abalishumi elinababini, wabanika igunya koomoya abangcolileyo, ukuze babakhuphe, nelokuphilisa izifo nezikhuhlane zonke. Ngawo la ke amagama abapostile abalishumi elinababini; Owokuqala ibinguSimon ekuthiwa nguPetros, noAndreya umzalwana wakhe; uYakobi kaZebhedi, noYohane umzalwana wakhe; uFilipu noBhartolomeyu; uTomas, noMateyu, umbuthi werhafu; uYakobi ka-Alifeyu, noLebheyu, ogama limbi linguTadeyu; uSimon umKanan noYuda Sikariyoti, lowo wamngcatshayo. Aba balishumi elinababini wabathuma uYesu, ebawisela umthetho, esithi, Ze ningasingi endleleni yeentlanga, ningangeni nasemzini wamaSamariya; Kodwa yiyani kanye kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli. Ekubeni nihamba, vakalisani, nithi, Ubukumkani bamazulu busondele. Philisani imilwelwe, hlambululani abaneqhenqa, vusani abafileyo, khuphani iidemon; namkele ngesisa, yiphani ngesisa. Ningaphathi golide nasilivere nalubhedu emibhinqweni yenu; nangxowa yandlela, nangubo zangaphantsi ngambini, nambadada, namsimelelo; kuba umsebenzi ufanelwe kukudla kwakhe. Emzini ke enithe nangena kuwo, nokuba kusemzaneni, ize nibuzise ukuba ngubani na kuwo ofanelekileyo; hlalani khona apho nide nimke khona. Xa ningena endlwini, ze nibabulise. Ukuba ke ifanelekile indlu leyo, malube phezu kwayo uxolo lwenu; ukuba ayifanelekile, uxolo lwenu malubuyele kwakuni. Nothe akawamkela, akaweva amazwi enu, nakuphuma kuloo ndlu nakuloo mzi, vuthululani uthuli lweenyawo zenu. Inene ndithi kuni, Koba nokunyamezeleka okomhlaba waseSodom nowaseGomora ngomhla womgwebo, kunokwaloo mzi. Niyabona, mna ndinithuma njengezimvu phakathi kweengcuka; ngoko yibani nobulumko njengeenyoka, nibe njengamahobe ukungabi nabuqhinga. Balumkeleni ke abantu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni zamatyala, banityakatye ezindlwini zabo zesikhungu; niya kusiwa phambi kweerhuluneli nookumkani ngenxa yam, ze kube bubungqina kubo, nakuzo iintlanga. Xa sukuba ke beninikela, ize ningaxhaleli ukuba nothetha ngakuphi na, nokuba nothetha ntoni na, kuba niya kuyinikwa ngelo lixa into nothetha ngayo. Kaloku asinini abathethayo, nguMoya kaYihlo othethayo ngaphakathi kwenu. Ke kaloku umzalwana uya kunikela umzalwana ekufeni, aze uyise anikele umntwana, bathi nabantwana bavukelane nabazali, bababulalise; niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam; ke onyamezelayo kwada kwaba kwasekupheleni, uya kusindiswa yena. Xa sukuba ke benitshutshisa kuloo mzi, sabelani kuwumbi; kuba inene ndithi kuni, Aniyi kukha niyigqibe imizi yakwaSirayeli, engekafiki uNyana woMntu.

UMATEYU 10:1-23 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Waza wabiza abadisipile bake abalishumi linababini, wabanika igunya pezu kwomoya abanco̔lileyo, lokuba babaku̔pe, nelokupilisa zonke izifo nazo zonke izikuhlane. Kekaloku amagama abapostile abalishumi linababini ngawo la: Owokuqala, u‐Simone o‐kutiwa ngu‐Petrosi, no‐Andreya umninawe wake; u‐Yakobi unyana ka‐Zebedi, no‐Johane umninawe wake; u‐Filipi, no‐Batolomeyu; u‐Tomasi, no‐Mateyu umbuti weminikelo; u‐Yakobi unyana ka‐Alefeyu, no‐Lebeyu owatiywa elinye igama elingu‐Tadeyu; u‐Simone umkanani, no‐Jude Sikariyoti, okwa nguye owamngcatshayo. Aba balishumi linababini wabatuma u‐Yesu, wabayalela, esiti: Ningemkeli endleleni yabaheyideni, nasesixekweni sama‐Samariya ningangeni; yiyani kodwa ngakumbi ezigusheni ezilahlekileyo zendlu ka‐Sirayeli. Niti ke ekuyeni kwenu nishumayele, nisiti: Ubukumkani bezulu sebukufupi. Pilisani abafayo, hlambululani amaleperi, vusani abafileyo, ku̔pani idemoni: namkele ngesisa, yipani ngesisa. Ningazizuzeli igolide, nesilivere, nobedu, zibe semibinqweni yenu; kwa nenxowa ibe yeyendlela, nengubo ezimbini, nezihlangu, nentonga; ngokuba umsebenzi efanele ukutya kwake. Kanjalo isixeko umhlaumbi umzi onisukuba ningena kuwo, buzani ofanelekileyo kuwo ungubanina; nize nihlale kona, nide nimke. Niti nakungena endlwini, niyibulise: ukuba ke ifanelekile indlu leyo, maluze uxolo lwenu pezu kwayo; ukuba kodwa ayifanelekile, uxolo lwenu malubuyele kuni. Nosukuba enganamkeli nina, engaweva namazwi enu, niti nakupuma kulondlu umhlaumbi kwesosixeko, nivutulule utuli lwenyawo zenu. Ngokwenene nditi kuni: Kwonyamezelekela ilizwe lase‐Sodome ne‐Gomora ngomhla womgwebo, ngapezu kwesosixeko. Bona ke, ndiyanituma njengezimvu pakati kwencu̔ka: yibani ngoko ninobulumko njengenyoka, nibe ningenabuqokolo njengamahobe. Kodwa lumkelani abantu: ngokuba beya kuninikela ematyaleni, banibete ezindlwini zentlanganiso zabo; ewe, naniya kusiwa pambi kwenkosi nokumkani ngenxa yam, kube sisinqi̔no kubo nakulaheyideni. Kodwa okuya baninikelayo, ningabi nasitukutezi sokuba noteta ngokunjanina umhlaumbi noteta nto nina; ngokuba niya kunikwa ngeloxeshana into eniya kuyiteta: ngokuba kungenini abatetayo, KUNGUMOYA WOYIHLO otetayo pakati kwenu. Woti umzalwana anikele umzalwana ekufeni, noyise wonikela umntwana; kanjalo abantwana baya kusukela abazali, babatise: naniya kutiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam; kodwa onyamezelayo kude kube sekupeleni, oyena uya kusindiswa. Koko xeshekweni banitshutshisayo kwesisixeko, sabelani kwesinye; ngokuba ngokwenene ndisiti kuni: Anisayi kuba nigqibile izixeko zakwa‐Sirayeli ukuzihamba, engekafiki unyana wesintu.