UMATEYU 1:1-4
UMATEYU 1:1-4 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Incwadi yomlibo wokuzalwa kukaYesu Kristu, unyana kaDavide, unyana ka-Abraham. UAbraham wazala uIsake; uIsake ke wazala uYakobi; uYakobi wazala uYuda nabazalwana bakhe; uYuda wazala uPeretse noZera ngoTamare; uPeretse wazala uHetseron; uHetseron wazala uAram; uAram wazala uAminadabhi; uAminadabhi wazala uNashon; uNashon wazala uSalemon
UMATEYU 1:1-4 IBHAYIBHILE (XHO96)
Nanku umlibo wokuzalwa kukaYesu Krestu, unyana kaDavide, unyana ka-Abraham. UAbraham wazala uIsake; uIsake wazala uYakobi; uYakobi wazala uJuda nabantakwabo; uJuda wazala uPerezi noZera, abanina wabo unguTamare; uPerezi wazala uHezeron; uHezeron wazala uAram; uAram wazala uAminadabhi; uAminadabhi wazala uNashon; uNashon wazala uSalman
UMATEYU 1:1-4 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Incwadi yomlibo wokuzalwa kukaYesu Kristu, unyana kaDavide, unyana ka-Abraham. uAbraham wazala uIsake; uIsake wazala uYakobi; uYakobi wazala uYuda nabazalwana bakhe; uYuda wazala uPeres noZara ngoTamare; uFares wazala uEsrom; uEsrom wazala uAram; uAram wazala uAminadabhi; uAminadabhi wazala uNashon; uNashon wazala uSalmon
UMATEYU 1:1-4 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
INCWADI yokuvelakuka‐Yesu Kristu, unyana ka‐Davide, unyana ka‐Abrahame. U‐Abrahame wazala u‐Yisake; no‐Yisake wazala u‐Yakobi; no‐Yakobi wazala u‐Juda nabazalwana bake; waza u‐Juda wazala u‐Faretse no‐Zera ngo‐Tamare; wati u‐Faretse wazala u‐Hetserone; no‐Hetserone wazala u‐Rame; no‐Rame wazala u‐Haminadabi; no‐Haminadabi wazala u‐Nahashone; no‐Nahashone wazala u‐Salimone