ULUKA 6:48-49
ULUKA 6:48-49 IBHAYIBHILE (XHO96)
ufana nomntu owayesakha indlu, waza wemba ngokunzulu, wenza isiseko samatye. Kwathi ke, kwakubakho isikhukula iimpuphuma zagaleleka kuloo ndlu, zaza azaba nako ukuyishukumisa, kuba yayakhiwe ngokufanelekileyo. Kodwa owavileyo amazwi am waza akawenza, yena ufana nomntu owakhe indlu phezu komhlaba, kungekho siseko. Kwathi ke, zakugaleleka kuyo iimpuphuma, yawa kwangoko, yadilika didli!”
ULUKA 6:48-49 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ufana nomntu owákha indlu, wemba wangxoka isiseko, wasibeka phezu kolwalwa. Kwathi, kwakubakho umkhukula, wagaleleka kuloo ndlu umlambo, awaba nako ukuyishukumisa; kuba ibisekwe phezu kolwalwa olo. Kodwa lo uwevileyo àkawenza, ufana nomntu owakhé indlu phezu komhlaba, kungekho siseko; wagaleleka kuyo umlambo, yawa kwaoko; kwathi ukuwa kwaloo ndlu kwakukhulu.
ULUKA 6:48-49 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ufana nomntu owakha indlu, wemba nzulu, wabeka isiseko phezu kolwalwa. Kwathi ke, kwakubakho unogumbe, wagaleleka kuloo ndlu umlambo, awaba nako ukuyishukumisa; Kodwa lo uwevileyo akawenza, ufana nomntu owakhe indlu phezu komhlaba, kungekho siseko; wagaleleka kuyo umlambo, yawa kwaoko; kwaba kukhulu ukuwa kwaloo ndlu.
ULUKA 6:48-49 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ufana nomntu obesaka indlu, owemba wangxoka, wabeka umsekelo elulwalweni: kwati kwakubako ukukukula kwamanzi, umsinga watyobozela ngakulondlu, kanti awaba nako ukuyishukumisa; ngokuba ibisekelwe elulwalweni. Kodwa owevayo, engenzanga ke, ufana nomntu owaka indlu emhlabeni ingenawo umsekelo: owati umsinga watyobozela ngakuyo; yasuka yawa; kwaye kukulu ke ukuci̔takala kwalondlu.