ULUKA 5:27-39
ULUKA 5:27-39 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku, emveni kwezi zinto waphuma, wabona umbuthi werhafu, ogama linguLevi, ehleli endaweni yerhafu, wathi kuye, Ndilandele. Washiya konke, wesuka wamlandela. Waza uLevi wamenzela isidlo esikhulu endlwini yakhe. Kwaye kukho iqela elikhulu lababuthi berhafu nelabanye, ababehleli ngasesithebeni nabo. Baye ababhali babo nabaFarisi bebakrokrela abafundi bakhe, besithi, Kungani na ukuba nidle nisele nababuthi berhafu naboni? Waphendula uYesu wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphilileyo, lifuneka kwabafayo. Andizé kubiza malungisa, ndize kubiza aboni, ukuba baguquke. Ke kaloku bathi kuye, Kungani na ukuba abafundi bakaYohane bazile ukudla futhi, benze nezikhungo; benjenjalo nababaFarisi; kanti ke bona abakho bayadla basele? Wathi ke kubo, Ninako yini na ukubazilisa ukudla abegumbi lomtshakazi, xa asenabo umyeni? Kodwa kofika mihla awoza asuswe kubo umyeni, bandule ke ukuzila ngaloo mihla. Ke kaloku wabethetha nomzekeliso kubo esithi, Akukho ubeka isiziba sengubo entsha engutyeni endala; okanye wóba ukrazula leyo intsha, sithi nesiziba eso sentsha singavumani nendala. Kanjalo akukho utha iwayini entsha ezintsubeni ezindala; okanye yozigqabhuza iintsuba iwayini entsha, iphalale yona, zitshabalale neentsuba. Yona iwayini entsha ifanele ukuthiwa ezintsubeni ezintsha zigcinakale ezo zinto zombini. Kanjalo akukho uthi, ebesele endala, athande entsha kwaoko; ngokuba uthi, Endala yeyona inencasa.

ULUKA 5:27-39 IBHAYIBHILE (XHO96)
Emva koko uYesu waphuma, waza wabona umqokeleli-rhafu, ogama linguLevi, ehleli eofisini yerhafu; wathi kuye: “Ndilandele.” Washiya konke ke, wamlandela. ULevi ke wamenzela isidlo esikhulu uYesu endlwini yakhe. Kweso sidlo kwakukho iqela elikhulu labaqokeleli-rhafu nabanye abantu. Ke *abaFarasi nabachazi-mthetho babebakrokrela abafundi bakaYesu, besithi: “Yini na ukuba nitye nisele kunye nabaqokeleli-rhafu *naboni?” Wabaphendula uYesu esithi: “Ugqirha akafuneki nganto kwabaphilileyo, ufuneka kwabagulayo. Andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni, ukuba baguquke.” Ke kaloku abantu abathile bathi kuYesu: “Kutheni na ukuba abafundi bakaYohane *nababaFarasi basoloko bezila ukutya, bethandaza, kanti bona abakho bayatya basele?” UYesu ke wathi kubo: “Ngaba abakhaphi bomyeni ninokubazilisa na ukutya umyeni esenabo? Hayi, kodwa yofika yona imini yokuba umyeni asuswe kubo. Ngaloo mini ke baya kukuzila ukutya.” Ke kaloku uYesu wathetha umzekeliso kubo, esithi: “Akukho mntu uthatha isiziba kwisambatho esitsha asithungele kwesidala, hleze asonakalise isambatho esitsha, sibe isiziba eso singasilungeli nesidala. Kananjalo akukho mntu uyitha kwiimvaba ezindala iwayini entsha engekabili; kuba, ukuba uthe wenjenjalo, iwayini leyo yobila, izigqabhuze iimvaba, ichitheke, zonakale nezo mvaba. Iwayini engekabili mayithiwe kwiimvaba ezintsha. Kananjalo akukho mntu uthi, esele iwayini endala, athande nengekatsali, kuba uthi: ‘Endala inencasa!’ ”
ULUKA 5:27-39 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Emva kwezi zinto waphuma, wabona umbuthi werhafu, ogama linguLevi, ehleli endaweni yerhafu, wathi kuye, Ndilandele. Ekushiye konke, wesuka wamlandela. uLevi ke wamenzela itheko elikhulu endlwini yakhe. Kwaye kukho inkitha yababuthi berhafu nabanye abantu ababehleli ndawonye nabo. Baye ababhali babo nabaFarisi bebakrokrela abafundi bakhe, besithi, Kungani na ukuba nidle nisele nababuthi berhafu naboni? Uphendule uYesu wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphili leyo; kodwa ngabafayo. Andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni ukuba baguquke. Baza bathi kuye, Kungani na ukuba abafundi bakaYohane bazile ukudla futhi, benze imithandazo, benjenjalo nababaFarisi; kodwa abakho bayadla basele? Wathi ke kubo, Ninako yini na ukubazilisa ukudla abegumbi lomtshakazi, xa anabo umyeni? Kodwa kofika mihla awoza asuswe kubo umyeni, bandule ke ukuzila ngaloo mihla. Ke kaloku wathetha umzekeliso kubo; Akukho ke ubeka isiziba sengubo entsha engutyeni endala; okanye, wothi nentsha ikrazule, sithi nesiziba esitsha singavisisani nendala. Kananjalo akukho mntu uyitha kwiimvaba ezindala iwayini entsha engekabili; okanye iwayini, leyo intsha, yozigqabhuza iintsuba, iphalale iwayini, zitshabalale neentsuba. Kodwa iwayini entsha ifanele ukuthiwa ezintsubeni ezintsha; kwaye zombini zigciniwe. Kanjalo akukho uthi, ebesele endala, athande entsha kwaoko, kuba uthi, Endala yeyona inencasa.
ULUKA 5:27-39 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wati emveni kwezizinto wapuma, wabona umbuti weminikelo, ogama lingu‐Levi, ehleli endaweni yokwamkela iminikelo, wati kuye: Ndilandele. Washiya konke ke, wesuka, wamlandela. Waza u‐Levi wamenzela isidlo esikulu endlwini yake: kwaye kuko umhlambi omkulu wababuti beminikelo, nowabanye, abebehleli pantsi nabo. Baza ababa̔li bakubo, kwa nabafarisi, baṙoṙa kubadisipile bake, besiti: Kunganina ukuba nitye nisele kunye nababuti beminikelo naboni? Waza wapendula u‐Yesu wati kubo: Abapilileyo abasweli gqir̔a; ngabafayo abalisweleyo. Andizanga ukubiza abalungileyo, koko ndize ukubiza aboni baguquke. Kekaloku bati kuye: Kunganina ukuba abadisipile baka‐Johane bazile ukutya futi, benze nezikungo, kwa nababa‐Farisi kanjalo, kanti abako bayatya basele? Koko wati kubo: Usapo lwenkambili yomtshakazi ningalwenza luzile ukutya na, oko umyeni analo? Kodwa iya kuza imihla nokuya umyeni aya kususwa kulo; luya kwandula luzile ukutya kuleyomihla ke. Wabeteta nomzekeliso kubo, esiti: Akuko mntu ubeka isiziba sengubo entsha engutyeni endala; okanye, iti entsha iṙazule endala, nakanjako isiziba esisesentsha asilungelelani nendala. Kanjalo akuko mntu uta̔ iveyine entsha ezintsubeni ezindala; okanye, iveyine entsha yozigqoboza intsuba, ize ipalale yona, zitshabalale nentsuba; koko iveyine entsha ifanel’ ukuti̔wa ezintsubeni ezikwa zintsha, zandul’ ukugcinwa zombini. Kanjalo akuko mntu oti akuba esele iveyine endala, asuke afune entsha; ngokuba esiti: Endala igqitisile ngokulunga.