Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 5:27-39

ULUKA 5:27-39 IBHAYIBHILE (XHO96)

Emva koko uYesu waphuma, waza wabona umqokeleli-rhafu, ogama linguLevi, ehleli eofisini yerhafu; wathi kuye: “Ndilandele.” Washiya konke ke, wamlandela. ULevi ke wamenzela isidlo esikhulu uYesu endlwini yakhe. Kweso sidlo kwakukho iqela elikhulu labaqokeleli-rhafu nabanye abantu. Ke *abaFarasi nabachazi-mthetho babebakrokrela abafundi bakaYesu, besithi: “Yini na ukuba nitye nisele kunye nabaqokeleli-rhafu *naboni?” Wabaphendula uYesu esithi: “Ugqirha akafuneki nganto kwabaphilileyo, ufuneka kwabagulayo. Andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni, ukuba baguquke.” Ke kaloku abantu abathile bathi kuYesu: “Kutheni na ukuba abafundi bakaYohane *nababaFarasi basoloko bezila ukutya, bethandaza, kanti bona abakho bayatya basele?” UYesu ke wathi kubo: “Ngaba abakhaphi bomyeni ninokubazilisa na ukutya umyeni esenabo? Hayi, kodwa yofika yona imini yokuba umyeni asuswe kubo. Ngaloo mini ke baya kukuzila ukutya.” Ke kaloku uYesu wathetha umzekeliso kubo, esithi: “Akukho mntu uthatha isiziba kwisambatho esitsha asithungele kwesidala, hleze asonakalise isambatho esitsha, sibe isiziba eso singasilungeli nesidala. Kananjalo akukho mntu uyitha kwiimvaba ezindala iwayini entsha engekabili; kuba, ukuba uthe wenjenjalo, iwayini leyo yobila, izigqabhuze iimvaba, ichitheke, zonakale nezo mvaba. Iwayini engekabili mayithiwe kwiimvaba ezintsha. Kananjalo akukho mntu uthi, esele iwayini endala, athande nengekatsali, kuba uthi: ‘Endala inencasa!’ ”

ULUKA 5:27-39 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Wati emveni kwezizinto wapuma, wabona umbuti weminikelo, ogama lingu‐Levi, ehleli endaweni yokwamkela iminikelo, wati kuye: Ndilandele. Washiya konke ke, wesuka, wamlandela. Waza u‐Levi wamenzela isidlo esikulu endlwini yake: kwaye kuko umhlambi omkulu wababuti beminikelo, nowabanye, abebehleli pantsi nabo. Baza ababa̔li bakubo, kwa nabafarisi, baṙoṙa kubadisipile bake, besiti: Kunganina ukuba nitye nisele kunye nababuti beminikelo naboni? Waza wapendula u‐Yesu wati kubo: Abapilileyo abasweli gqir̔a; ngabafayo abalisweleyo. Andizanga ukubiza abalungileyo, koko ndize ukubiza aboni baguquke. Kekaloku bati kuye: Kunganina ukuba abadisipile baka‐Johane bazile ukutya futi, benze nezikungo, kwa nababa‐Farisi kanjalo, kanti abako bayatya basele? Koko wati kubo: Usapo lwenkambili yomtshakazi ningalwenza luzile ukutya na, oko umyeni analo? Kodwa iya kuza imihla nokuya umyeni aya kususwa kulo; luya kwandula luzile ukutya kuleyomihla ke. Wabeteta nomzekeliso kubo, esiti: Akuko mntu ubeka isiziba sengubo entsha engutyeni endala; okanye, iti entsha iṙazule endala, nakanjako isiziba esisesentsha asilungelelani nendala. Kanjalo akuko mntu uta̔ iveyine entsha ezintsubeni ezindala; okanye, iveyine entsha yozigqoboza intsuba, ize ipalale yona, zitshabalale nentsuba; koko iveyine entsha ifanel’ ukuti̔wa ezintsubeni ezikwa zintsha, zandul’ ukugcinwa zombini. Kanjalo akuko mntu oti akuba esele iveyine endala, asuke afune entsha; ngokuba esiti: Endala igqitisile ngokulunga.