Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 5:27-39

ULUKA 5:27-39 XHO96

Emva koko uYesu waphuma, waza wabona umqokeleli-rhafu, ogama linguLevi, ehleli eofisini yerhafu; wathi kuye: “Ndilandele.” Washiya konke ke, wamlandela. ULevi ke wamenzela isidlo esikhulu uYesu endlwini yakhe. Kweso sidlo kwakukho iqela elikhulu labaqokeleli-rhafu nabanye abantu. Ke *abaFarasi nabachazi-mthetho babebakrokrela abafundi bakaYesu, besithi: “Yini na ukuba nitye nisele kunye nabaqokeleli-rhafu *naboni?” Wabaphendula uYesu esithi: “Ugqirha akafuneki nganto kwabaphilileyo, ufuneka kwabagulayo. Andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni, ukuba baguquke.” Ke kaloku abantu abathile bathi kuYesu: “Kutheni na ukuba abafundi bakaYohane *nababaFarasi basoloko bezila ukutya, bethandaza, kanti bona abakho bayatya basele?” UYesu ke wathi kubo: “Ngaba abakhaphi bomyeni ninokubazilisa na ukutya umyeni esenabo? Hayi, kodwa yofika yona imini yokuba umyeni asuswe kubo. Ngaloo mini ke baya kukuzila ukutya.” Ke kaloku uYesu wathetha umzekeliso kubo, esithi: “Akukho mntu uthatha isiziba kwisambatho esitsha asithungele kwesidala, hleze asonakalise isambatho esitsha, sibe isiziba eso singasilungeli nesidala. Kananjalo akukho mntu uyitha kwiimvaba ezindala iwayini entsha engekabili; kuba, ukuba uthe wenjenjalo, iwayini leyo yobila, izigqabhuze iimvaba, ichitheke, zonakale nezo mvaba. Iwayini engekabili mayithiwe kwiimvaba ezintsha. Kananjalo akukho mntu uthi, esele iwayini endala, athande nengekatsali, kuba uthi: ‘Endala inencasa!’ ”