ULUKA 3:1-20

ULUKA 3:1-20 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ke kaloku, ngomnyaka weshumi elinantlanu wokulawula kukaTibheriyo Kesare, inguPontiyo Pilato irhuluneli kwelakwaYuda, inguHerode umphathi wesahlulo sesiné esilelaseGalili, inguFilipu ke umzalwana wakhe umphathi wesahlulo sesiné esilelaseYitureya nelizwe leTrakoniti, inguLisaniyo umphathi wesahlulo sesiné esilelaseAbhilene, ngexa lababingeleli abakhulu ooAnas noKayafa, lafika ilizwi likaThixo kuYohane, unyana kaZekariya, entlango. Weza kuwo wonke ummandla waseYordan, evakalisa ubhaptizo lwenguquko ukuze kuxolelwe izono; njengoko kubhaliweyo encwadini yamazwi kaIsaya umprofeti, esithi, Izwi lodandulukayo entlango, lisithi, Yilungiseni indlela yeNkosi, Wutyenenezeni umendo wayo. Yonke imifula iya kudityelelwa, Nazo zonke iintaba neenduli ziya kuthotywa, Neendawo ezigoso ziya kuthi tye, Nezibugqagala ziya kuba ziindlela ezigudileyo; Bonke abantu baya kulubona usindiso lukaThixo. (UIsaya 40:3-5) Wayesithi ngoko kuzo izihlwele ezaziphuma zisiza kubhaptizwa nguye, Nzalandini yamarhamba, ngubani na owanibonisayo, ukuba niyibaleke ingqumbo ezayo? Velisani ngoko iziqhamo eziyifaneleyo inguquko; ize ningaqali nithi ngaphakathi kwenu, Thina sinobawo uAbraham: kuba ndithi kuni, Unako uThixo kuwo la matye ukumvelisela abantwana uAbraham. Kananjalo izembe selibekiwe engcanjini yemithi; ngoko umthi wonke ongavelisi siqhamo sihle, uyagawulwa, uphoswe emlilweni. Zaye izihlwele zibuza kuye, zisithi, Masenze ntoni na ke? Waphendula ke wathi kubo, Lowo uneengubo zangaphantsi ezimbini, makabele ongenáyo: nalowo unokudla, makenjenjalo. Kweza ke nababuthi berhafu ukuba babhaptizwe, bathi kuye, Mfundisi, masenze ntoni na? Wathi ke kubo, Ningabizi okungaphezu kwenikumiselweyo. Ayebuza kuye ke namasoldati, esithi, Masenze ntoni na ke thina? Wathi kuwo, Ningaphangi mntu ngokumoyikisa, nìngadli mntu ngokumtyhola; yanelani yimivuzo yenu. Ke kaloku, bakubon' ukuba abantu balindile, becamanga bonke ezintliziyweni zabo ngaye uYohane, ukuba akangebi nguye na uKristu,• waphendula uYohane kubo bonke esithi, Mna okunene ndinibhaptiza ngamanzi; kodwa uyeza lowo unamandla kunam, endingafanelekileyo ukuba ndiwuthukulule nomtya weembadada zakhe; uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nangomlilo yena; omnyazi wokwela usesandleni sakhe. Uya kusicokisa kuthi tu isandá sakhe, ayibuthele kuvimba wakhe ingqolowa; ke wona umququ uya kuwutshisa ngomlilo ongacimekiyo. Waye ke ngoko evuselela nangezinye izinto ezininzi, eshumayela iindaba ezilungileyo ebantwini. Ke kaloku uHerode, umphathi wesahlulo sesiné selizwe, óhlwayiwe nguye ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu umninawa wakhe, nangenxa yezinto zonke ezingendawo abezenzile uHerode, wongezelela nalé kuzo zonke, yokuba amvalele entolongweni uYohane.

ULUKA 3:1-20 IBHAYIBHILE (XHO96)

Ke kaloku ngomnyaka weshumi elinantlanu elawula uTibheriyo *Khesare, inguPontiyo Pilato irhuluneli kwelakwaJuda, inguHerode olawula kwelaseGalili, umntakwabo uFilipu elawula kwelaseJitureya nelaseTrakoniti, inguLisaniyo olawula kwelaseAbhilene, ngemihla yababingeleli abakhulu ooAnas noKayafa, lafika ilizwi likaThixo kuYohane, unyana kaZakariya, entlango. Yena ke wayewujikeleza wonke ummandla weJordan, eshumayela esithi abantu mabaguquke, babhaptizwe, aze uThixo abaxolele izono zabo; njengoko kubhaliweyo kwincwadi *yomshumayeli uIsaya kusithiwa: “Kuvakala ilizwi lodandulukayo entlango, lisithi: “ ‘Yilungiseleleni indlela iNkosi, niyihlahlele umgaqo wayo. Mayiditywe yonke imifula, zidilizwe zonke iinduli neentaba. Mazenziwe zithi tye iindawo ezigoso, ziletyelwe ezinamatye. Bonke abantu baya kulubona usindiso oluvela kuThixo.’ ” Ke kaloku izihlwele zaziphuma ziye kubhaptizwa nguYohane. Wayesithi kuzo: “Nzalandini yamarhamba, ngubani lo unilumkisileyo ukuba niyibaleke ingqumbo ezayo? Ke ngoko yenzani izinto ezibonakalisa inguquko. Ze ningafane nithi: ‘Siyinzala ka-Abraham.’ Ndiyanixelela mna, uThixo unako ngawo la matye ukumvelisela abantwana uAbraham. Kanti ke lona izembe selikulungele ukuyinqumla ezingcanjini imithi. Ngoko ke wonke umthi ongavelisi siqhamo sihle uyagawulwa utshiswe.” Izihlwele zazimbuza zisithi: “Masithini ke ngoko?” Waphendula wathi kuzo: “Lowo uneengubo ezimbini makanike ongenáyo. Nalowo unokutya makenjenjalo.” Abaqokeleli-rhafu beza kubhaptizwa, bathi kuye: “Mfundisi, masithini na?” Wathi kubo: “Ningabizi ngaphezu kwenikumiselweyo.” Namajoni ayebuza kuye esithi: “Masithini thina?” Wathi kuwo: “Ningaphangi mntu ngogonyamelo okanye ngobuxoki. Yanelani yimivuzo yenu.” Ke kaloku lavuseleleka ithemba ebantwini, becamanga bonke ezintliziyweni zabo ngaye uYohane, ukuba akangebi nguye na uKrestu. UYohane ke wabaphendula esithi: “Mna okunene ndinibhaptiza ngamanzi, kodwa uyeza onamandla kunam. Andikufanelanga ukukhulula nemitya le yezihlangu zakhe. Yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nangomlilo. Ingobozi isesandleni sakhe. Uya kukwela kuthi tu okusesandêni, ayigalele kuvimba ingqolowa. Ke wona umququ uya kuwutshisa ngomlilo ongacimiyo.” UYohane wayeyala ekhuthaza nangezinye izinto ezininzi, eshumayela iindaba ezimnandi ebantwini. UHerode, umlawuli waseGalili, wakhalinyelwa nguYohane ngenxa yokungena uHerodiya, umka-mninawe wakhe, nangazo zonke ezinye izinto ezimbi awayezenzile. Suka ke yena uHerode wavalela uYohane lowo entolongweni.

ULUKA 3:1-20 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ke kaloku, ngomnyaka weshumi elinesihlanu wobukumkani bukaTibheriyo Kesare, inguPontiyo Pilato irhuluneli yelakwaYuda, inguHerode umphathi wesahlulo sesine esilelaseGalili, inguFilipu ke umzalwana wakhe umphathi wesahlulo sesine esilelaseItureya nelaseTrakoniti, inguLisaniyo umphathi wesahlulo sesine esilelaseAbhilene, Ke bona ababingeleli abakhulu ooAnas noKayafa, lafika ilizwi likaThixo kuYohane unyana kaZekariya entlango. Weza kuwo wonke ummandla waseYordan, evakalisa ubhaptizo lwenguquko ukuze kuxolelwe izono; Njengoko kubhaliweyo encwadini yamazwi kaIsaya umprofeti, esithi, Izwi lodandulukayo entlango, lisithi, Yilungiseni indlela yeNkosi, Wutyenenezeni umendo wayo. Zonke iintlambo ziya kugungxulwa, zonke iintaba neenduli zigungxulwe; zibe magoso-goso, neendlela ezimagqagala zibe lula; Yaye yonke inyama iya kulubona usindiso lukaThixo. Wayesithi ngoko kuzo izihlwele ezaziphuma zisiza kubhaptizwa nguye, Nzalandini yamarhamba, ngubani na owanibonisayo, ukuba niyibaleke ingqumbo ezayo? Velisani ngoko iziqhamo eziyifaneleyo inguquko; ize ningaqali nithi ngaphakathi kwenu, Thina sinobawo uAbraham; kuba ndithi kuni, Unako uThixo kuwo la matye ukumvelisela abantwana uAbraham. Kaloku izembe selibekiwe engcanjini yemithi, ngoko wonke umthi ongavelisi siqhamo sihle, uyagawulwa, uphoswe emlilweni. Zaye izihlwele zambuza, zisithi, Masenze ntoni na ke? Aphendule ke athi kubo, Lowo uneengubo zangaphantsi ezimbini, makebele ongenayo: nalowo uneengubo zangaphantsi ezimbini, makabele ongenayo; nalowo unokudla, makenze kwangokunjalo. Kweza ke nababuthi berhafu ukuba babhaptizwe, bathi kuye, Mfundisi, masenze ntoni na? Wathi kubo, Ningabizi nto ngaphezu kwenikumiselweyo. Ayebuza kuye ke namasoldati, esithi, Masenze ntoni na ke thina? Wathi kubo, Musani ukungcangcazelisa mntu, ningadli mntu; yanelani ngumvuzo wenu. Bakubon’ ukuba abantu babelindile, becamanga bonke ezintliziyweni zabo ngaye uYohane, ukuba angaba lo unguye na uKrestu; Waphendula uYohane wathi kubo bonke, Mna okunene ndinibhaptiza ngamanzi; kodwa uyeza lowo unamandla kunam, endingafanelekileyo ukuba ndiwuthukulule nomtya weembadada zakhe: uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nangomlilo yena; Osesandleni sakhe ifolokhwe yakhe isesandleni sakhe, aze asihlambulule isanda sakhe, ayibuthele kuvimba ingqolowa; ke wona umququ uya kuwutshisa ngomlilo ongacimekiyo. Waye ke ebavuselela nangezinye izinto ezininzi, eshumayela iindaba ezilungileyo ebantwini. Ke kaloku uHerode, umphathi wesahlulo sesine selizwe, ohlwayiwe nguye ngenxa kaHerodiya umkaFilipu umninawa wakhe, nangenxa yazo zonke izinto ezimbi abezenzile uHerode; wongezelela le kuzo zonke, yokuba amvalele entolongweni uYohane.

ULUKA 3:1-20 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

KEKALOKU ngomnyaka weshumi linesihlanu wobukosi buka‐Tiberiyusi Kesare, u‐Pontiyusi Pilati engumpati we‐Judeya, no‐Herodi eyinkosi ye‐Galili, no‐Filipi umzalwana wake eyinkosi ye‐Yetureya nelizwe le‐Trakoniti, no‐Lusaniya eyinkosi ye‐Abilene, emihleni yabaperisite abakulu u‐Anasi no‐Kayafasi, leza ilizwi LIKATIXO ku‐Johane unyana ka‐Zekariya entlango. Wayesiza kulo lonke ilizwe langase‐Yoredane, eshumayela ubapitizesho lwoguquko, kube kukuxolelwa kwezono; njengokuba kuba̔liwe encwadini yamazwi ka‐Yisaya umprofite, esiti: Ilizwi lodandulukayo entlango: Lungisani indlela KAYEHOVA; yenzani imendo yake ilungelelane. Yonke imifula iya kudityelelwa, nazo zonke intaba nenduli ziya kutotyelwa pantsi; indawo eziligoso zotiwa entse, nezibugongxo zoba zindlela ezigudileyo: lwaye uluntu lwonke luya kubona usindiso LUKATIXO. Wandula wati kwizihlwele ezibe zipuma ukuza kubapitizeshwa nguye: Sizukulwanandim senyoka! ngubanina onibonisileyo ukuba nibaleke umsindo oza kuza? Velisani ngoko izixakato eziyelelana noguquko; nize ningaqali ukuti pakati kwenu: Sinaye u‐Abrahame engubawo; ngokuba ndisiti kuni: UTIXO angavusela u‐Abrahame usapo kulamatye. Kanjako izembe lise libekwe ngasengcanjeni yemiti: iti ngoko yonke imiti engavelisi izixakato ezilungileyo igaulwe, iposwe emlilweni. Zaza zambuza izihlwele, zisiti: Siya kwenza nto nina pofu? Wapendula wati kuzo: Onengubo mbini, makabele ongenanye; nalowo unento zokutya, makenze kwa njalo. Kweza nababuti beminikelo ukuba babapitizeshwe, bati kuye: Mfundisi! siya kwenza nto nina? Wayesiti kubo: Ningabangi into engapezulu kweniyimiselweyo. Kwambuza namasodati, esiti: Nati siya kwenza nto nina? Waza wati kuwo: Ningapangi mntu, ningalumkisi mntu kanjako; ize nitomalale kukuvuzwa kwenu. Kekaloku nxa abantu bebelinda, nanxa bonke bebecamanga ezintliziyweni zabo ngaye u‐Johane, ukuba umhlaumbi yena angaba nguye u‐Kristu na; wapendula u‐Johane kwa kubo bonke, esiti: Mna okunene ndiyanibapitizesha ngamanzi; kodwa uyeza onamandla amakulu kwawam, endingafanelekile ukuba ndiwutukulule umtya wezihlangu zake; yena wonibapitizesha NGOMOYA OYINGCWELE nangomlilo: omnyazi wokwela usesandleni sake, waeya kucokisa isibaya sake, ati inqolowa ayihlanganisele esiseleni sake, kodwa umququ wowutshisa ngomlilo ongacimekiyo. Kwa nje ke ebayala nangezinye izinto ezininzi ebeshumayela ivangeli ebantwini. (Kodwa u‐Herodi inkosi, esohlwaywa nguye, ngaye u‐Herodiya umfazi ka‐Filipi umninawe wake, nangazo zonke izinto ezikohlakeleyo abezenzile u‐Herodi, wongezelela nalento pezu kwazo zonke, yokuba wamvalela entolongweni u‐Johane.)