Ivangeli ka‐Luke 3:1-20

Ivangeli ka‐Luke 3:1-20 XHO1902A

KEKALOKU ngomnyaka weshumi linesihlanu wobukosi buka‐Tiberiyusi Kesare, u‐Pontiyusi Pilati engumpati we‐Judeya, no‐Herodi eyinkosi ye‐Galili, no‐Filipi umzalwana wake eyinkosi ye‐Yetureya nelizwe le‐Trakoniti, no‐Lusaniya eyinkosi ye‐Abilene, emihleni yabaperisite abakulu u‐Anasi no‐Kayafasi, leza ilizwi LIKATIXO ku‐Johane unyana ka‐Zekariya entlango. Wayesiza kulo lonke ilizwe langase‐Yoredane, eshumayela ubapitizesho lwoguquko, kube kukuxolelwa kwezono; njengokuba kuba̔liwe encwadini yamazwi ka‐Yisaya umprofite, esiti: Ilizwi lodandulukayo entlango: Lungisani indlela KAYEHOVA; yenzani imendo yake ilungelelane. Yonke imifula iya kudityelelwa, nazo zonke intaba nenduli ziya kutotyelwa pantsi; indawo eziligoso zotiwa entse, nezibugongxo zoba zindlela ezigudileyo: lwaye uluntu lwonke luya kubona usindiso LUKATIXO. Wandula wati kwizihlwele ezibe zipuma ukuza kubapitizeshwa nguye: Sizukulwanandim senyoka! ngubanina onibonisileyo ukuba nibaleke umsindo oza kuza? Velisani ngoko izixakato eziyelelana noguquko; nize ningaqali ukuti pakati kwenu: Sinaye u‐Abrahame engubawo; ngokuba ndisiti kuni: UTIXO angavusela u‐Abrahame usapo kulamatye. Kanjako izembe lise libekwe ngasengcanjeni yemiti: iti ngoko yonke imiti engavelisi izixakato ezilungileyo igaulwe, iposwe emlilweni. Zaza zambuza izihlwele, zisiti: Siya kwenza nto nina pofu? Wapendula wati kuzo: Onengubo mbini, makabele ongenanye; nalowo unento zokutya, makenze kwa njalo. Kweza nababuti beminikelo ukuba babapitizeshwe, bati kuye: Mfundisi! siya kwenza nto nina? Wayesiti kubo: Ningabangi into engapezulu kweniyimiselweyo. Kwambuza namasodati, esiti: Nati siya kwenza nto nina? Waza wati kuwo: Ningapangi mntu, ningalumkisi mntu kanjako; ize nitomalale kukuvuzwa kwenu. Kekaloku nxa abantu bebelinda, nanxa bonke bebecamanga ezintliziyweni zabo ngaye u‐Johane, ukuba umhlaumbi yena angaba nguye u‐Kristu na; wapendula u‐Johane kwa kubo bonke, esiti: Mna okunene ndiyanibapitizesha ngamanzi; kodwa uyeza onamandla amakulu kwawam, endingafanelekile ukuba ndiwutukulule umtya wezihlangu zake; yena wonibapitizesha NGOMOYA OYINGCWELE nangomlilo: omnyazi wokwela usesandleni sake, waeya kucokisa isibaya sake, ati inqolowa ayihlanganisele esiseleni sake, kodwa umququ wowutshisa ngomlilo ongacimekiyo. Kwa nje ke ebayala nangezinye izinto ezininzi ebeshumayela ivangeli ebantwini. (Kodwa u‐Herodi inkosi, esohlwaywa nguye, ngaye u‐Herodiya umfazi ka‐Filipi umninawe wake, nangazo zonke izinto ezikohlakeleyo abezenzile u‐Herodi, wongezelela nalento pezu kwazo zonke, yokuba wamvalela entolongweni u‐Johane.)