Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 21:5-24

ULUKA 21:5-24 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ke kaloku, kwakubon' ukuba abathile bayathetha ngayo itempile, ukuba ihonjiswe ngamatye amahle nangeminikelo, wathi, Ezi zinto nizibona nje, kuya kufika imihla ekungayi kusala litye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa. Bambuza ke besithi, Mfundisi, ziya kubakho nini na ke ezi zinto? Úya kuba yintoni na nomqondiso, xa ngaba ezi zinto ziza kubakho? Wathi ke yena, Lumkani ningalahlekiswa; kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi, banguye uKristu;• ewe, ixesha lisondele; ngoko musani ukubalandela. Xa nithe neva iimfazwe neziphithiphithi, musani ukunkwantya; kuba ezo zinto zimele ukuthi zihle kuqala; sona ke isiphelo asiyi kuba kwaoko. Wandula wathi kubo, Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani. Kuya kubakho iinyikima zomhlaba ezinkulu kwiindawo ngeendawo, neendlala, neendyikitya zokufa; kuya kubakho izinto ezoyikekayo, kwanemiqondiso emikhulu evela ezulwini. Ngaphambili ke kwazo zonke ezo zinto, baya kunísa izandla, banitshutshise, beninikela ezindlwini zesikhungu nasezintolongweni, nisiwe phambi kookumkani neerhuluneli ngenxa yegama lam. Oko ke kuya kuthi kube bubungqina kuni. Kumiseni ngoko ezintliziyweni zenu, ukuba ningàkucingi ngaphambili ukuziphendulela. Kuba mna ndiya kuninika umlomo nobulumko, abangayi kuba nako ukubuphikisa nokumelana nabo, bonke abanichasileyo. Ke kaloku niya kunikelwa nangabazali, nangabazalwana, nayimizalwane, nazizihlobo, kubekho nabababulalayo kuni; nithiywe ngabantu bonke ngenxa yegama lam. Akusayi kutshabalala nonwele olu entlokweni venu. Ekunyamezeleni kwenu, noyizuza imiphefumlo yenu. Xa nithe nayibona iYerusalem irhawulwe yimikhosi, yazini oko ukuba kusondele ukuphanza kwayo. Ngelo xa mabathi abakwelakwaYuda basabele ezintabeni, nabo baphakathi kwayo mabaphume bemke, nabo basemaphandleni mabangangeni kuyo. Ngokuba yimihla yempindezelo leyo, ukuze kuzaliseke konke okubhaliweyo. Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla; kuba kuya kubakho ingxakeko enkulu phezu kwawo umhlaba, nengqumbo kwaba bantu; bawe ngohlangothi lwekrele, bathinjwe, basiwe kuzo zonke iintlanga, neYerusalem inyathelelwe phantsi ziintlanga, ade azaliseke amaxesha eentlanga.

ULUKA 21:5-24 IBHAYIBHILE (XHO96)

Ke kaloku, xa abathile babethetha *ngendlu kaThixo, bencoma ukuhonjiswa kwayo ngamatye amahle nangezinto ezinexabiso, uYesu wathi: “Niyazibona zonke ezi zinto? Kuya kufika imihla ekungayi kusala litye phezu kwelitye lingàdilizwa.” Bambuza ke uYesu besithi: “Mfundisi, ziya kubakho nini na ezi zinto? Uya kuba yintoni na umqondiso wokuzalisekiswa kwazo?” Wathi ke yena: “Lumkani ningalahlekiswa, kuba baninzi abaya kuza egameni lam; besithi banguye uKrestu, besithi ixesha lisondele. Ke nina ze ningabalandeli. Xa nithe neva ngeemfazwe neziphithi-phithi, ze ningoyiki, kuba ezo zinto zimelwe kukubakho kuqala. Sona ke isiphelo asiyi kubakho kwangoko.” Waqhuba wathi kubo: “Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nokumkani avukelane nokumkani. Kuya kubakho iinyikima zomhlaba ezinkulu, kwiindawo ngeendawo kubekho indlala nendyikityha yokufa. Kuya kubakho izinto ezoyikekayo, kwanemiqondiso emikhulu evela ezulwini. “Ngaphambi kokuba zonke ezi zinto zenzeke, baya kunibamba, banitshutshise beninikela *ezindlwini zesikhungo nasezintolongweni, nisiwe phambi kookumkani neerhuluneli ngenxa yegama lam. Oko ke kuya kuba lithuba lenu lokungqina. Zimiseleni ukungayicingi kwangaphambili indlela eniya kuziphendulela ngayo, kuba mna ndiya kuninika amazwi obulumko abangayi kuba nako ukubuphikisa nokumelana nabo bonke abachasene nani. Ke kaloku niya kunikelwa nangabazali, nangabantakwenu, nazizizalwane, nazizihlobo, kubekho nababulawayo kuni. Niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam. Ke akuyi kutshabalala nonwele olu lwentloko yenu. Nothi ke ngokunyamezela kwenu nibuzuze ubomi benu.” “Xa nithe nayibona iJerusalem irhawulwe yimikhosi, yazini ukuba kusondele ukutshabalala kwayo. Ngelo xesha mabathi abakwelakwaJuda babalekele ezintabeni, bathi abo bangaphakathi kwayo iJerusalem baphume bemke. Ke abo basemaphandleni mabangangeni eJerusalem. Yoba yimihla yempindezelo leyo, ukuze kuzaliseke konke okubhalwe *eziBhalweni. Hayi ke abanzima nabanyisayo ngaloo mihla! Kuya kubakho imbandezelo enkulu elizweni, ingqumbo kaThixo ibe phezu kwaba bantu. Baya kubulawa ngekrele, bathinjwe, basiwe kuzo zonke iintlanga. IJerusalem iya kutshatyalaliswa ziintlanga de liphele ixesha lazo.”

ULUKA 21:5-24 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ke kaloku, kwakubon’ ukuba abathile bayathetha ngayo itempile, ukuba ihonjiswe ngamatye amahle nangeminikelo, wathi, Ezi zinto nizibona nje, kuya kufika imihla ekungayi kusala litye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa. Bambuza ke besithi, Mfundisi, ziya kubakho nini na ke ezi zinto? uya kuba yintoni na umqondiso, xa ezo zinto ziya kubakho? Wathi ke yena, Lumkani ningalahlekiswa; kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi, banguye uKristu; ixesha lisondele; musani ukubalandela ngoko. Xa nithe neva iimfazwe neziphithiphithi, musani ukunkwantya; kuba ezo zinto zimele ukuthi zihle kuqala; kodwa isiphelo asiyi kuba kwaoko. Wandula wathi kubo, Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani. Kuya kubakho iinyikima zomhlaba ezinkulu kwiindawo ngeendawo, neendlala, neendyikitya zokufa; kuya kubakho izinto ezoyikekayo, kwanemiqondiso emikhulu evela ezulwini. Ngaphambili ke kwazo zonke ezo zinto, baya kunisa izandla, banitshutshise, beninikela ezindlwini zesikhungu nasezintolongweni, nisiwe phambi kookumkani neerhuluneli ngenxa yegama lam. Oko ke kuya kuthi kube bubungqina kuni. Kumiseni ngoko ezintliziyweni zenu, ukuba ningakucingi ngaphambili ukuziphendulela. Kuba mna ndiya kuninika umlomo nobulumko, abangayi kuba nako ukubuphikisa nokumelana nabo, bonke abanichasileyo. Ke kaloku niya kunikelwa nangabazali, nangabazalwana, nayimizalwane, nazizihlobo; bathi inxenye kuni babulawe; niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam. Akusayi kutshabalala nonwele olu entlokweni yenu. Ekunyamezeleni kwenu, noyizuza imiphefumlo yenu. Xa nithe nayibona iYerusalem irhawulwe yimikhosi, yazini oko ukuba kusondele ukuphanza kwayo. Ngelo xa mabathi abakwelakwaYuda basabele ezintabeni; nabaphakathi kwawo mabaphume bemke; nabasemaphandleni mabangangeni kuwo. Kuba yimihla yempindezelo leyo, ukuze kuzaliseke konke okubhaliweyo. Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla! kuba kuya kubakho ingxakeko enkulu ezweni, nengqumbo kwaba bantu; Baya kuwa ngohlangothi lwekrele, bathinjwe, basiwe kuzo zonke iintlanga, neYerusalem inyathelelwe phantsi ziintlanga, ade azaliseke amaxesha eentlanga.

ULUKA 21:5-24 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

KEKALOKU nxa abatile bebeteta ngayo itempile, ukuba ihonjiwe ngamatye amahle nangamabaso, wati: Ezizinto enizikangelayo, kuya kuza imihla ekuyo kungayi; kushiywa elinye ilitye pezu kwelinye, elingayi kuwiswa pantsi. Baza bambuza, besiti: Mfundisi! zobako ninina pofu ezizinto? kanjalo woba yinto nina umqondiso, xeshekweni ezizinto ziza kuhla? Wayesiti yena: Lumkani, ize ningakohliswa. Ngokuba abaninzi beya kuza egameni lam, besiti: Mna ndinguye; kanjalo ixesha selikufupi: zeningayi ke emva kwabo. Kodwa xeshekweni nizivayo imfazwe nempitimpiti, musani ukwetuswa; ngokuba ezizinto zifanele ukuhla tanci; kodwa ukupela akuko kamsinya. Wandula wati kubo: Uhlanga luya kuvukela uhlanga, nobukumkani buya kuvukela ubukumkani; zaziya kubako izingcangcazelo ezikulu zomhlaba ngendawo ngendawo, nendlala, nezifo ezibubisayo; yobako nemibono eyoyikekayo nemiqondiso emikulu ivela ezulwini. Kodwa baya kuti zingekabiko zonke ezizinto, babeke izandla zabo pezu kwenu, banitshutshise, beninikela ezindlwini zentlanganiso nasezintolongweni, nisiwa pambi kwokumkani nenkosi ngenxa yegama lam: okuya kuba yinzuziso yokunqi̔na kwenu. Kumiseleni ngoko ezintliziyweni zenu, ukuba aniyi kucinga ngapambili ukuzitetelela kwenu: ngokuba ndiya kuninika umlomo nobulumko, abaya kuti bonke abalane benu bakohlwe kukupika nokumelana nabo. Kanjalo niya kungcatshwa nangabazali, nabazalwana, nezalamane, nezihlobo; ewe bonifisa inxenye: naniya kutiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam. Kanti akuyi kutshabalala nalunye unwele kwintloko yenu. Ngokunyamezela kwenu yilondolozeni imipefumlo yenu. Kekaloku xeshekweni niyibonayo i‐Yerusaleme ingqongiwe yimikosi, yazini oko ukuba sekukufupi ukuci̔takaliswa kwayo. Mabati oko abo base‐Judeya basabele ezintabeni; nabo bapakati kwayo mabemke kona; nabo basezindleni mabangangeni kuyo. Ngokuba iyimihla yempindezelo le, yokuba kuzaliseke zonke izinto eziba̔liweyo. Hai kodwa ubunzima babo abamitiyo nabanyisayo kuleyomihla! ngokuba kuya kubako ubunzima obukulu elizweni, nomsindo pakati kwabantu aba. Babeya kuwa ngohlangoti lweṙele, batinjelwe kuzo zonke intlanga; ne‐Yerusaleme yoba inyatelwa ngabaheyideni, ade amaxesha abaheyideni azaliseke.