KEKALOKU nxa abatile bebeteta ngayo itempile, ukuba ihonjiwe ngamatye amahle nangamabaso, wati: Ezizinto enizikangelayo, kuya kuza imihla ekuyo kungayi; kushiywa elinye ilitye pezu kwelinye, elingayi kuwiswa pantsi.
Baza bambuza, besiti: Mfundisi! zobako ninina pofu ezizinto? kanjalo woba yinto nina umqondiso, xeshekweni ezizinto ziza kuhla?
Wayesiti yena: Lumkani, ize ningakohliswa. Ngokuba abaninzi beya kuza egameni lam, besiti: Mna ndinguye; kanjalo ixesha selikufupi: zeningayi ke emva kwabo. Kodwa xeshekweni nizivayo imfazwe nempitimpiti, musani ukwetuswa; ngokuba ezizinto zifanele ukuhla tanci; kodwa ukupela akuko kamsinya. Wandula wati kubo: Uhlanga luya kuvukela uhlanga, nobukumkani buya kuvukela ubukumkani; zaziya kubako izingcangcazelo ezikulu zomhlaba ngendawo ngendawo, nendlala, nezifo ezibubisayo; yobako nemibono eyoyikekayo nemiqondiso emikulu ivela ezulwini. Kodwa baya kuti zingekabiko zonke ezizinto, babeke izandla zabo pezu kwenu, banitshutshise, beninikela ezindlwini zentlanganiso nasezintolongweni, nisiwa pambi kwokumkani nenkosi ngenxa yegama lam: okuya kuba yinzuziso yokunqi̔na kwenu. Kumiseleni ngoko ezintliziyweni zenu, ukuba aniyi kucinga ngapambili ukuzitetelela kwenu: ngokuba ndiya kuninika umlomo nobulumko, abaya kuti bonke abalane benu bakohlwe kukupika nokumelana nabo. Kanjalo niya kungcatshwa nangabazali, nabazalwana, nezalamane, nezihlobo; ewe bonifisa inxenye: naniya kutiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam. Kanti akuyi kutshabalala nalunye unwele kwintloko yenu. Ngokunyamezela kwenu yilondolozeni imipefumlo yenu.
Kekaloku xeshekweni niyibonayo i‐Yerusaleme ingqongiwe yimikosi, yazini oko ukuba sekukufupi ukuci̔takaliswa kwayo. Mabati oko abo base‐Judeya basabele ezintabeni; nabo bapakati kwayo mabemke kona; nabo basezindleni mabangangeni kuyo. Ngokuba iyimihla yempindezelo le, yokuba kuzaliseke zonke izinto eziba̔liweyo.
Hai kodwa ubunzima babo abamitiyo nabanyisayo kuleyomihla! ngokuba kuya kubako ubunzima obukulu elizweni, nomsindo pakati kwabantu aba. Babeya kuwa ngohlangoti lweṙele, batinjelwe kuzo zonke intlanga; ne‐Yerusaleme yoba inyatelwa ngabaheyideni, ade amaxesha abaheyideni azaliseke.