Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 21:25-38

ULUKA 21:25-38 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Kwakuya kubako imiqondiso elangeni, nasenyangeni, nasezinkwenkwezini; napezu kwomhlaba usizi olunzima lwentlanga ekuxakekeni; lugquma ulwandle namaza; zibohla intliziyo zabantu ngokwoyika nokukangela izinto ezizayo emhlabeni: ngokuba amandla asezulwini eya kuzanyazanyiswa. Bandule ukubona unyana wesintu esiza elifini, enamandla nobungcwalisa obukulu. Kekaloku zakuba ezizinto ziqala ukuhla, bekani pezulu, nipakamise intloko zenu; ngokokuba kusondela ukukululwa kwenu. Waza wateta umzekeliso kubo: Kangelani umkiwane, nayo yonke imiti. Xeshekweni isel’ itwasa, niyabona nazi ngokwenu ukuba lise likufupi ihlobo: kwa njalo nani, xeshekweni nibona ezizinto zisihla, yazini ukuba bukufupi ubukumkani BUKATIXO. Ngokwenene nditi kuni: Asiyi kuza sidlule isizukulwana esi, zingekenzekanga zonke. Kwodlula izulu nomhlaba; kodwa amazwi am akayi kuza adlule. Zilumkeleni ke, hleze kezenzwe nzima intliziyo zenu ngokudikwa, nangokunxila, nangezitukutezi zobubomi, ize iti imini leyo inifikele ngokwalama: ngokuba njengomgibe iya kuza pezu kwabo bonke abahleli pezu kwobuso bomhlaba wonke. Papamani ngoko ngamaxesha onke nitandaza, ukuze nibalwe ngokuba nifanele ukusinda kwezizinto zonke eziza kuhla, nokuma pambi kwake unyana wesintu. Waye kekaloku ngemini efundisa etempileni; wati ngobusuku epuma walalisa entabeni ebizwa ngokuti yeyeminquma. Baye bonke abantu besiza kusasa kuye etempileni, ukuza kumva.