Kuya kubakho imiqondiso elangeni nasenyangeni nasezinkwenkwezini; nasemhlabeni kubekho ukuxinezeleka kweentlanga, zithingaza; kugquma ulwandle namaza; Abantu besifa kukoyika nakukulindela izinto ezilizelayo elimiweyo; kuba amandla ezulu aya kuzanyazanyiswa. Baya kumbona ke ngelo xesha uNyana woMntu esiza ngelifu, enamandla nobuqaqawuli obukhulu. Ke kaloku, zakubon’ ukuba ezi zinto ziyaqala ukuhla, sukani nime, niziphakamise iintloko zenu; kuba iyasondela inkululeko yenu. Ke kaloku wathetha umzekeliso kubo; Wukhangele umkhiwane nemithi yonke; xa iselithe yavelisa amagqabi, niyabona nazi ngokwenu ukuba ihlobo selikufuphi. Kwangokunjalo nani, xa nithe nazibona ezi zinto zisihla, yazini ukuba bukufuphi ubukumkani bukaThixo. Inene ndithi kuni, Asisayi kudlula esi sizukulwana, zide zihle zonke ezi zinto. Liya kudlula izulu nehlabathi, kodwa amazwi am akayi kudlula. Zilumkeleni ke, hleze zisindwe iintliziyo zenu kukuzingxala, nakukunxila, nangamaxhala obu bomi, ize loo mini inifikele ngebhaqo. Kuba iya kubazela njengomgibe bonke abahleli phezu kwehlabathi lonke. Phaphani ngoko, amaxesha onke nikhunga, ukuze kuthiwe nikufanele ukuzisaba zonke ezo zinto ziza kuhla, nokumiswa phambi koNyana woMntu. Ke kaloku, emini ebefundisa etempileni; waphuma ebusuku, waya wahlala entabeni ekuthiwa yeyemiNquma. Baye bonke abantu besiza kuye kwakusasa etempileni, ukuba bamve.
Funda uLuka 21
Share
Compare All Versions: uLuka 21:25-38
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos