ULUKA 20:41-47
ULUKA 20:41-47 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wathi ke kubo, Batsho ngani na ukuthi, uKristu• ungunyana kaDavide? Kanti noDavide yena ngokwakhe uthi encwadini yeeNdumiso, Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam, Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho. (INdum. 110:1) UDavide ngoko umbiza ngokuthi, Nkosi; aze abe ke ngunyana wakhe ngani na? Ke kaloku, bakubon' ukuba bayeva bonke abantu, wathi kubafundi bakhe, Balumkeleni ababhali, abathandayo ukuhamba ngeengubo ezinde, bathande imibuliso ezindaweni zembutho, nezihlalo zobukhulu ezindlwini zesikhungu, nezilili zobukhulu ezidlweni; abadla izindlu zabahlolokazi, baze ngokunyhwalaza bathandaze uzungu. Abo baya kwamkela ugwebo olugqithiseleyo.

ULUKA 20:41-47 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke uYesu wathi kubo: “Batsho ngani ke ukuthi: ‘*UKrestu ngunyana kaDavide’? Kanti noDavide ngokwakhe kwiNcwadi yeeNdumiso uthi: “ ‘Yathi iNkosi eNkosini yam: Hlala ngakum kweli wonga, lo gama ndikoyisela iintshaba zakho.’ “Ukuba uDavide ngokwakhe uthi uKrestu yiNkosi, angathini ke ukuba ngunyana wakhe?” Ke kaloku, besiva bonke abantu, uYesu wathi kubafundi bakhe: “Balumkeleni abachazi-mthetho, abathanda ukuhamba ngezambatho ezide, bethanda ukuba kukhahlelwe kubo emabaleni embutho, befuna izihlalo eziphambili *ezindlwini zesikhungo, neendawo zamawonga ezidlweni. Abo bayiphangayo imizi yabahlolokazi, baze bazenzise batsho ngemilembelele yemithandazo, ngabo abaya kufumana esona sohlwayo sikhulu.”
ULUKA 20:41-47 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wayesithi kubo, Batsho ngani na ukuthi, uKristu ngunyana kaDavide? Uthi noDavide encwadini yeeNdumiso, Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam; Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho. uDavide ngoko umbiza ngokuthi, Nkosi, ungunyana wakhe ngani na? Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayava abantu bonke, wathi kubafundi bakhe. Balumkeleni ababhali, abathanda ukuhamba ngezambatho ezinde, nemibuliso ezindaweni zembutho, nezihlalo eziphambili ezindlwini zesikhungu, neendawo eziphambili ezidlweni; abadla izindlu zabahlolokazi, baze ngokunyhwalaza bathandaze uzungu; abo baya kwamkela ugwebo olugqithiseleyo.
ULUKA 20:41-47 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wayesiti kubo: Bati nina ukuti u‐Kristu ungunyana ka‐Davide? Kanti u‐Davide ngokwake uti encwadini yamaculo: Wati UYEHOVA KWINKOSI yam: Hlala ngasekunene kum, ndide ndenze intshaba zako zibe sisitulo senyawo zako. U‐Davide ngoko uyambiza NGENKOSI; aze ati nina ke ukuba ngunyana wake? Kekaloku nxa bebesiva bonke abantu, wati kubadisipile bake: Lumkelani ababa̔li, abafuna ukuhamba ngengubo ezinde, abatanda izibuliso ezindaweni zentengo, nezihlalo zapambili ezindlwini zentlanganiso, nendawo zobukulu ezidlweni; abadlayo izindlu zabahlolokazi, besenza nemitandazo emide ngokuzenzisa: aba baya kwamkela ukugwetywa okukulu ngakumbi.