Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ivangeli ka‐Luke 20:41-47

Ivangeli ka‐Luke 20:41-47 XHO1902A

Wayesiti kubo: Bati nina ukuti u‐Kristu ungunyana ka‐Davide? Kanti u‐Davide ngokwake uti encwadini yamaculo: Wati UYEHOVA KWINKOSI yam: Hlala ngasekunene kum, ndide ndenze intshaba zako zibe sisitulo senyawo zako. U‐Davide ngoko uyambiza NGENKOSI; aze ati nina ke ukuba ngunyana wake? Kekaloku nxa bebesiva bonke abantu, wati kubadisipile bake: Lumkelani ababa̔li, abafuna ukuhamba ngengubo ezinde, abatanda izibuliso ezindaweni zentengo, nezihlalo zapambili ezindlwini zentlanganiso, nendawo zobukulu ezidlweni; abadlayo izindlu zabahlolokazi, besenza nemitandazo emide ngokuzenzisa: aba baya kwamkela ukugwetywa okukulu ngakumbi.