Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 17:4-37

ULUKA 17:4-37 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Nokuba uthe wakona kasixhenxe ngemini, waza wabuyela kuwe kasixhenxe ngemini, esithi, Ndiyaguquka, wòthi umxolele. Abapostile• bathi eNkosini, Songezelele ukholo. Ithe ke iNkosi, Ukuba beninokholo olunjengokhozo lwemostade, beningáthi kulo mthombe, Ncothuka, utyaleke phakathi elwandle; uze unive. Ngubani na ke kuni, enomkhonzi elima, mhlawumbi esalúsa, oya kuthi, akungena evela entsimini, athi kwaoko kuye, Yiza uhlale phantsi; ongàyi kuthi kanye kuye, Lungisa into endiya kuyidla, uze ubhinqe, undilungiselele, ndide ndidle ndisele; wòthi emva koko udle usele nawe? Angánombulelo kuloo mkhonzi yini na, ngokuba enze izinto azimiselweyo? Anditsho mna. Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazenza zonke izinto enazimiselwayo, yithini, Singabakhonzi abangancedi lutho; ngokuba sanele ukwenza oko besimelwe kukuthi sikwenze. Kwathi ekuhambeni kwakhe ukuya eYerusalem, wacanda phakathi kwelamaSamariya nelaseGalili yena. Akubon' ukuba ungena mzini uthile, amhlangabeza amadoda alishumi eneqhenqa, amela mgama. Wona aphakamisa ilizwi, esithi, Yesu, Mongameli, senzele inceba. Ewabonile ke, wathi kuwo, Hambani niye kuzibonakalalisa kubabingeleli. Kwathi ekuyeni kwawo, ahlanjululwa. Ithe ke enye kuwo apho, yakubona ukuba iphilisiwe, yabuya imzukisa uThixo ngezwi elikhulu. Yawa ngobuso ezinyaweni zakhe, ibulela kuye; yaye yona ingumSamariya. Waphendula ke uYesu wathi, Babengahlanjululwanga belishumi na? Baphi na ke abasithoba? Akufumanekanga na babuyileyo, besiza kuzukisa uThixo, ngulo wolunye uhlanga yedwa na? Wathi kuye, Vuka, uhambe; ukholo lwakho lukusindisile. Ke kaloku, akubuzwa ngabaFarisi ukuba ubukumkani bukaThixo buya kufika nini na, wabaphendula wathi, Ubukumkani bukaThixo abufiki bunokulolongeka. Kanjalo akuyi kuthiwa, Nabu apha! Nabuya phaya! Kuba, yabonani, ubukumkani bukaThixo bungaphakathi kwenu. Wathi ke kubo abafundi, Kuya kufika mihla, niya kunqwenela ngayo ukuwubona noko umnye umhla woNyana woMntu, ningawuboni; baya kuthi ke kuni, Nanku apha! Nankuya phaya! Musani ukuya, ningaphuthumi nokuphuthuma. Kuba kwanjengokuba umbane ubaneka, uphuma kwelinye icala eliphantsi kwezulu, ukhanye usingise kwelinye eliphantsi kwezulu, uya kuba njalo noNyana woMntu ngomhla wakhe. Kodwa kuqala umelwe kukuthi eve ubunzima obuninzi, alahlwe sesi sizukulwana. Njengoko kwaye kuhlé ngemihla kaNowa, koba njalo nangemihla yoNyana woMntu. Babesidla, babesela, babezeka, babesendisa, kwada kwayimini awangena ngayo uNowa emkhombeni; wafika unogumbe, wabatshabalalisa bonke. Njengoko kwaye kunjalo nangemihla kaLote; babesidla, babesela, babethenga, babethengisa, babetyala, babesakha; kodwa ngemini awaphuma ngayo uLote eSodom, kwaná umlilo nesulfure ezulwini, batshatyalaliswa bonke. Kuya kuba kwanjengoko ngemini atyhileka ngayo uNyana woMntu. Ngaloo mini, oya kuba phezu kwendlu, zibe iimpahla zakhe zisendlwini, makangehli aye kuzithabatha. Kwangokunjalo, nosentsimini makangabuyeli kwezisemva. Khumbulani umkaLote. Othe wafuna ukuwushindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; othe wawulahla, uya kuwulondoloza. Ndithi kuni, Ngobo busuku ababini boba sililini sinye; omnye amkelwe, omnye ashiywe. Amankazana amabini oba esila ndawonye; enye yamkelwe, enye ishiywe. Abantu ababini boba sentsimini; omnye amkelwe, omnye ashiywe. Baphendula bathi kuye, Phi na, Nkosi? Ithe ke yona kubo, Apho sikhona isidumbu, aya kuhlanganisana khona amaxhalanga.

ULUKA 17:4-37 IBHAYIBHILE (XHO96)

Nokuba uthe wakona kasixhenxe ngemini, waza wabuyela kuwe kasixhenxe ngemini, esithi: ‘Ndiv' intw' embi, ndixolele;’ wena uze umxolele.” *Abathunywa bâthi kuyo iNkosi: “Sandisele ukholo.” Ke iNkosi yathi: “Ukuba beninokholo olungangokhozo lwembewu yemostade, beninokuthi kulo mthi: ‘Ncothuka, umiliseleke phakathi elwandle;’ uze unive.” “Nguwuphi na kuni onokuthi enesicaka silima okanye sisalusa, kuthi sakufika isicaka sivela emasimini, athi kuso kwangoko: ‘Hlala phantsi, utye’? Úya kuthi: ‘Ndilungiselele into etyiwayo, ubhinqe, undiququzelele nditye ndisele; ze ke emva koko utye usele nawe.’ Isicaka asibulelwa ngokwenza loo nto siyimiselweyo, anditsho? Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazenza zonke izinto enizimiselweyo, yithini: ‘Sizizicaka nje; senzé oko besimelwe kukukwenza.’ ” Ke kaloku ekuhambeni kukaYesu esiya eJerusalem, ucande phakathi kwelamaSamariya nelaseGalili. Ekungeneni kwakhe kwidolophana ethile, wahlangatyezwa ngamadoda alishumi aneqhenqa; aza amela mgama. Akhwaza ke esithi: “Yesu, Mhlekazi, senzele inceba!” Ewabonile, wathi kuwo: “Hambani niye kuzibonakalisa kubabingeleli.” Kwathi ke ekuyeni kwawo ahlanjululwa. Yathi enye kuwo, yakubona ukuba iphilisiwe, yabuya imncoma kakhulu uThixo; yaza yaziphosa ezinyaweni zikaYesu, ibulela kuye. Le ndoda yayingumSamariya. Waza ke uYesu wathi: “Bekungahlanjululwanga balishumi na? Baphi na ke abalithoba? Kutheni ke ukuba ibe ngulo wolunye uhlanga yedwa othe wabuya esiza kubulela uThixo?” Wathi kwindoda leyo: “Phakama, uhambe; ukholo lwakho lukuphilisile.” Ke kaloku uYesu akubuzwa *ngabaFarasi ukuba ukulawula kukaThixo kuya kuqala nini na, uphendule wathi: “Ulawulo lukaThixo alubonakali ukuthwasa kwalo. Kananjalo akuyi kuthiwa: ‘Nalu apha! Naluya phaya!’ Kuba kaloku ulawulo lukaThixo seluthwasile. ” Ke wathi kubo abafundi: “Kuya kufika imihla eniya kunqwenela ngayo ukubona nokuba mnye umhla wakhe *uNyana woLuntu ningawuboni. Baya kuthi kuni: ‘Nankuya phaya! Nanku apha!’ Ze ningayi ke, ningabalandeli nokubalandela; kuba kwanjengokuba umbane usithi menye ucanda isibhakabhaka, woba njalo ngomhla wakhe uNyana woLuntu. Kodwa kuqala uNyana woLuntu umelwe kukuva ubunzima obukhulu, alahlwe sesi sizukulwana. Njengoko kwakunjalo ngemihla kaNowa, koba kwanjalo ngemihla yakhe uNyana woLuntu. Babesidla, besela, bezeka, besendisa, kwada kwangumhla wokungena kukaNowa enqanaweni; wafika unogumbe, wabatshabalalisa bonke. Kwaba kwanjalo nangemihla kaLothe. Babesidla, besela, bethenga, bethengisa, betyala, besakha; kodwa ngemini awaphuma ngayo uLothe eSodom, kwawa umlilo nesalfure ezulwini, batshatyalaliswa bonke. Kuya kuba njalo kanye ngemini yokubonakala kwakhe uNyana woLuntu. “Ngaloo mhla makangathi ophezu kwendlu ehle aye kuzithatha iimpahla zakhe ezisendlwini. Kwangokunjalo nosemasimini makangabuyeli kokushiyekileyo. Khumbulani ngomka-Lothe! Umntu ofuna ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; nothe wabulahla, uya kubulondoloza. Inene ngobo busuku kothi abantu bebabini belele ndawonye, omnye athathwe, omnye ashiywe. Abafazi ababini bothi besila ndawonye, omnye athathwe, omnye ashiywe. [ Amadoda amabini othi esentsimini, enye ithathwe, enye ishiywe.]” Ke abafundi baphendula bathi kuYesu: “Phi na, Nkosi?” Yaza ke yathi kubo: “Apho sikhoyo isidumbu kulapho aya kuhlanganisana khona amaxhalanga.”

ULUKA 17:4-37 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Nokuba uthe wakona kasixhenxe ngemini, waza wabuyela kuwe kasixhenxe ngemini, esithi, Ndiyaguquka, utsho uYehova; uze umxolele. Bathi ke abapostile eNkosini, Songezelele elukholweni. Ithe ke iNkosi, Ukuba beninokholo olunjengokhozo lwemostade, beningathi kulo mthombe, Ncothuka, utyaleke phakathi elwandle; yaye ifanele ikuthobele. Nguwuphi na ke kuni othi, enomkhonzi elima, mhlawumbi esalusa, oya kuthi, akungena evela entsimini, athi kwaoko kuye, Yiza uhlale phantsi; Ongayi kuthi kanye kuye, Lungisa into endiya kuyidla, uze ubhinqe, undilungiselele, ndide ndidle ndisele; wothi emva koko udle usele wena? Anganombulelo kuloo mkhonzi yini na, ngokuba enze izinto azimiselweyo? Andijongi. Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazenza zonke izinto enazimiselwayo, yithini, Singabakhonzi abangancedi lutho; Kwathi ekuhambeni kwakhe ukuya eYerusalem, wacanda phakathi kwelaseSamariya nelaseGalili. Akuba engene mzini uthile, amhlangabeza amadoda alishumi aneqhenqa, amela mgama. Wona aphakamisa ilizwi, esithi, Yesu, Nkosi, senzele inceba. Ewabonile ke, wathi kuwo, Hambani niye kuzibonakalalisa kubabingeleli. Kwathi ke, ekuhambeni kwabo, bahlanjululwa. Ithe ke enye kuwo, yakubona ukuba iphilisiwe, yabuya imzukisa uThixo ngezwi elikhulu. Yawa ngobuso ezinyaweni zakhe, ibulela kuye; yaye yona ingumSamariya. Uphendule ke uYesu wathi, Bebengahlanjululwanga balishumi na? Baphi na ke abalithoba? Akufumanekanga na babuyileyo, besiza kuzukisa uThixo, ngulo wolunye uhlanga yedwa na? Wathi kuyo, Vuka, uhambe; ukholo lwakho lukusindisile. Ke kaloku, akubuzwa ngabaFarisi ukuba ubukumkani bukaThixo buya kufika nini na, wabaphendula wathi, Ubukumkani bukaThixo abufiki bunokulolongeka. Kananjalo abasayi kuthi, Nanku apha! okanye, nankuya phaya! Kuba, yabonani, ubukumkani bukaThixo bungaphakathi kwenu. Wathi ke kubo abafundi, Kuya kufika mihla, niya kunqwenela ngayo ukuwubona noko umnye umhla woNyana woMntu, ningawuboni; baya kuthi ke kuni, Nanku apha; nokuba, yabonani; musani ukubalandela, ningawalandeli; Kuba kwanjengokuba umbane ubaneka, uphuma kwelinye icala eliphantsi kwezulu, ukhanye usingise kwelinye eliphantsi kwezulu; uya kuba njalo uNyana woMntu ngomhla wakhe. Kodwa kuqala umelwe kukuthi eve ubunzima obukhulu, alahlwe sesi sizukulwana. Njengokuba kwaye kuhle ngemihla kaNowa, koba kwanjalo nangemihla yoNyana woMntu. Babesidla, babesela, babezeka, babesendisa, kwada kwayimini awangena ngayo uNowa emkhombeni, wafika unogumbe, wabatshabalalisa bonke. Kwaba kwanjalo nangemihla kaLothe; babesidla, babesela, babethenga, babethengisa, babetyala, babesakha; Kodwa ngemini awaphuma ngayo uLote eSodom, kwana umlilo nesulfure ezulwini, batshatyalaliswa bonke. Kuya kuba kwanjengoko ngemini atyhileka ngayo uNyana woMntu. Ngaloo mini, oya kuba phezu kwendlu, zibe iimpahla zakhe zisendlwini, makangehli aye kuzithabatha; nosentsimini makangabuyeli emva. Khumbulani umkaLote. Othe wafuna ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; yaye othe wawulahla umphefumlo wakhe, wowusindisa. Ndithi kuni, Ngobo busuku ababini boba sililini sinye; omnye amkelwe, omnye ashiywe. Abafazi ababini boba besila ndawonye; omnye amkelwe, omnye ashiywe. Amadoda amabini aya kube esentsimini; omnye amkelwe, omnye ashiywe. Baphendula ke bathi kuye, Phi na, Nkosi? Wathi ke kubo, Apho ukhoyo umzimba, aya kuhlanganisana khona amaxhalanga.

ULUKA 17:4-37 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

ewe ukuba uyona ngakuwe kasixe̔nxe ngamini nye, ati kasixe̔nxe ngamini nye abuye eze kuwe, esiti: Ndiyaguquka; uya kumxolela. Baza abapostile bati KWINKOSI: Yongezelela ukolo lwetu. Yayisiti INKOSI: Ukuba nibe ninokolo olungangokozo lwembewu yemositade, ngeniba nisiti kulomti wesikamine: Yiba udonyulwa, ube utyalwa pakati kwolwandle; wabuya kuba univile ke. Kodwa ngubanina kuni enesicaka silima, umhlaumbi sisalusa, oya kwandula ukuti kuso, sakungena sivela entsimini: Sondela, uhlale pantsi? Akayi kuti ngokukumbi kuso: Lungisa into endiya kusenza isidlo sokuhlwa ngayo, uze uzibinqe, undikonze, ndide ndigqibe ukutya nokusela; woti emveni kwoko utye usele nawe? Uyasibulela na isicaka eso, ngokokuba senza izinto esasimiselwe zona? Ndiba akayi kubulela. Kwa njalo nani, xeshekweni nizenzile zonke izinto enanimiselwe zona, yitini: Sizizicaka ezingancedi luto: sikwenzile oko sibe sifanelwa kukukwenza. Kwaza kwati, nxa ebehambela e‐Yerusaleme, wacanda pakati kwe‐Samariya ne‐Galili. Kekaloku esakungena emzini otile, kwamkaulela amadoda alishumi angamaleperi, ema kude. Aza apakamisa ilizwi, esiti: Yesu, Nkosi, yiba netaṙu kuti! Waza akuwabona wati kuwo: Hambani niye nizibonakalise kubaperisite. Kwaza kwati, nxa ebesiya, ahlanjululwa. Yati ke enye kuwo, yakubona ukuba ipilisiwe, yabuya, imdumisa UTIXO ngelizwi elikulu, yeza yawa ngobuso ngasezinyaweni zake, imbulela: yaibe yona ingum‐Samariya. Wapendula u‐Yesu wati: Bebengahlanjululwanga abalishumi na? abalitoba pofu bapina? akufunyanwanga ababuyayo ukuza kumnika UTIXO udumo, kupela lomntu wolunye uhlanga. Waza wati kuye: Pakama, uhambe; ukolo lwako lukupilisile. Kekaloku akubuzwa ngabafarisi, buza ninina ubukumkani BUKATIXO, wabapendula, wati: Abuzi ubukumkani BUKATIXO ngokugqalelweyo. Akuyi kutshiwo nokutiwa: Nabu apa; umhlaumbi: Nabuya paya; ngokuba, bona ke, ubukumkani BUKATIXO bupakati kwenu. Waza wati kubadisipile: Iya kufika imihla, okuya niya kunqwenela ukubona ube mnye wemihla yonyana wesintu, naningayi kuwubona ke. Kwotshiwo kuni nokutiwa: Nanku apa; umhlaumbi: Nankuya paya; ize ningemki, ningaputumi kanjalo. Ngokuba, kwa njengokuba umbane, obanekayo kwelinye icala pantsi kwezulu, ukanyela kwelinye icala pantsi kwezulu, woba njalo nonyana wesintu ngomhla wake. Kodwa kuqala ufanele ukuva intlungu ezininzi, nokulahlwa sesisizukulwana. Nanjengokuba bekusihla emihleni ka‐Nowa, kwoba njalo nasemihleni yonyana wesintu: bebesidla, bebesela, bebezeka, bebesendiswa, kwada kwaba ngumhla u‐Nowa wangena ngawo enqanaweni, kweza nomsingakazi, wabatshabalalisa kwa bonke. Kwoba njalo nanjengokuba bekusihla emihleni ka‐Lote: bebesidla, bebesela, bebetenga, bebetengisa, bebetyala, bebesaka; kodwa ngomhla wapuma ngawo u‐Lote e‐Sodome, kwana umlilo nesufure zivela ezulwini, zabatshabalalisa kwa bonke. Kwoba ngokunje ngomhla aya kuvela unyana wesintu. Kulowo umhla, oya kuba pezu kwentungo yendlu, nempahla zake endlwini, makangehli ukuya kuzisusa: nalowo usentsimini, kwa njalo makangabuyeli kokwasemva. Kumbulani umfazi ka‐Lote. Ngokuba lowo usukuba efuna ukulondoloza ubomi bake, buya kumlahleka; nosukuba elahlekana nobomi bake, wobugcina buhleli. Nditi kuni: Kobobusuku kwobako amadoda amabini pezu kwesihlalo sinye; yotatyatwa enye, ishiywe enye. Abafazi ababini boba besila ndawonye; wotatyatwa omnye, ashiywe omnye. Amadoda amabini obako entsimini; yotatyatwa enye, ishiywe enye. Baza bapendula bati kuye: Pina, Nkosi? Wayesiti kubo: Apo ukona umzimba, kulapo aya kubutelana kona amaxalanga.