Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ivangeli ka‐Luke 17:4-37

Ivangeli ka‐Luke 17:4-37 XHO1902A

ewe ukuba uyona ngakuwe kasixe̔nxe ngamini nye, ati kasixe̔nxe ngamini nye abuye eze kuwe, esiti: Ndiyaguquka; uya kumxolela. Baza abapostile bati KWINKOSI: Yongezelela ukolo lwetu. Yayisiti INKOSI: Ukuba nibe ninokolo olungangokozo lwembewu yemositade, ngeniba nisiti kulomti wesikamine: Yiba udonyulwa, ube utyalwa pakati kwolwandle; wabuya kuba univile ke. Kodwa ngubanina kuni enesicaka silima, umhlaumbi sisalusa, oya kwandula ukuti kuso, sakungena sivela entsimini: Sondela, uhlale pantsi? Akayi kuti ngokukumbi kuso: Lungisa into endiya kusenza isidlo sokuhlwa ngayo, uze uzibinqe, undikonze, ndide ndigqibe ukutya nokusela; woti emveni kwoko utye usele nawe? Uyasibulela na isicaka eso, ngokokuba senza izinto esasimiselwe zona? Ndiba akayi kubulela. Kwa njalo nani, xeshekweni nizenzile zonke izinto enanimiselwe zona, yitini: Sizizicaka ezingancedi luto: sikwenzile oko sibe sifanelwa kukukwenza. Kwaza kwati, nxa ebehambela e‐Yerusaleme, wacanda pakati kwe‐Samariya ne‐Galili. Kekaloku esakungena emzini otile, kwamkaulela amadoda alishumi angamaleperi, ema kude. Aza apakamisa ilizwi, esiti: Yesu, Nkosi, yiba netaṙu kuti! Waza akuwabona wati kuwo: Hambani niye nizibonakalise kubaperisite. Kwaza kwati, nxa ebesiya, ahlanjululwa. Yati ke enye kuwo, yakubona ukuba ipilisiwe, yabuya, imdumisa UTIXO ngelizwi elikulu, yeza yawa ngobuso ngasezinyaweni zake, imbulela: yaibe yona ingum‐Samariya. Wapendula u‐Yesu wati: Bebengahlanjululwanga abalishumi na? abalitoba pofu bapina? akufunyanwanga ababuyayo ukuza kumnika UTIXO udumo, kupela lomntu wolunye uhlanga. Waza wati kuye: Pakama, uhambe; ukolo lwako lukupilisile. Kekaloku akubuzwa ngabafarisi, buza ninina ubukumkani BUKATIXO, wabapendula, wati: Abuzi ubukumkani BUKATIXO ngokugqalelweyo. Akuyi kutshiwo nokutiwa: Nabu apa; umhlaumbi: Nabuya paya; ngokuba, bona ke, ubukumkani BUKATIXO bupakati kwenu. Waza wati kubadisipile: Iya kufika imihla, okuya niya kunqwenela ukubona ube mnye wemihla yonyana wesintu, naningayi kuwubona ke. Kwotshiwo kuni nokutiwa: Nanku apa; umhlaumbi: Nankuya paya; ize ningemki, ningaputumi kanjalo. Ngokuba, kwa njengokuba umbane, obanekayo kwelinye icala pantsi kwezulu, ukanyela kwelinye icala pantsi kwezulu, woba njalo nonyana wesintu ngomhla wake. Kodwa kuqala ufanele ukuva intlungu ezininzi, nokulahlwa sesisizukulwana. Nanjengokuba bekusihla emihleni ka‐Nowa, kwoba njalo nasemihleni yonyana wesintu: bebesidla, bebesela, bebezeka, bebesendiswa, kwada kwaba ngumhla u‐Nowa wangena ngawo enqanaweni, kweza nomsingakazi, wabatshabalalisa kwa bonke. Kwoba njalo nanjengokuba bekusihla emihleni ka‐Lote: bebesidla, bebesela, bebetenga, bebetengisa, bebetyala, bebesaka; kodwa ngomhla wapuma ngawo u‐Lote e‐Sodome, kwana umlilo nesufure zivela ezulwini, zabatshabalalisa kwa bonke. Kwoba ngokunje ngomhla aya kuvela unyana wesintu. Kulowo umhla, oya kuba pezu kwentungo yendlu, nempahla zake endlwini, makangehli ukuya kuzisusa: nalowo usentsimini, kwa njalo makangabuyeli kokwasemva. Kumbulani umfazi ka‐Lote. Ngokuba lowo usukuba efuna ukulondoloza ubomi bake, buya kumlahleka; nosukuba elahlekana nobomi bake, wobugcina buhleli. Nditi kuni: Kobobusuku kwobako amadoda amabini pezu kwesihlalo sinye; yotatyatwa enye, ishiywe enye. Abafazi ababini boba besila ndawonye; wotatyatwa omnye, ashiywe omnye. Amadoda amabini obako entsimini; yotatyatwa enye, ishiywe enye. Baza bapendula bati kuye: Pina, Nkosi? Wayesiti kubo: Apo ukona umzimba, kulapo aya kubutelana kona amaxalanga.