ULUKA 13:11-12
ULUKA 13:11-12 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kwabonakala kukho ntokazi ibinomoya wobulwelwe iminyaka elishumi elinesibhozo; yaye igobile, ingenako kanye ukuziphakamisa. Eyibonile ke uYesu, wayibiza wathi kuyo, Ntokazindini, khululeka ebulwelweni bakho.
ULUKA 13:11-12 IBHAYIBHILE (XHO96)
Apho kwakukho umfazi owayenendimoni eyamgulisa iminyaka elishumi elinesibhozo. Wayegobile, engenako mpela ukuma nkqo. Akuba uYesu embonile, wambiza, wathi kuye: “Mfazi, ukhululekile ebulwelweni bakho.”
ULUKA 13:11-12 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kwabonakala kukho ntokazi ibinomoya Wobulwelwe iminyaka elishumi elinesibhozo; yaye igobile, ingenako kanye ukuziphakamisa. Eyibonile ke uYesu, wayibiza wathi kuyo, Ntokazindini, khululeka ebulwelweni bakho.
ULUKA 13:11-12 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
kwaye kuko, bona ke, umfazi obenomoya wobulwelwe iminiyaka yalishumi linesibozo, owabegobile, wakohlwa kanye ukuzipakamisa. Wati u‐Yesu akumbona, wambiza, wati kuye: Mfazi! ukululwe ebulwelweni bako.