Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 11:1-13

ULUKA 11:1-13 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Kwathi, esendaweni ethile ethandaza, akupheza, wathi othile wakubafundi bakhe kuye, Nkosi, sifundise ukuthandaza, kwanjengoko uYohane wabafundisayo abafundi bakhe. Uthe ke yena kubo, Xa sukuba nithandaza, yithini, Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini. Siphe imihla yonke isonka sethu semihla ngemihla, usixolele izono zethu; kuba nathi sibaxolela bonke abanamatyala kuthi. Ungasingenisi ekulingweni; sihlangule enkohlakalweni. Wathi kubo, Nguwuphi na kuni ongáthi, enomhlobo, aze aye kuye phakathi kobusuku, athi kuye, Sihlobo, ndiboleke izonka zibe zithathu; kuba ke umhlobo wam uphambukele kum eseluhambeni, ndaye ndingenanto ke ndingayibeka phambi kwakhe; aze asuke lowo ungaphakathi aphendule athi, Musa ukundaphula; seluvaliwe ucango, nabantwana bam basesililini nam; andinako ukuvuka ndikunike? Ndithi kuni, Nokuba akayi kuvuka amnike, ngakuba engumhlobo wakhe, noko ngenxa yozingiso lwakhe olungenantloni wovuka, amnike inani alisweleyo. Nam ndithi kuni, Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa. Kuba wonke umntu ocelayo, uyazuza; nalowo ufunayo, uyafumana; nalowo unkqonkqozayo, uya kuvulelwa. Nguwuphi na ke uyise kuni oya kuthi, unyana akucela isonka, amnike ilitye; athi akucela intlanzi, amnike inyoka endaweni yentlanzi? Athi, ukuba uthe wacela iqanda, amnike unomadudwane? Ukuba ke ngoko nina, ningendawo nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo wasemazulwini, ukugqithisela ukubapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo?

ULUKA 11:1-13 IBHAYIBHILE (XHO96)

Ke kaloku uYesu wayethandaza ndaweni ithile; kwathi akugqiba, omnye kubafundi bakhe wathi kuye: “Nkosi, sifundise ukuthandaza, kwanjengoko uYohane wabafundisayo ukuthandaza abakhe abafundi.” Wathi ke kubo uYesu: “Xa nithandazayo yithini: “ ‘Bawo, malaziwe lihlonelwe igama lakho; malongame ulawulo lwakho. Hlala usibonelela kwiintswelo zethu zemihla ngemihla; usixolele izono zethu, kuba nathi sibaxolela bonke abanamatyala kuthi; ungasiyekeli ekulingweni.’ ” Ke uYesu wathi kubo: “Ukuba ngaba ubani kuni uya kumhlobo wakhe ezinzulwini zobusuku, athi kuye: ‘Sihlobo, ndiboleke izonka zibe zithathu, kuba ndinomhlobo ophambukele kum eseluhambeni, kanti andinanto ityiwayo ndingamnika yona;’ ngekhe kwenzeke ukuba lowo ungaphakathi aphendule athi: ‘Sukundikhathaza; sendivalile emnyango; mna nabantwana bam sesilele; andinako ukuvuka ndikunike.’ Ndithi kuni, nokuba akayi kuvuka amnike ngakuba engumhlobo wakhe, noko wothi ngenxa yokuzingisa kwakhe ecela, avuke amnike ezo zonka. “Mna ke ngoko ndithi kuni: Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa; kuba wonke umntu ocelayo uyazúza, nalowo ufunayo uyafumana, nalowo unkqonkqozayo wovulelwa. Ngubani na kuni onokuthi enonyana ocela intlanzi, asuke amnike inyoka, okanye athi, ecela iqanda, asuke amnike unomadudwane? Ukuba ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi yena uYihlo osezulwini ukugqithisela ukubapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo?”

ULUKA 11:1-13 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Kwathi, esendaweni ethile ethandaza, akupheza, wathi omnye umfundi wakhe kuye, Nkosi, sifundise ukuthandaza, kwanjengoko uYohane wabafundisayo abafundi bakhe. Wathi kubo, Xa sukuba nithandaza, yithini, Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini. Siphe imihla ngemihla isonka sethu semihla ngemihla. Sixolele izono zethu; kuba nathi sibaxolela bonke abanamatyala kuthi. Ungasingenisi ekuhendweni; usihlangule ebubini. Wathi kubo, Nguwuphi na kuni ongathi, enomhlobo, aze aye kuye phakathi kobusuku, athi kuye, Sihlobo, ndiboleke izonka zibe zithathu; kuba ke umhlobo wam uphambukele kum eseluhambeni, ndaye ndingenanto ke ndingayibeka phambi kwakhe? Aphendule lowo wangaphakathi athi, Musa ukundikhathaza; seluvaliwe ucango, nabantwana bam basesililini nam; andinako ukuvuka ndikunike. Ndithi kuni, Nokuba akayi kuvuka amnike, ngakuba engumhlobo wakhe, noko ngenxa yozingiso lwakhe olungenantloni wovuka, amnike inani alisweleyo. Nam ndithi kuni, Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa. Kuba wonke umntu ocelayo, uyazuza; nalowo ufunayo, uyafumana; nalowo unkqonkqozayo uya kuvulelwa. Nguwuphi na ke uyise kuni oya kuthi, unyana akucela isonka, amnike ilitye; Athi, ukuba uthe wacela intlanzi, amnike inyoka esikhundleni sentlanzi? Athi, ukuba uthe wacela iqanda, amnike unomadudwane? Ukuba ke ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo osemazulwini ukugqithisela ukubapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo?

ULUKA 11:1-13 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

KWAZA kwati, nxa ebesendaweni etile etandaza, akupeza, wati omnye wakubadisipile bake kuye: Nkosi! sifundise tina ukutandaza, njengokuba no‐Johane wafundisa abadisipile bake. Wayesiti kubo: Xeshekweni nitandazayo, yitini: Bawo wetu osezulwini! Malipatwe ngobungcwele igama lako. Ubukumkani bako mabufike. Intando yako mayenziwe emhlabeni, njengokuba isenziwa ezulwini. Sipe imihla ngemihla ukutya kwetu kwemihla ngemihla. Usixolele izono zetu; ngokuba nati sixolela bonke abonayo kuti. Ungasingenisi ekulingweni, zusisindise enkohlakalweni. Waza wati kubo: Nguwupina kuni oya kuba nomhlobo, waeya kuya kuye pakati kwobusuku, aze ati kuye: Mhlobo! ndiboleke izonka zibe zitatu; ngokokuba umhlobo wam efikile kum evela ekuhambeni, endingenanto yokubeka pambi kwake: aze lowo upakati apendule ati: Ungandikatazi; ucango seluvaliwe, nabantwana bam bako nam endaweni yokulala; andingevuke ndikunike? Nditi kuni: Nokuba akayi kuvuka amnike, ngenxa yokuba engumhlobo wake, woti noko, ngenxa yokujoka kwake, avuke amnike zonke azifunayo. Kanjalo nditi mna kuni: Celani, naniya kupiwa; funani, naniya kufumana; qongqotani, naniya kuvulelwa. Ngokuba bonke abacelayo besamkela, nofunayo uyafumana, noqongqotayo uya kuvulelwa. Nguwupina wakuni onguyise, oya kuti, ukuba unyana wake uya kucela kuye isonka, amnikele ilitye? nokuba uya kucela intlanzi, endaweni yentlanzi amnikele inyoka? umhlaumbi nokuba uyacela iqanda, amnikele unomadudwane? Ngako ukuba nina, nikohlakele nje, niyazi ukupa abantwana benu izipo ezilungileyo, kwoba kangakananina ngakumbi aya kuti UYIHLO wasezulwini ape abo bacelayo kuye UMOYA OYINGCWELE?