Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ivangeli ka‐Luke 11:1-13

Ivangeli ka‐Luke 11:1-13 XHO1902A

KWAZA kwati, nxa ebesendaweni etile etandaza, akupeza, wati omnye wakubadisipile bake kuye: Nkosi! sifundise tina ukutandaza, njengokuba no‐Johane wafundisa abadisipile bake. Wayesiti kubo: Xeshekweni nitandazayo, yitini: Bawo wetu osezulwini! Malipatwe ngobungcwele igama lako. Ubukumkani bako mabufike. Intando yako mayenziwe emhlabeni, njengokuba isenziwa ezulwini. Sipe imihla ngemihla ukutya kwetu kwemihla ngemihla. Usixolele izono zetu; ngokuba nati sixolela bonke abonayo kuti. Ungasingenisi ekulingweni, zusisindise enkohlakalweni. Waza wati kubo: Nguwupina kuni oya kuba nomhlobo, waeya kuya kuye pakati kwobusuku, aze ati kuye: Mhlobo! ndiboleke izonka zibe zitatu; ngokokuba umhlobo wam efikile kum evela ekuhambeni, endingenanto yokubeka pambi kwake: aze lowo upakati apendule ati: Ungandikatazi; ucango seluvaliwe, nabantwana bam bako nam endaweni yokulala; andingevuke ndikunike? Nditi kuni: Nokuba akayi kuvuka amnike, ngenxa yokuba engumhlobo wake, woti noko, ngenxa yokujoka kwake, avuke amnike zonke azifunayo. Kanjalo nditi mna kuni: Celani, naniya kupiwa; funani, naniya kufumana; qongqotani, naniya kuvulelwa. Ngokuba bonke abacelayo besamkela, nofunayo uyafumana, noqongqotayo uya kuvulelwa. Nguwupina wakuni onguyise, oya kuti, ukuba unyana wake uya kucela kuye isonka, amnikele ilitye? nokuba uya kucela intlanzi, endaweni yentlanzi amnikele inyoka? umhlaumbi nokuba uyacela iqanda, amnikele unomadudwane? Ngako ukuba nina, nikohlakele nje, niyazi ukupa abantwana benu izipo ezilungileyo, kwoba kangakananina ngakumbi aya kuti UYIHLO wasezulwini ape abo bacelayo kuye UMOYA OYINGCWELE?