UYOSHUWA 6:17
UYOSHUWA 6:17 IBHAYIBHILE (XHO96)
Isixeko, nayo yonke into ekuso, kufuneka zitshatyalaliswe mpela, zibe ngumnikelo kuNdikhoyo ngomlilo. NguRahabhi ihenyukazi yedwa kunye nabantu bakowabo amabasindiswe, kuba yena wazifihla iintlola zethu.
UYOSHUWA 6:17 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Lo mzi woba yinto esingelwe phantsi kuYehova, wona nento yonke ekuwo; kuphela nguRahabhi ihenyukazi yedwa owodla ubomi, yena nento yonke ekuye endlwini yakhe; ngokuba wabazimeza abathunywa esabathumayo.
UYOSHUWA 6:17 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Isixeko siya kuba sisiqalekiso kuYehova, sona nento yonke ekuso; kuphela nguRahabhi ihenyukazi yedwa owodla ubomi, yena nento yonke ekuye endlwini yakhe; ngokuba wabazimezayo abathunywa esabathumayo.
UYOSHUWA 6:17 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Soba yinto elahlelwe ekutshatyalalisweni esisixeko, kwa sona nako konke okukuso, KUYEHOVA: kupela u‐Rakabi, umpinyiswa, uya kudla ubomi, yena nabo bonke abanaye endlwini, ngokuba ebezifihla izigidimi esazitumayo.