UYOSHUWA 10:13
UYOSHUWA 10:13 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Lathi nqumama ke ilanga, yema inyanga, Lwada uhlanga lwaziphindezelela ezintshabeni zalo. Oku akubhalwanga na eNcwadini yOthe Tye? Lema ke ilanga esazulwini sezulu, alangxama ukutshona, yangathi yimini iphela.
UYOSHUWA 10:13 IBHAYIBHILE (XHO96)
Lema bhunxe ilanga, nenyanga nayo ayahamba, kwada kwaba aloyisile utshaba amaSirayeli.” Oku kwenzeka njengoko kuxeliwe kwiNcwadi kaYashare. Ilanga lema bhunxe embindini wesibhakabhaka, alakhawuleza ukutshona isithuba esingangemini iphela.
UYOSHUWA 10:13 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Lama ilanga, yema inyanga, bada abantu baziphindezela impindezelo ezintshabeni zabo. Xa ndithi, kubhaliwe na encwadini yeYazere? Ilanga lema lingashukumi embindini wesibhakabhaka, lingangxamelanga ukutshona, phantse imini yonke.
UYOSHUWA 10:13 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Laza lenqumama ilanga, yahlala nenyanga, bada abantu bazipindezelela kwintshaba zabo. Akuba̔lwanga na oku encwadini ka‐Yashere? Kwa njalo ilanga lati nqumama ngasekuhlanganeni kwezulu, linganxamanga ukutshona nje wanga ngumhla upela.